Abagwebi 21
21
1Kekaloku amadoda akwaâSirayeli ebefungile eâMitsipa, ngokuti: Akuko mntu wakuti oya kunika intombi yake kuâBenjamine ibe ngumfazi. 2Baza abantu beza endlwini katixo, bahlala kona kwada kwahlwa ebusweni bukatixo, bapakamisa ilizwi labo, balila ngokulila okukulu, bati: 3Kunganina, Yehova, Tixo woâSirayeli! ukuba oku kuhlile kwaâSirayeli, okokuba isizwe sinye singabiko namhla kwaâSirayeli? 4Kwaye kute ngomnye umhla, bavuka abantu kusasa, baka kona isibingelo, banikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo.
5Lwaza usapo lukaâSirayeli lwati: Ngubanina onganyukanga pakati kwomhlambi, kuzo zonke izizwe zoâSirayeli, ukuza kuyehova? Ngokuba bekwenziwe isifungo esikulu ngalowo onganyukeli kuyehova eâMitsipa, kusitwa: Uya kufiswa ngenyaniso. 6Lwandula usapo lukaâSirayeli lwanosizi pezu kwoâBenjamine umzalwana walo, lwati: Kunqunyulwe namhla isizwe sinye kwaâSirayeli: 7siya kubenzela nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba tina sifungile uyehova, ukuba singabaniki intombi zetu zibe ngabafazi. 8Lwaza lwati: Sisipina kuzo izizwe zoâSirayeli esinganyukelanga kuyehova eâMitsipa?
Kekaloku bona ke, bekungezanga mntu emnqubeni evela eâYabesheâgileyadi ukuza emhlambini. 9Ngokuba abantu bebebalwa, kekaloku bona ke, bekungeko kona namnye wabemi baseâYabesheâgileyadi. 10Yandula intlanganiso yatumela kona amadoda angamawaka alishumi linamabini, kuwo amadoda obuáčoti, yawayalela ngokuti: Hambani, nibabete abemi baseâYabesheâgileyadi ngohlangoti lweáčele, kwa nabafazi nabantwana. 11Yiyo le indawo eniya kuyenza: onke amadoda, nabo bonke abafazi abakwazileyo ukulala nendoda, nobalahlela ekutshatyalalisweni. 12Aza afumana pakati kwabemi baseâYabesheâgileyadi intomb ezimakulu mane, ezazizintombi zipela, ezazingayazanga indoda ngokulala noyindoda; asuka azizisa emnqubeni eâShilo, esezweni leâKanane.
13Yandula yatuma yonke intlanganiso, yateta kulo usapo lukaâBenjamine olube luseweni leâRimone, yashumayela kulo uxolo. 14Aza amaâBenjamine abuya ngeloxesha; baye bewanika abafazi, ababebalondolozile ebomini kuwo amankazana aseâYabesheâgileyadi; kodwa nangokunjalo bebengawaneli. 15Bandula abantu banosizi pezu kwoâBenjamine, ngokuba uyehova enzile utanda ezizweni zoâSirayeli.
16Baza abadala bentlanganiso bati: Siya kwenza nto nina ukuba abaseleyo babe nabafazi? ngokuba amankazana etshatyalalisiwe kwaâBenjamine. 17Babuya bati: Ilifa malibe lelabasindileyo bakwaâBenjamine, ukuze kungacitwa isizwe kwaâSirayeli: 18kodwa tina asingenike kubo abafazi kwintombi zetu; ngokuba lufungile usapo lukaâSirayeli, ngokuti: Makaqalekiswe onikayo umfazi kuâBenjamine!
19Bandula bati: Bona ke, kuko umtendeleko kayehova eâShilo, iminyaka ngeminyaka, endaweni engasenode yeâBetele, ngasecaleni lipuma ilanga lomendo onyukayo eâBetele ukuya eâShekeme, nangasesuyide yeâLebona. 20Baza bayalela usapo lukaâBenjamine, besiti: Hambani niye nilalele ezitiyeni zemiti yeveyine: 21nize nikangele, niti, bona ke, ukuba intombi zaseâShilo ziyapuma ukududa ngemidudo, nandule nipume ezitiyeni zemiti yeveyine, nizibambele abanye ngabanye umfazi wabo kwintombi zaseâShilo; nize nihambe niye ezweni lakwaâBenjamine. 22Kwakuya kuti, nxa oyise bazo, umhlaumbi abazalwana bazo, baya kuza ukumangala kuti, siya kwandula siti kubo: Sipate ngofefe ngabo; ngokuba singatabatelanga abanye ngabanye umfazi wabo ekulweni: ngokuba kungenini enibanikileyo, ukuba ngelixesha nibe netyala. 23Lwati usapo lukaâBenjamine lwenje njalo, lwatabata abafazi, ngenani lalo, kwababeduda, abo lwabapangayo: lwaza lwahamba, lwabuyela elifeni lalo, lwaka izixeko, lwahlala kuzo. 24Lwandula usapo lukaâSirayeli lwemka kona ngeloxesha, lwaya olunye ngolunye kwisizwe salo nakwisizalwane salo; lwaye lupuma kona lwaya olunye ngolunye elifeni lalo.
25Ngalomihla bekungeko ukumkani kwaâSirayeli: abanye ngabanye bakwenza okufaneleyo emehlweni abo.
Currently Selected:
Abagwebi 21: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.