Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

U‐Jeremiya 12:1-4

U‐Jeremiya 12:1-4 XHO1902A

Ulungile wena, YEHOVA! noko mandipikisane nawe; manditete nawe indawo zobugwebo kupele. Kunganina ukuba indlela yabakohlakeleyo inokutamsanqeleka? kunganina ukuba basekwonwabeni bonke abenzayo ngenkohliso kakulu? Ubatyalile, bendele kanjako; bayakula, bayavelisa isiqa̔mo kanjako; ukufupi wena emlonyeni wabo, koko ukude nezintso zabo. Kodwa wena, YEHOVA! uyandazi; uyandibona, nentliziyo yam uyayilinga ukuba inawe: bar̔olele ukuxe̔lwa njengegusha, ubahlulele umhla wokubulala. Kude kube ninina ilizwe liya kulila, nenca yezindle zonke ziya kubuna, ngenxa yenkohlakalo yabahleli kulo? kububile izilo nentaka; ngokuba bebesiti: Akuyi kubonwa ukupela kwetu.