U‐Jeremiya 18

18
1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Saka, uhle uye endlwini yombumbi; kwa lapo ndiya kukuvisa amazwi am. 3Ndaza ndehla ndaya endlwini yombumbi; kekaloku bona ke, ebesenza umsebenzi pezu kwamatye ajikelelayo. 4Sati ke isitya abesenza ngodongwe sonakaliswa esandleni sombumbi; waza wabuya wenza ngaso isitya simbi, njengokuba bekufanele emehlweni ombumbi ukusenza.
5Landula leza ilizwi likayehova kum, lisiti: 6Andingenze ngakuni na njengombumbi lo, ndlu ka‐Sirayeli? utsho uyehova: bona ke, njengodongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu ka‐Sirayeli! 7Nxa ndisukuba nditeta ngaso isizwe, nangabo ubukumkani, ukudonyula, nokucita, nokutshabalalisa; 8ukuba isizwe eso, endibe nditeta ngaso, siyaguquka enkohlakalweni yaso, ndiya kwandula ndibe nosizi pezu kwelishwa, endacinga ukusenza lona. 9Kanjalo, nxa ndisukuba nditeta ngaso isizwe, nangabo ubukumkani, ukwaka, nokutyala; 10ukuba siyenza okukohlakeleyo emehlweni am, singapulapuli ilizwi lam, ndiya kwandula ndibe nosizi pezu kwokulungileyo, endati ndiya kubanceda ngako.
11Ngako kaloku, utsho ke kumadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme, usiti: Utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiyadala ngakuni ilishwa, ndiyaqinga ngakuni iqinga; guqukani ke, omnye ngomnye endleleni yake ekohlakeleyo, nilungise imikwa yenu nezenzo zenu. 12Kodwa bati: Akuko itemba; ngokuba siya kulandela awetu amaqinga, senze omnye ngomnye ngobulukuni bentliziyo yake ekohlakeleyo. 13Ngako oko utsho uyehova ukuti: Kenibuze pakati kwabaheyideni, ngubanina okuvileyo okunjalo? Intombi ipela ka‐Sirayeli yenzile into eyoyikekileyo kakulu. 14Ingqweqwe ye‐Lebanone iya kushiywa na ngenxa yolwalwa lwasendle? amanzi wambi, abandayo, elayo, aya kwomiswa na? 15Noko abantu bam balibele mna, bayaqu̔misela okungendawo: ewe, babaku̔bekisile ezindleleni zabo, emendweni yakudala, ukuba bahambe emizileni, endleleni engapakanyiswanga; 16kuze kwenziwe ilizwe labo into yokutelwa nqa, into yokwenzelwa amakwelo angunapakade; bonke abadlulayo ngakulo boti nqa, bahlunguzele intloko zabo. 17Njengangomoya wasempumalanga ndobacita pambi kwotshaba; ndobabonisa umhlana, ndingababonisi ubuso, emhleni wengozi yabo.
18Baza bati: Yizani, siqingele u‐Jeremiya amaqinga; ngokuba kungayi kububa umteto kumperisite, necebo kwilumko, nelizwi kumprofite: yizani, simbete ngolwimi, masingapulapuli kuwo namanye amazwi ake.
19Pulapula kum, Yehova! ulive ilizwi labo bapikayo nam. 20Ngekuvuzwa ngokukohlakeleyo na esikundleni sokulungileyo? noko babumbele ubomi bam isihogo. Kumbula ukuma kwam ebusweni bako ukuba ndibatetele okulungileyo, ukuba ndibuyise umsindo wako kubo. 21Ngako oko nikela abantwana babo kwindlala, ubeyelisele ngamandla eṙele; nabafazi babo mababe ngabahlutiweyo abantwana, nabahlolokazi; namadoda abo makabulawe kukufa; amadodana abo makabetwe ngeṙele ekulweni. 22Makuviwe isikalo sivela ezindlwini zabo, nxa ulizisayo pezu kwabo ibandla ngokuzuma: ngokuba bendimbele isihogo ukundibamba, nezibata bazifihlele inyawo zam. 23Kodwa wena, Yehova! uyalazi lonke icebo labo ngakum lokundifisa: zungaxoleli ukukohlakala kwabo, nesono sabo ungasisuli ebusweni bako; kodwa mabapenulwe pambi kwako; ngexesha lengqumbo yako yenje njalo ngakubo.

Currently Selected:

U‐Jeremiya 18: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena