U‐Jeremiya 42
42
1Kwaza kwasondela zonke inkosi zezimpi, no‐Johanane unyana ka‐Kareha, no‐Yezaniya unyana ka‐Hoshaya, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, 2bati ku‐Jeremiya umprofite: Masiti ke isitaṙuziso setu sibekwe pambi kwako, utandaze ngenxa yetu kuyehova, utixo wako, ngenxa yaso sonke isisalela esi; (ngokuba sisalisiwe singabancinane kubo abaninzi, njengokuba amehlo ako esibona;) 3ukuba uyehova, utixo wako, asixelele indlela esinge sihamba ngayo, nento esinge siyenza. 4Waza u‐Jeremiya umprofite wati kubo: Ndivile; bona ke, ndiya kutandaza kuyehova, utixo wenu, njengamazwi enu; kwakuya kuti, into asukuba eya kunipendula yona uyehova, ndoyixela kuni; andiyi kubamba nanye into kuni. 5Baza bati ku‐Jeremiya: Uyehova makabe linqi̔na lenene nelenyaniso pakati kwetu, lokuba kwoba njengazo zonke izinto uyehova, utixo wako, aya kukutuma kuti ngazo, esiya kwenje njalo! 6Nokuba kumnandi, nokuba kubi, siya kuliva ilizwi likayehova, utixo wetu, esikutumayo kuye; ukuze kulunge kuti, nxa sivayo ilizwi likayehova, utixo wetu.
7Kwaye kute ekupeleni kwemihla ilishumi, landula ilizwi likayehova leza ku‐Jeremiya. 8Waza wabiza u‐Johanane unyana ka‐Kareha, nazo zonke inkosi zezimpi ezibe zinaye, nabo bonke abantu kwa kuye omncinane kwada kwakuye omkulu, 9wati kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, enandituma kuye ukuya kubeka isitaṙuziso senu ebusweni bake, ukuti: 10Ukuba niya kumana ukuhlala kwelilizwe, ndiya kwandula ndinake, ndinganiciti; ndinityale, ndinganidonyuli; ngokuba ndinosizi pezu kwelishwa endinenzele lona. 11Ningamoyiki ukumkani we‐Babilone, enimoyikayo; ningamoyiki, utsho uyehova: ngokuba ndinani mna ukunisindisa, nokunihlangula esandleni sake. 12Ndandiya kunenzela izibele, aze abe nobubele ngakuni, anibuyisele kowenu umhlaba. 13Kodwa ukuba niti: Asiyi kuhlala kwelilizwe, ningapulapuli nje ilizwi likayehova, utixo wenu, 14nisiti: Hai, koko siya kuya elizweni le‐Jipete, apo singayi kubona imfazwe kona, nentlokoma yexilongo singayi kuyiva, nesonka singayi kusilambela; nakona siya kuhlala: 15kaloku, ngoko ke, yivani ilizwi likayehova, nina sisalela so‐Juda! Utsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Ukuba niyagqibela ukubekisa ubuso benu ukuya e‐Jipete, nize niye ukupambukela kona; 16kwoza kuti, iṙele, eniloyikayo, lonifikela kona elizweni le‐Jipete; nendlala, eniyixaleleyo, yoti nama ukunilandela kona e‐Jipete, nakona niya kufa. 17Aeya kuti onke amadoda abekisayo ubuso bawo ukuya e‐Jipete ukupambukela kona, afe ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo; akuyi kubako kuwo nanye eseleyo, nesindileyo elishweni endiya kulizisa pezu kwawo. 18Ngokuba esitsho uyehova wemikosi, utixo wo‐Sirayeli, ukuti: Njengokuba kugalelwe ingqumbo yam nobuṙalaṙume bam pezu kwabemi base‐Yerusaleme, kwa njalo ubuṙalaṙume bam buya kugalelwa pezu kwenu, nxa niya kungena e‐Jipete: naniya kuba yinto yokunywebelelwa, neyokutelwa nqa, nesiqalekiswa, nesigxekwa; nalendawo aniyi kubuya niyibone.
19 Uyehova utetile kuni, nina sisalela so‐Juda! Ningayi e‐Jipete: qinisani ukwazi ukuba ndiniyalile namhla. 20Okunene niyaposisa ngakweyenu imipefumlo; ngokuba ninditumile kuyehova, utixo wenu, nisiti: Sitandezele kuyehova, utixo wetu, nanjengako konke aya kukutsho uyehova, utixo wetu, sixelele ngokunjalo, sasiya kukwenza. 21Ndinixelele kambe namhla; kodwa anipulapulanga kulo ilizwi likayehova, utixo wenu, nakuko konke anditumele kona kuni. 22Ngako kaloku, qinisani ukwazi ukuba niya kufa ngesiṙele, nangendlala, nangesifo esibubisayo, endaweni apo ninxamele ukuya ukupambukela kona.
Currently Selected:
U‐Jeremiya 42: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.