Abagwebi 20
20
1Lwandula lwapuma lwonke usapo luka‐Sirayeli, yati intlanganiso yahlanganiswa njengomntu mnye, ivela e‐Dane nakude kwase‐Beresheba, nakulo ilizwe le‐Gileyadi, pambi kwoyehova e‐Mitsipa. 2Kanjalo inkosi zabantu bonke, ezezizwe zonke zo‐Sirayeli, zazimisa emhlambini wabantu bakatixo; amadoda ahamba ngenyawo engamawaka amakulu mane ar̔ola iṙele. 3(Kekaloku usapo luka‐Benjamine lweva ukuba usapo luka‐Sirayeli lunyukele e‐Mitsipa.)
Lwaza lwati usapo luka‐Sirayeli: Sixeleleni, yati nina ukubako lento ekohlakeleyo? 4Yapendula indoda engum‐Levi, indoda yomfazi obebulewe, yati: Ndafika e‐Gibeha, eyakwa‐Benjamine, mna neshweshwe lam, kuze kulaliswe. 5Bandula abemi base‐Gibeha basukela ngakum, bandiṙaula endlwini ebusuku; mna bacinga ukundibulala, neshweshwe lam balitoba, lada lafa. 6Ndaza ndabamba ishweshwe lam, ndalihlahla, ndalituma kulo lonke ilizwe lelifa lakwa‐Sirayeli; ngokuba benzile ubutshinitshini nokuhlazekileyo kwa‐Sirayeli. 7Nanku nina nonke nilusapo luka‐Sirayeli; nikani apa ilizwi necebo!
8Baza bonke abantu besuka njengomntu mnye, besiti: Asiyi kuya noko amnye ententeni yake, asiyi kupambuka noko amnye ukuya endlwini yake kanjako: 9kodwa kaloku yiyo le into esiya kuyenza ngakuyo i‐Gibeha; sonyuka ngakuyo ngeqashiso: 10kanjalo socapula ishumi lamadoda ekulwini, kuzo zonke izizwe zo‐Sirayeli, nekulu ewakeni, newaka emawakeni alishumi, ukuya kutabatela abantu ukutya, ukuba bati, bakufika e‐Gibeha yakwa‐Benjamine, benze ngako konke okuhlazekileyo ababekwenzile kwa‐Sirayeli.
11Kwa njalo onke amadoda akwa‐Sirayeli abutelwa ngakwesosixeko, ebandakanyiwe njengomntu mnye. 12Zaza izizwe zo‐Sirayeli zatuma amadoda kuso sonke isizwe sika‐Benjamine, ukuti: Yinkohlakalo enina le eyenziweyo pakati kwenu? 13Ngako kaloku kupani lomadoda, usapo lwobunginingini, ase‐Gibeha, ukuze siwafise, sikwelelise inkohlakalo kwa‐Sirayeli. Koko usapo luka‐Benjamine belungavumi ukupulapula ilizwi labazalwana balo usapo luka‐Sirayeli: 14kodwa usapo luka‐Benjamine lwabutwa ezixekweni zonke lwaya e‐Gibeha, ukuze lupumele ukulwa nosapo luka‐Sirayeli. 15Lwaza lwabalwa usapo luka‐Benjamine ngomhla lowo luvela ezixekweni, lungamadoda angamawaka amashumi mabini anamatandatu ar̔ola iṙele, ngapandle kwabemi base‐Gibeha, ababebalwa bengamadoda anyuliweyo angamakulu asixe̔nxe. 16Pakati kwababantu bonke bekuko amadoda anyuliweyo angamakulu asixe̔nxe engamanxele; onke lamadoda ebenokusaula ngamatye kude kwakulo unwele, engaposi ke. 17Kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli, ngapandle kwama‐Benjamine, abalwa engamadoda angamawaka amakulu mane ar̔ola iṙele; onke la ebengamadoda emfazwe.
18Lwaza lwesuka usapo luka‐Sirayeli lwenyuka lwaya endlwini katixo, lwabuza kutixo, lwati: Ngubanina oya kusinyukela ngokuqala, ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine. Wayesiti uyehova: u‐Juda wonyuka ngokuqala.
19Lwaselusuka usapo luka‐Sirayeli kusasa, lwayiṙaula i‐Gibeha. 20Aza amadoda akwa‐Sirayeli apumela ukulwa nama‐Benjamine; ati kanjalo amadoda akwa‐Sirayeli azicwangcisa ukulwa nawo ngase‐Gibeha. 21Lwandula usapo luka‐Benjamine lwapuma e‐Gibeha, lwatshabalalisa ngasemhlabeni kuwo ama‐Sirayeli ngalomini, amadoda angamawaka amashumi mabini anamabini.
22Kodwa abantu, amadoda akwa‐Sirayeli, bazomeleza, babuya bazicwangcisa ukulwa endaweni apo babezicwangcisile kona ngemini yokuqala. 23(Lwaye lunyuka usapo luka‐Sirayeli, lwalila pambi kwoyehova kwada kwahlwa, lwabuza kuyehova, lusiti: Ndiya kupinda na ukusondela ukulwa nosapo luka‐Benjamine umzalwana wam? Wati uyehova: Nyukani ngakuye.) 24Lwasuka usapo luka‐Sirayeli lwasondela kulo usapo luka‐Benjamine ngemini yesibini. 25Aza ama‐Benjamine apuma e‐Gibeha ngakulo ngemini yesibini, atshabalalisa kanjako ngasemhlabeni kulo usapo luka‐Sirayeli, amadoda angamawaka alishumi linesibozo; onke lamadoda ar̔ola iṙele.
