Abagwebi 13

13
1LWAPINDA kanjalo usapo luka‐Sirayeli ukwenza okukohlakeleyo emehlweni kayehova; waza uyehova walunikela esandleni sama‐Filistiya iminyaka imashumi mane.
2Kwabekuko indoda etile yase‐Tsoreha, eyesizalwane sama‐Dane, egama belingu‐Manoha; waye umfazi wayo eludlolo, ebengazali. 3Yaza ingelosi kayehova yabonakala kuye umfazi lowo, yati kuye: Bona ke, wena uludlolo, akuzali nokuzala; kodwa uya kumita, uzale unyana. 4Ngako kaloku zigcine ke, ungaseli neveyine notywala, ungadli nanye into enco̔lileyo: 5ngokuba, bona ke, uya kumita, uzale unyana; kanjalo isitshetshe sokugugula asiyi kunyuka pezu kwentloko yake: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni; waye yena eya kuqala ukusindisa o‐Sirayeli esandleni sama‐Filistiya.
6Waza wangena umfazi lowo, watsho kuyo indoda yake ukuti: Kweza indoda katixo kum, ekubonakala bekunjengokubonakala kwengelosi katixo, okwoyikekayo kunene; kodwa andiyibuzanga ibivela pina, negama layo ayilixelanga kum. 7Kodwa yati kum: Bona ke, uya kumita, uzale unyana; ngako kaloku ungaseli iveyine notywala, ungadli nanye into enco̔lileyo: ngokuba umntwana lowo eya kuba ngumnaziri katixo kwa sesizalweni kude kube ngumhla wokufa kwake.
8Wandula u‐Manoha watandaza kuyehova, wati: Ke, Nkosi! indoda katixo owabuyituma makeize kanjako kuti, isifundise ukuba siya kwenza nto nina kulomntwana oya kuzalwa. 9Waza utixo wapulapula ilizwi lika‐Manoha; yati ingelosi kayehova yeza kanjako kumfazi, akuhlala entsimini; kodwa u‐Manoha, indoda yake, ebengenaye. 10Wandula umfazi lowo wanxama, wagidima, wayixelela indoda yake, wati kuyo: Bona ke, indoda ibonakele kum, eyezayo ngomhla lowa kum. 11Waselesuka u‐Manoha, wahamba emva kwomfazi wake, weza kulondoda, wati kuyo: Wena uyindoda leyo na ebiteta nomfazi? Yaza yati: Ndiyiyo. 12Waza u‐Manoha wati: Kaloku makuze kubako amazwi ako. Loba linina isiko lalomntwana nomsebenzi wake? 13Yayisiti ingelosi kayehova ku‐Manoha: Konke endibe nditeta ngako kuye umfazi makazibambe kuko. 14Akayi kutya kuyo nanye into evela emtini weveyine; makangaseli iveyine notywala; makangadli nanye into enco̔lileyo: konke endibe ndimyalela ngako makakugcine.
15Wandula u‐Manoha wati kuyo ingelosi kayehova: Makesikubambezele ke, side sikulungisele itakane lebokwe. 16Kodwa ingelosi kayehova yati ku‐Manoha: Ukuba uyandibambezela, andiyi kutya kukudla kwako; nokuba uya kwenza idini lokutshiswa, wolinikela kuyehova. Ngokuba u‐Manoha ebengazi ukuba iyiyo ingelosi kayehova. 17Waza u‐Manoha wati kuyo ingelosi kayehova: Ngubanina igama lako, ukuze sikubeke, lakuza kubako ilizwi lako. 18Yati ingelosi kayehova kuye: Ubuzela nina igama lam, lingummangaliso nje? 19Wandula u‐Manoha watabata itakane lebokwe nomnikelo wokudla, wanikela kuyehova pezu kwolwalwa. Yaza yenza ngokuti nqa, nxa u‐Manoha nomfazi wake babebonela: 20ngokuba bekute, xeshekweni ilangatye lenyuka kuso isibingelo ngasezulwini, yandula ingelosi kayehova yenyuka elangatyeni lesibingelo. Bati u‐Manoha nomfazi wake, bakubona oko, bawa ngobuso babo ngasemhlabeni. 21Kodwa ingelosi kayehova ayapinda, kanjako ukubonakala ku‐Manoha nomfazi wake.
Wandula wazi u‐Manoha ukuba ibiyiyo ingelosi kayehova. 22Wayesiti u‐Manoha kumfazi wake: Siya kufa ngenyaniso, ngokuba simbonile utixo. 23Kodwa umfazi wake wati kuye: Ukuba uyehova ebetanda ukusifisa, ngaengalamkelanga ezandleni zetu idini lokutshiswa nomnikelo wokudla; kanjalo ngaengasibonisanga zonke ezizinto, nangelixesha ngaengasivisanga izinto ezinjengezi.
24Wada umfazi lowo wazala unyana, wabiza igama lake ngo‐Samsone: wakula ke umntwana, wati uyehova wamtamsanqela. 25Waza umoya kayehova waqala ukumzamazamisa e‐Mahane‐dane, pakati kwe‐Tsoreha ne‐Shetawoli.

Currently Selected:

Abagwebi 13: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena