U‐Jeremiya 6
6
1Yenzani intsabo, lusapo luka‐Benjamine! kwa pakati kwe‐Yerusaleme; nivutele ngexilongo e‐Tekoha, nipakamise umqondiso womlilo e‐Bete?-?kereme: ngokuba ilishwa libonakala livela enode, nembujiswa enkulu. 2Ndiya kutshabalalisa intombi yase‐Ziyone, eyinzwakazi ebubetyebetye. 3Abalusi baya kuza kuyo, kwa nemihlambi yabo; baya kumisa intente zabo ngakuyo ngento engqongayo; baya kwalusa abanye ngabanye endaweni yabo. 4Lungisani ukulwa ngakuyo; sukani, sinyuke emini enkulu: hai usizi lwetu! ngokuba imini isangene, ngokuba amatunzi okuhlwa olukile. 5Sukani, sinyuke ebusuku, sicite ingxande zayo.
6Ngokuba etshilo uyehova wemikosi ukuti: Nqumlani imiti, niposele udonga ngakuyo i‐Yerusaleme: siso isixeko esifanele ukwohlwaywa sipela; imbandezelo ipakati kwaso. 7Njengokuba umtombo umpompozisa amanzi awo, kwa njalo yona iyampompozisa inkohlakalo yayo; ubudlwengu nokubada kuyaviwa kuyo; intlungu namanxeba apambi kwam futi. 8Yiba ufundiswa, Yerusaleme! hleze umpefumlo wam uqipukelane nawe; hleze ndikwenze ingcitakalo, ilizwe elingemiwayo.
9Utsho uyehova wemikosi ukuti: Baya kugqibela ukusibikica, njengomti weveyine, isisalela so‐Sirayeli; sibuyisele ezityeni isandla sako, njengomvuni wedreyive. 10Ndiya kuteta kobanina, ndibayale, ukuba beve? bona ke, indlebe yabo iyengalukileyo, baze bakohlwe kukupulapula; bona ke, ilizwi likayehova lisisigxekwa kubo; abanyamekeli lona. 11Ngako ndizele bubuṙalaṙume bukayehova, ndidiniwe kukunyamezela; ndobugalela pezu kwabantwana ngapandle, napezu kwesihlelo samadodana kunye: okunene kwa nendoda nomfazi baya kubanjwa, omdala nalowo uzeleyo yimihla. 12Izindlu zabo ziya kujikiselwa kwabanye, amasimi nabafazi kwa kunye: ngokuba ndiya kwolula isandla sam pezu kwabemi belizwe, utsho uyehova. 13Ngokuba, kwa kuye omncinane wabo kude kube kuye omkulu wabo, bonke bebawela inzuzo engalungileyo; kanjalo kwa kuye umprofite kude kube kuye umperisite, bonke bayenza ngobuxoki. 14Ngokuba bepilisa isapuko sentombi yabantu bam ngendawo elula, besiti: Uxolo, uxolo; nxa kungeko luxolo. 15Bebedanile na, ngokokuba benzile into eyintshontsho? Abake badana nakanye, abakwazi nokuva intloni: ngako oko baya kuwa pakati kwabo abawayo; ngexesha ndibohlwayayo boku̔beka, utsho uyehova.
16Utsho uyehova ukuti: Yimani ezindleleni, nikangele, nibuzele imizila yakudala, ipina ke indlela elungileyo, nihambe kuyo, naniya kufumanela imipefumlo yenu ukwonwaba. Kodwa bati: Asiyi kuhamba kuyo. 17Kanjako ndamisa pezu kwenu abalindi, besiti: Pulapulani kuyo intlokoma yexilongo. Kodwa bati: Asiyi kupulapula.
18Ngako oko, yivani, zizwe! wazi ke, ntlanganiso! into epakati kwabo. 19Yiva, mhlaba! bona ke, ndiya kuzisa ilishwa pezu kwababantu, isixakato sawabo amaqinga; ngokuba bengawapulapulanga amazwi am, nomteto wam bawulahlile. 20Yinto nina ke kum, ukuba intlakamhlope ivela e‐Sheba, nekalame emnandi ezweni elikude? Amadini okutshiswa enu akakolekile, nemibingo yenu ayiyolile kum. 21Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kubekela ababantu iziku̔bekiso, babeya kuku̔beka pezu kwazo oyise nonyana kwa kunye, ummelwane nomhlobo wake, babube.
22Utsho uyehova ukuti: Bona ke, abantu baya kuza bevela elizweni lasenode, isizwe esikulu siya kuvuswa emacaleni omhlaba. 23Bapete isipeta nomkonto, babukali, bengenanceba; ilizwi labo liyagquma njengolwandle, bayakwela pezu kwamahashe; sebecwangcisiwe, njengamadoda ecwangciselwe ukulwa, ngakuwe, ntombi yase‐Ziyone! 24Sivile udumo lwabo, izandla zetu zipolelwe; ututumbelo lusibambile, ubuhlungu njengobomfazi oza kuzala. 25Ningapumeli endle, ningahambi endleleni kanjalo; ngokuba utshaba lunesiṙele, isoyikiso singamacala onke. 26Ntombi yabantu bam! binqa ngentlakantlaka, uqikaqikeke elututwini; zenzele isililo njengesenzelwa umntwana oyedwa, isijwili esiṙaṙa kunene, ngokuba umfaci eya kuza pezu kwetu ngokuzuma. 27Ndikumisile ube ngumlingi pakati kwabantu bam, nenqaba, ukuze uyazi uyilinge indlela yabo. 28Bonke bangabapambuki abagqitisileyo ngokupambuka, bayahambahamba behleba; balubedu nesincete; bangabo abonakalisi bonke. 29Imfuto itshisiwe, ilode igqityiwe ngumlilo; umcokisi ufumana ecokisa, ngokuba abakohlakeleyo bengakunyulwa. 30Baya kubizwa ngokuti yisilivere elahliweyo; ngokuba uyehova ebalahlile.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 6: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.