26Lwandula lwenyuka lwonke usapo luka‐Sirayeli, nabo bonke abantu, lwaya endlwini katixo, lwalila, lwahlala kona pambi kwoyehova, lwazila ukutya ngalomini kwada kwahlwa, lwanikela amadini okutshiswa neminikelo yoxolo pambi kwoyehova. 27Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwabuza kuyehova, (ngokuba ibilapo ityeya yocebano lukatixo ngalomihla, 28no‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone, wema pambi kwayo ngalomihla,) lusiti: Ndiya kupinda kanjako ukupuma ukuya kulwa nosapo luka‐Benjamine umzalwana wam, ndiyeke kusinina? Wayesiti uyehova: Nyukani; ngokuba ngomso ndiya kumnikela esandleni sako.
29Aza ama‐Sirayeli abeka abalaleli ngento engqongayo i‐Gibeha. 30Lwandula usapo luka‐Sirayeli lwenyuka ngemini yesitatu ngakulo usapo luka‐Benjamine, lwazicwangcisa ngakuyo i‐Gibeha, njengakuwo amanye amaxesha. 31Lwaza usapo luka‐Benjamine lwapumela ngakubo abantu, lwar̔olwa esixekweni; lwasuka lwaqala ukubeta nokubulala ebantwini, njengakuwo amanye amaxesha, emendweni, owati omnye wenyuka waya endlwini katixo, wati omnye waya e‐Gibeha ezindle, anga angamashumi matatu amadoda akwa‐Sirayeli. 32Lwaye lusiti usapo luka‐Benjamine: Boyisiwe ebusweni betu njengapambili. Kodwa usapo luka‐Sirayeli lwati: Masibaleke silur̔ole esixekweni luye emendweni. 33Andula onke amadoda akwa‐Sirayeli esuka endaweni yawo, azicwangcisa e‐Bali‐tamare: kanjalo abalaleli bama‐Sirayeli batyoboza endaweni yabo, etafeni lase‐Gibeha. 34Kwaye kusiza ngakuyo i‐Gibeha amawaka alishumi amadoda anyuliweyo kuwo onke ama‐Sirayeli; kwaza ukulwa kwaba nzima: kodwa ama‐Benjamine ebengazi ukuba ububi buwafikele. 35Wandula uyehova woyisa ama‐Benjamine pambi kwama‐Sirayeli; lwaye usapo luka‐Sirayeli lwatshabalalisa pakati kwama‐Benjamine ngalomini amadoda angamawaka amashumi mabini anamahlanu, anekulu ngapandle: lawo onke ar̔ola iṙele.
36Kwa njalo usapo luka‐Benjamine lwabona ukuba lwoyisiwe: ngokuba amadoda akwa‐Sirayeli ebenike indawo kuma‐Benjamine, ngokokuba ebetembela kubalaleli abebabekile ngakuyo i‐Gibeha. 37Baza banxama abalaleli, bagaleleka pezu kwe‐Gibeha; bati abalaleli kanjalo bazitwabulula, babeta sonke isixeko ngohlangoti lweṙele. 38Kekaloku bekuko ixesha elimisiweyo pakati kwamadoda akwa‐Sirayeli nabalaleli, lokuba bakwenze isiqumo esikulu somsi sinyuke esixekweni. 39Ati akujika amadoda akwa‐Sirayeli ekulweni, aqala ama‐Benjamine ukubeta nokubulala pakati kwamadoda akwa‐Sirayeli anga angamadoda amashumi matatu; ngokuba ebesiti: Ngenyaniso oyisiwe ebusweni betu njengasekulweni kwapambili. 40Saza isiqumo saqala ukunyuka esixekweni ngentsika yomsi; ati ama‐Benjamine abeka ngasemva kwawo, kekaloku bona ke, isixeko sipela senyuka ngomsi ngasezulwini. 41Ati akujika amadoda akwa‐Sirayeli, andula etuswa amadoda akwa‐Benjamine; ngokuba ebebona ukuba ububi buwafikele. 42Ngako ajika pambi kwamadoda akwa‐Sirayeli ngasendleleni yentlango; kodwa ukulwa kwawafumana; kanjalo lawo awapumayo ezixekweni awatshabalalisa pakati kwawo. 43Awaṙaula ama‐Benjamine, awasukela, awanyatela kamsinyane kwada kwamalungana ne‐Gibeha ngasekupumeni kwelanga. 44Kwaza kwawa kuwo ama‐Benjamine amadoda angamawaka alishumi linesibozo; lawo onke ebengamadoda obuṙoti. 45Ajika ke, abalekela entlango, eweni le‐Rimone: kodwa abikica kuwo emendweni amadoda angamawaka mahlanu; aza ati nama ukuwaputuma kude kwase‐Gidome, awabulala kuwo amadoda angamawaka mabini. 46Kwa njalo onke abewile ngalomini kuwo ama‐Benjamine ebengamadoda angamawaka amashumi mabini anamahlanu ar̔ola iṙele; lawo onke ebengamadoda obuṙoti. 47Kodwa ajika amadoda angamakulu matandatu, abalekela entlango, eweni le‐Rimone, ahlala eweni le‐Rimone inyanga zane.
48Aza amadoda akwa‐Sirayeli abuyela pezu kwosapo luka‐Benjamine, alubeta ngohlangoti lweṙele, kwa namadoda asesixekweni, nenkomo, nako konke obekufunyanwa kona: kanjako zonke izixeko ezibe zifunyanwa azilahlela emlilweni.
Currently Selected:
Abagwebi 20: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.