UYEREMIYA 12:1-4
UYEREMIYA 12:1-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ùlilungisa, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; ndothetha iindawo ezisesikweni zodwa. Kungathuba lini na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo, babe nokuchulumacha bonke abanginiza benginizile? Ùbatyéle, bendela nokwendela iingcambu; bayakhula, benze neziqhamo. Ùsondele emlonyeni wabo, wakude ezintsweni zabo. Wena, Yehova, uyandazi; uyandibona, uyicikida intliziyo yam enawe. Báqweqwedíse njengeegusha, baxhelwe, ubangcwalisele umhla wokubulawa. Kunini na ilizwe linesijwili, umfuno wamasimi onke womile? Ngenxa yeento ezimbi zabemi balo, ziphephethekile iinkomo neentaka; ngokuba besithi, Akayi kulibona ikamva lethu.
UYEREMIYA 12:1-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ulilungisa, wena *Ndikhoyo, xa ndixambulisana nawe, xa ndibhenela kuwe ngeendawo ezinxulumene nobulungisa. Ngaba ibangwa yintoni impumelelo yezibhoja? Kungani amaqhophololo ehleli ethe zava nje? Batyalwe nguwe, zendela iingcambu zabo; bahlumile, bavelisa iziqhamo. Usoloko usemilebeni yabo, kodwa ezintliziyweni zabo ukude lee. Ke wena, Ndikhoyo, uyandibona; uyazigocagoca iingcamango zam ngawe. Barhuqe abantu abagwenxa, baxele iigusha eziya kuxhelwa. Bakhethele bucala, ide ifike imini yokubulawa. Koda kube nini uzilile umhlaba? Koda kube nini itshile ingca emadlelweni? Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu. Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”
UYEREMIYA 12:1-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Unyanisile, Yehova, xa ndibambeneyo nawe; Andiyi kuthetha kuwe ngezigwebo zakho; kungani na ukuba indlela yabangendawo ibe nempumelelo? Kutheni bonwabile bonke abo basebenza ngenkohliso? Ubatyalile, bendelwa neengcambu; ayahluma, ewe, axakathe isiqhamo; Ikufuphi emlonyeni wabo, ikude nezintso zabo. Ke wena, Yehova, uyandazi; Wandibona, wayicikida intliziyo yam ngawe; bahlube njengeegusha eziya kuxhelwa; balungiselele umhla wokubulawa. Kuya kude kube nini na ilizwe lilila, nezityalo zalo lonke ilizwe loma ngenxa yobungendawo babemi? izilwanyana neentaka ezitshabaleleyo; ngokuba bathi, Akayi kusibona isiphelo sethu.
UYEREMIYA 12:1-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ulungile wena, YEHOVA! noko mandipikisane nawe; manditete nawe indawo zobugwebo kupele. Kunganina ukuba indlela yabakohlakeleyo inokutamsanqeleka? kunganina ukuba basekwonwabeni bonke abenzayo ngenkohliso kakulu? Ubatyalile, bendele kanjako; bayakula, bayavelisa isiqa̔mo kanjako; ukufupi wena emlonyeni wabo, koko ukude nezintso zabo. Kodwa wena, YEHOVA! uyandazi; uyandibona, nentliziyo yam uyayilinga ukuba inawe: bar̔olele ukuxe̔lwa njengegusha, ubahlulele umhla wokubulala. Kude kube ninina ilizwe liya kulila, nenca yezindle zonke ziya kubuna, ngenxa yenkohlakalo yabahleli kulo? kububile izilo nentaka; ngokuba bebesiti: Akuyi kubonwa ukupela kwetu.