U‐Yisaya 45

45
1Utsho ukuti uyehova kumtanjiswa wake, ku‐Koreshe, endimbambayo ngesandla sake sokunene, ukuba kwoyiswe izizwe pambi kwake; nezinqe zokumkani ndozitukululela; ukuba kuvulwe pambi kwake ingcango zokuhlangana; namasango akayi kuvalwa: 2ndiya kuhamba pambi kwako, ndizilungelelanise indawo ezibugongxo; ingcango zexina ndoziqekeza, nemivalo yesincete ndiya kuyinqamla kubini. 3Ndandiya kunika kuwe indyebo ezisebumnyameni, nembekelo ezisezindaweni zokufihlela; ukuze ukwazi ukuba mna ndi nguyehova, okubizayo ngegama, utixo ka‐Sirayeli. 4Ngenxa yesicaka sam u‐Yakobi, no‐Sirayeli umqashwa wam, sendikubizile ngegama lako; ndikutiyile igama, nakuba ungandazanga. 5Mna ndi nguyehova, akuko wumbi; ngapandle kwam akuko utixo: ndikubinqisile, nakuba ungandazanga; 6ukuze kwaziwe kwa sekupumeni kwelanga, nasekutshoneni kwalo, ukuba akuko ongapandle kwam: mna ndi nguyehova, akuko wumbi: 7imbange yokukanya, nomdali wobumnyama; umenzi woxolo, nomdali wobubi: mna ndi nguyehova, umenzi wezizinto zonke. 8Tontselani, mazulu! kwa pezulu; namafu makanise ubulungisa; mauvuleke umhlaba, kuze kuveliswe usindiso, nobulungisa buhlume kwa kunye: mna Yehova ndidalile oku.
9Kwoba nzima kulowo opika nomdali wake! Icepe malipike namacepe omhlaba. Udongwe luya kuti na kolubumbayo: Wenza nto nina? umhlaumbi umsebenzi wako: Akanazandla? 10Kwoba nzima kuye oti kuyise: Uzala nto nina? umhlaumbi kumfazi: Unenimba nganto nina?
11Utsho uyehova, oyingcwele ka‐Sirayeli, nomdali wake, ukuti: Niyandibuza na izinto ezizayo ngalo usapo lwam? nondiyalela na ngawo umsebenzi wezandla zam? 12Ndim owenzayo umhlaba, nomntu ndimdalile pezu kwawo; zizandla zam ezolulayo amazulu, nayo yonke imikosi yawo ndiyimisile. 13Ndimvusile ngenxa yobulungisa, nazo zonke indlela zake ndozilungiselela; uya kusaka isixeko sam, abandulule abatinjwa bam; kungengenxa yexabiso, kungengenxa yomvuzo kanjako, utsho uyehova wemikosi.
14Utsho uyehova ukuti: Ukuzuza kwe‐Jipete, nokuqweba kwe‐Tiyopiya, nama‐Seba, amadoda obude bukulu, odlulela kuwe, abe ngawako; okulandela; aya kudlula ngemixokolelwane; aya kuqubuda pambi kwako; otandaza kuwe, esiti: Okunene utixo ukuwe; akuko namnye utixo wumbi.
15Ngenyaniso wena u ngutixo ozifihlayo, Tixo ka‐Sirayeli, ongumsindisi! 16Baya kudana; boviswa ihlazo bonke; kwa kunye baya kungena ehlazweni, abo bayenza imifanekiso. 17Koko u‐Sirayeli aya kusindiswa nguyehova ngosindiswa olungunapakade; aniyi kudana, aniyi kuviswa ihlazo kanjalo, kude kube ngunapakade. 18Ngokuba esitsho ukuti uyehova, umdali wamazulu; yena u ngutixo, imbange yomhlaba, nomenzi wawo; nguye owawumisayo; akafumana wawenza; wawudala ukuba umiwe: Mna ndi nguyehova, akuko wumbi. 19Anditetanga emfihlekweni, endaweni yomhlaba ebumnyama; anditshongo kuyo inzalo ka‐Yakobi ukuti: Fumanani nindifuna; mna Yehova ndiyateta ubulungisa, ndiyaxela izinto ezilungileyo.
20Zihlanganiseni, nize; sondelani ndawonye, nina basindileyo bezizwe! Abanakwazi abo batwele umti womfanekiso wabo oqingqiweyo, abatandaza kutixo ongenako ukusindisa. 21Xelani, nibasondeze; ewe, mabacebisane: ngubanina okushumayeleyo oku kwa ngapambili? ngubanina okuxeleyo kwa kudala? Bendingendim na, uyehova? akuko utixo wumbi ngapandle kwam; utixo olungileyo, ongumsindisi; akuko ongapandle kwam. 22Bekani kum, nize, nisindiswe, nonke nina zipelo zomhlaba! ngokuba ndinguye utixo, kungeko wumbi. 23Ndizifungile mna; kupumile ilizwi emlonyeni wam ngobulungisa, alisayi kubuya: lokuba oguqa kum onke amadolo, zifunge kum zonke ilwimi. 24Ngenyaniso kuyehova, kwotshiwo, ndinobulungisa namandla; kwa kuye kuya kuziwa; babeya kudaniswa bonke abaqumbela yena. 25Ngaye uyehova yonke inzalo ka‐Sirayeli iya kugwetyelwa, iqa̔yise.

Currently Selected:

U‐Yisaya 45: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena