Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 10:1-21

UYOHANE 10:1-21 XHO96

“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.” UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo. “Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe. Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe. Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumntu nje oqeshiweyo engazikhathalele iigusha. Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam. Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye. “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane. Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.” Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani. Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?” Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”