Ulilungisa, wena *Ndikhoyo, xa ndixambulisana nawe, xa ndibhenela kuwe ngeendawo ezinxulumene nobulungisa. Ngaba ibangwa yintoni impumelelo yezibhoja? Kungani amaqhophololo ehleli ethe zava nje? Batyalwe nguwe, zendela iingcambu zabo; bahlumile, bavelisa iziqhamo. Usoloko usemilebeni yabo, kodwa ezintliziyweni zabo ukude lee. Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona; uyazigocagoca iingcamango zam ngawe. Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa. Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa. Koda kube nini uzilile umhlaba? Koda kube nini itshile ingca emadlelweni? Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu. Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”
Funda UJEREMIYA 12
Share
Compare All Versions: UJEREMIYA 12:1-4
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos