Incwadi ka‐Yakobi 1

1
ISAHLUKO I.
1UYAKOBI, isicaka sikatixo ne senkosi u‐Yesu Kristu, kuzo izizwe ezilishumi linazibini ezici̔takeleyo, ebulisa.
2Yitini luvuyo lwonke, bazalwana bam! xeshekweni niwelayo emalingweni amaninzi; 3nisazi nje ukuba ukulingwa kwokolo lwenu kuyazuzisa umonde. 4Kodwa wona umonde maube nomsebenzi ofezekileyo, ukuze nibe nifezekile nizalisekile, ningasweleki nganto.
5Kodwa ukuba kuko owenu uswele ubulumko, makacele kutixo oti bonke abape ngesisa, angatetisi ke; waeya kubupiwa. 6Makacele kodwa ngokolo, engatandabuzi nto; ngokuba otandabuzayo efana neliza lolwandle liqu̔tywa ngumoya lizanyazanyiswa. 7Makangabi pofu lowamntu uya kwamkela into kuyo inkosi: 8umntu ontliziyo mbini uyajingajinga kuzo zonke indlela zake.
9Makaqa̔yise ke umzalwana osebupantsini, ebupakanyweni bake; 10kodwa osisityebi, ebupantsini bake; kuba njengembali yenca eya kudlula. 11Ngokuba liti lakupuma ilanga kunye nokufudumala okutshisayo, landule libunise inca, nembali yayo ivutuluke, nobuhle bokubonakala kwayo butshabalale; ngokunjalo naye osisityebi uya kushwabana ezihambeni zake.
12Unetamsanqa umntu onyamezelayo ukulingwa; kuba eya kuti akuba ebukiwe asamkele isitsaba sobomi, eso inkosi ibatembisile abayitandayo ngaso.
13Makangatsho umntu akuzingwa ukuti: Ndizingwa ngutixo: ngokuba utixo engazingeki kokukohlakeleyo; kanjalo yena ngokwake akazingi mntu. 14Kodwa umntu uyazingwa, akuti akukuliswe yeyake inkanuko, ahendwe. 15Yandule yona inkanuko nxa ikaulileyo izale isono; siti ke isono sakugqitywa sizale ukufa.
16Ize ningaposisi, bazalwana bam abatandiweyo! 17Zonke izipo ezilungileyo nazo zonke izipiwo ezifezekileyo zivela pezulu, zisihla kuyise wezikanyiso, okuye kungeko kuguquleka nesitunzi sokujika. 18Ngokutanda kwake wasizala ngelizwi lenyaniso, ukuba sibe sisandulelo esitile sezidalwa zake.
19Ngoko ke, bazalwana bam abatandiweyo! mabati bonke abantu ngabanye banxamele ukuva, balibalele ukuteta, balibalele ukuqumba. 20Ngokuba ukuqumba kwomntu kungazuzisi ubulungisa bukatixo. 21Ngako oko, senibeka nxamnye nje konke ukunco̔la nokupupuma kwobumenemene, maniti ngolulamo nilamkele ilizwi elityaliweyo kuni, elinamandla okuyisindisa imipefumlo yenu.
22Kodwa yibani ngabenzi belizwi, ningabi ngabapulapuli kodwa, nizibukuqa nje. 23Ngokuba lowo usukuba engumpulapuli welizwi, engengumenzi kanti, yena lo ufana nomntu ebonela ubuso bake bokuvela encwadini; 24ngokuba ezibonele, wemka ke, waza walibala msinya ukuba ebenjanina. 25Kodwa lowo uti akangele emtetweni ofezekileyo wenkululeko, ahlale esenje njalo, yena lo engenguye umpulapuli onokulibala nje, enguye umenzi womsebenzi, yena lo woba netamsanqa ekwenzeni kwake.
26Ukuba kuko oba uyabedesha utixo pakati kwenu, ongakalimeli ulwimi lwake, koko ekohlisa intliziyo yake, imbedesho yalomntu yinto engendawo. 27Imbedesho ecocekileyo enganco̔lisekileyo pambi kwake utixo noyise yiyo le; yokuba umntu alunguze inkedama nabahlolokazi ebunzimeni babo, nokuba azigcine engenabala kokwelizwe.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena