Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

UYOHANE 10:1-21

UYOHANE 10:1-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. Umgcini-sango uyamvulela lowo; zithi nezimvu zilive izwi lakhe, azibize ezakhe izimvu ngamagama, azikhokelele phandle zona. Xa athe wazikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zithi nezimvu zimlandele; ngokuba zilazi izwi lakhe. Ke owasemzini azingemlandeli; zosuka zimbaleke, ngokuba zingalazi izwi labasemzini. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. Wabuya wathi ngoko kubo uYesu, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. Bonke abezáyo ngaphambi kwam bangamasela nezihange; ke zona izimvu azibevanga. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo, ubomi bakhe ubuncamela izimvu. Ke yena ongumqeshwa, engengumalusi, ezingezizo ezakhe izimvu, uyibona ingcuka isiza, azishiye izimvu, abaleke, ize ingcuka izibambe, izichithachithe izimvu. Umqeshwa lo ke ubaleka ngokuba engumqeshwa, engazikhathalele izimvu. Ndim umalusi olungileyo; ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. Njengokuba endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti; nazo ezo ndimelwe kukuza nazo; zaye ziya kuliva izwi lam, zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama mna ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Únedemon, úyageza; yini na ukuba nimphulaphule? Abanye babesithi, La mazwi asingawo awophethwe yidemon: idemon ingaba inako yini na ukuvula amehlo emfama?

UYOHANE 10:1-21 IBHAYIBHILE (XHO96)

“Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.” UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele. Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo. “Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe. Kodwa umqeshwa, ongenguye umninizo, owalusa nje kwagusha, uthi akubona ingcuka isiza, abaleke, azishiye; ifike ke ingcuka, izibambe iigusha, izichitha-chithe. Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumntu nje oqeshiweyo engazikhathalele iigusha. Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam. Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye. “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane. Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.” Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani. Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?” Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”

UYOHANE 10:1-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Inene, inene, ndithi kuni, Ongangeniyo ngalo isango ebuhlantini bezimvu, osuka akhwele ngandawo yimbi, lowo ulisela nesihange. Ke yena ongena ngalo isango ngumalusi wezimvu. Umgcini-sango uyamvulela lowo; nezimvu ziyaliva ilizwi lakhe, azibize ezakhe ngamagama, azikhokelele phandle. Athi akuzikhupha ezakhe izimvu, uhamba phambi kwazo, zize izimvu zimlandele, ngokuba ziyalazi izwi lakhe. Ke owasemzini aziyi kumlandela; ziya kusaba kuye; ngokuba azilazi ilizwi labasemzini. Lo mzekeliso wawuthetha kubo uYesu; ke bona abaziqondanga ukuba zizinto zini na ezo abezithetha kubo. Waphinda ngoko uYesu wathi kubo, Inene, inene, ndithi kuni, Ndim isango lezimvu. Bonke abafika ngaphambi kwam bangamasela nezihange, kodwa izimvu azibeva. Ndim isango; ukuba umntu uthe wangena ngam, wosindiswa; uya kungena ephuma, afumane utyani. Isela alizi lingazele ukuze libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokugqithiseleyo. Ndim umalusi olungileyo; umalusi olungileyo ubuncamela izimvu ubomi bakhe. Ungumqeshwa, engenguye umalusi, o izimvu ezingezizo ezakhe, uthi akubona ingcuka isiza, azishiye izimvu, asabe; Umqeshwa lo ke ubaleka kuba engumqeshwa engazikhathalele izimvu. Ndim umalusi olungileyo, ndiyazazi ezam, ndiyaziwa zezam. Njengoko endazi uBawo, nam ndiyamazi uBawo, nobomi bam ndibuncamela izimvu. Ndinazo nezinye izimvu, ezingezizo ezobu buhlanti. Kwanazo ndimelwe kukuzizisa; zaye ziya kuliva ilizwi lam; zibe mhlambi mnye, nomalusi abe mnye. Ngenxa yoku uBawo uyandithanda; ngokuba mna ndibuncama ubomi bam, ukuze ndibuye ndibuthabathe. Akukho namnye ubuhluthayo kum, ndiyabuncama ngokwam; ndinegunya lokubuncama, ndinegunya lokubuya ndibuthabathe; lo mthetho ndawamkela kuBawo. Abuya ngoko amaYuda athi qheke kubini ngenxa yala mazwi. Yayisithi ke into eninzi kuwo, Unedemon, uyageza; yini na ukuba nimphulaphule? Abanye bathi, La mazwi asingowomntu unendimoni. Idemon inako na ukuwavula amehlo eemfama?

UYOHANE 10:1-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Lowo ungangeniyo ngesango esibayeni sezimvu, koko ekwela ngayimbi indawo, oyena ulisela nebada. Kodwa lowo ungenayo ngesango, ungumalusi wezimvu. Lo umgcinisango uyamvulela; nelizwi lake izimvu ziyaliva: nezake izimvu uyazibiza ngegama ngegama, azikokele pandle. Naxeshekweni aziku̔payo ezake izimvu, uyahamba pambi kwazo; ziti izimvu zimlandele, ngokuba zilazi ilizwi lake. Kodwa owasemzini azisayi kumlandela, koko ziya kubaleka kuye; ngokuba zingalazi ilizwi labasemzini. Lomzekeliso u‐Yesu wawuteta kubo: kodwa bona abaqonda ukuba zibe zisiti nina ezozinto wabeziteta kubo. Wati ngoko u‐Yesu kubo kanjako: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: Mna ndililo isango lezimvu. Bonke abo abezayo ndingekabiko mna, bangamasela namabada: koko izimvu zingabevanga. Mna ndililo isango: xeshekweni umntu angena ngam, uya kusindiswa; waeya kungena apume nokupuma, afumane nedlelo. Olisela uyeza ukuba ebe̔, abulale, atshabalalise, kupela: ndeza mna ukuba babe nobomi, nokuba babe nabo ngobuninzi. Mna ndinguye umalusi olungileyo: ongumalusi olungileyo ubomi bake uyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. Kodwa ongumqeshwa, engengumalusi nje, lowo izimvu zingezezake, uyayibona incu̔ka isiza, azishiye izimvu, abaleke; ize iti incu̔ka iziqwenge, izici̔te izimvu. Kekaloku ongumqeshwa uyabaleka, ngokuba engumqeshwa, engayikataleli izimvu ke. Mna ndinguye umalusi olungileyo; nezamizimvu ndiyazazi, kanjalo ndiyaziwa zezam, njengokuba UBAWO endazi mna, nam ndimazi UBAWO; nobomi bam ndiyabubeka pantsi ngenxa yazo izimvu. Nezinye izimvu ndinazo, ezingezezakuso isibaya esi; ezo nazo ndifanele ukuzizisa, nelizwi lam ziya kuliva; kwakuya kubako umhlambi umnye, nomalusi emnye. Ngenxa yoku UBAWO uyanditanda, ukuba ndibubeka pantsi ubomi bam, ukuze ndibuye ndibutabate. Akuko mntu ondihluta bona, koko ndibubeka pantsi ngokwam. Ndinegunya lokuba ndibubeke pantsi, ndinegunya lokuba ndibuye ndibutabate kanjalo. Lomyalelo ndawamkela KUBAWO. Kwabako impambano ngoko kanjako pakati kwama‐Juda ngenxa yeziteto ezi. Bati ke abaninzi kuwo: Unedemoni, uyageza; yinina ukuba nimve? Bati abanye: Lamazwi akangawalowo ungenelwe yidemoni. Idemoni ingavula amehlo abazimfama na?