Abagwebi 14

14
1KEKALOKU u‐Samsone wehla waya e‐Timnate, wabona inkazana e‐Timnate ezintombini zama‐Filistiya. 2Wenyuka ke, waxelela uyise nonina, wati: Ndibonile inkazana e‐Timnate ezintombini zama‐Filistiya; ngako kaloku nditabateleni yona ibe ngumfazi. 3Baza nyise nonina bati kuye: Akuko na inkazana pakati kwentombi zabazalwana bako, napakati kwabo bonke abantu bam, ukuba uye kuzeka umfazi kuwo ama‐Filistiya angalukileyo? Wayesiti u‐Samsone kuyise: Nditabatele yona, ngokuba ifanele emehlweni am. 4Kodwa uyise nonina bebengazi ukuba oku bekuvela kuyehova, ukuba wafuna ituba ngakuwo ama‐Filistiya: ngokuba ama‐Filistiya ebepata ubukosi pezu kwo‐Sirayeli ngeloxesha.
5Wandula u‐Samsone wehla noyise nonina ukuya e‐Timnate: bati bakufika ngasezitiyeni zemiti yeveyine zase‐Timnate, kekaloku bona ke, ingonyama entsha yakonya ngakuye. 6Waza umoya kayehova wamqubula, ukuba wayiṙazula njengokuba kuṙazulwa itakane, kungabanga nto esandleni sake: kodwa ebengaxeleli uyise nonina oko abekwenzile. 7Wasuka wehla, wateta nenkazana leyo; yabifanele emehlweni ka‐Samsone.
8Wati emva kwemihla etile wabuya ukuba ayizeke; waza wapambuka ukuya kubona isidumbu sengonyama; kekaloku nali ibubu lenyosi nobusi esidunjwini sengonyama. 9Wandula wabupakulela ezandleni zake, wahamba emana esidla, waya kuyise nonina, wabanika, badla nabo; kodwa ebengabaxeleli ukuba ebepakule obobusi esidunjwini sengonyama.
10Wayesihla uyise waya kwinkazana leyo: kanjalo u‐Samsone wenza kona isidlo, ngokuba amadodana ebenokwenje njalo. 11Kwabekute, bakumbona, bazisa abalingane abamashumi matatu, ukuze babe naye. 12Waza u‐Samsone wati kubo: Ndoninikela isintsonkotelo ke: ukuba niya kundityilela sona ngenyaniso, nisifumane, pakati kwemihla yosixe̔nxe yesisidlo, sendiya kunika kuni ihempe ezimashumi matatu, nezivato zokuguqulelana ezimashumi matatu: 13kodwa ukuba nikohliwe kukundityilela, niya kwandula nina ninike kum ihempe ezimashumi matatu, nezivato zokuguqulelana ezimashumi matatu. Baza bati kuye: Nikela isintsonkotelo sako, sisive. 14Wayesiti kubo: Koko kudlayo kwapuma ukudla, nakoko kukalipileyo kwapuma ubumnandi. Bakohlwa ukutyila esosintsonkotelo pakati kwemihla mitatu. 15Kwaye kute ngomhla wesixe̔nxe, bandula bati kumfazi ka‐Samsone: Zinga indoda yako, ukuba ityile kuti esosintsonkotelo, hleze sitshise wena nendlu yoyihlo ngomlilo: nisimemile na ukuba nisidle? akunjalo na? 16Waza walila umfazi ka‐Samsone pambi kwake, wati: Uyanditiya kodwa, akunditandi; unikele onyana babantu bam isintsonkotelo, kanti akusityilanga kum. Wayesiti kuye: Bona ke, andisityilanga kubawo nakuma̔, ngendisityila kuwe na? 17Walila ke pambi kwake lomihla isixe̔nxe babenesidlo ngayo: kwada kwati ngomhla wesixe̔nxe, wamtyilela, ngokuba wamjokayo: waza wabatyilela onyana babantu bake isintsonkotelo eso. 18Andula amadoda esixeko ngomhla wesixe̔nxe, lingekatshoni ilanga, ati kuye: Kuyinto nina okumnandi pezu kwobusi? kuyinto nina okukalipileyo pezu kwengonyama? Wayesiti kuwo: Ukuba beningapulushanga ngetokazi lam, ngeningasifumananga isintsonkotelo sam.
19Waza umoya kayehova wamqubula, wasuka wehla waya e‐Ashekelone, wabulala kubo abantu amadoda angamashumi matatu, watabata ingubo zawo ezihlutyiweyo, wanika izivato zokuguqulelana kwabo babetyilile isintsonkotelo.
Yaza yavuta ingqumbo yake, wenyuka waya kuyo indlu yoyise. 20Kodwa umfazi ka‐Samsone waba ngowomlingane wake, lowo obengumhlobo kuye.

Currently Selected:

Abagwebi 14: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena