U‐Yisaya 19

19
1UMGWEBO nge‐Jipete.
Bona ke, uyehova uya kukwela pezu kwelifu elikaulezayo, eze e‐Jipete; oti amadalo ase‐Jipete azamazame ebusweni bake, nentliziyo ye‐Jipete inyibilike pakati kwayo. 2Ndiya kutelekisa ama‐Jipete ngakuwo ama‐Jipete, aeya kulwa omnye ngakuye umzalwana wake, omnye ngakuye ummelwane wake; isixeko ngakuso isixeko, ubukumkani ngakubo ubukumkani. 3Umoya we‐Jipete wopela pakati kwayo, necebo layo ndolitshabalalisa: angafuna ke kumadalo, nakwizanuse, nakubo abenzelana nemishologu, nakumatola; 4kodwa ndiya kuwanikela ama‐Jipete esandleni senkosi elukuni, waye ukumkani obukali eya kupata pezu kwawo, itsho inkosi, uyehova wemikosi.
5Kanjalo amanzi aya kutshitsha elwandle, uti umlambo utshe wome. 6Yaiya kunuka imilanjana; yopunguleka imijelo yase‐Jipete, itshe ke; ingcongolo nemikanzi ziya kubuna. 7Amadlelo ngasemlanjeni, ngaselugudwini lwomlambo, nako konke okuhlwayelweyo ngasemlanjeni, kuya kwoma, kupetshulwe, kungabi seko. 8Ababambi bentlanzi baya kugula, bati bonke abaposa iqeṙu emlanjeni balile, nabo bandlala utambo pezu kwobuso bamanzi bacubuke. 9Kanjako abasebenzi befelase ecazwayo baya kudana, kwa nabaluki beqiya emhlope. 10Izibonda zayo zapukile; bonke abasebenzela umvuzo banosizi lwompefumlo.
11Ngenyaniso inkosana zase‐Tsohane zizidenge; abacebisi abalumkileyo baka‐Faro, icebo labo lidolile: ningati nina ukutsho ku‐Faro ukuti: Ndingunyana wamalumko, ndingunyana wokumkani bakudala? 12Apina ke amalumko ako? makakuxelele kaloku, ukuba ayazi, into iyiyo ayicebileyo uyehova wemikosi pezu kwe‐Jipete. 13Inkosana zase‐Tsohane zinyabile; inkosana zase‐Nofe zikohlisiwe; abazinkosi zezizwe zayo bayilahlekisile i‐Jipete. 14Uyehova uwupitikezile pakati kwayo umoya wobugwenxa, ide yalahlekiswa i‐Jipete ngayo yonke imisebenzi yayo, njengokugexa kwenxila ekuhlanzeni kwalo. 15Kanjalo i‐Jipete ayiyi kuba namsebenzi, ongenzwayo yintloko nomsila, lisebe nomkanzi. 16Ngomhla lowo ama‐Jipete oba njengabafazi; aya kungcangcazela oyike, ngenxa yokuvivinya kwesandla sikayehova wemikosi, aya kusivivinya ngakuwo. 17Ilizwe lakwa‐Juda loba sisoyikiso kwi‐Jipete; osukuba elikankanya uya kwoyika pakati kwake, ngenxa yecebo likayehova wemikosi, ayicebileyo ngakuyo.
18Ngomhla lowo kwobako izixeko zihlanu ezweni le‐Jipete, ziteta ngokuteta kwaba‐Kanane, zifunga nokufunga kuyehova wemikosi; esinye kuya kutiwa sisixeko selanga. 19Ngomhla lowo kwobako isibingelo kuyehova pakati kwelizwe le‐Jipete, nentsika yamatye ngasemdeni wayo kuyehova. 20Sasiya kuba ngumqondiso nenqi̔na likayehova wemikosi elizweni le‐Jipete; ngokuba beya kukala kuyehova ngenxa yabo ababandezeli, waeya kubatumela umsindisi, nomteteleli, abakulule. 21Kanjalo uyehova uya kuzazisa kuma‐Jipete, ade ama‐Jipete amazi uyehova ngomhla lowo, amkonze ngedini nangomnikelo; ewe, aya kubambisa ngesibambiso kuyehova, asifeze. 22Waye uyehova eya kumana ebeta ama‐Jipete, ade awapilise; ngokuba eya kuguqukela kuyehova, oya kukungeleka kuwo, awapilise.
23Ngomhla lowo kwobako umendo uvela e‐Jipete usiya e‐Asiriya; oti ama‐Asiriya eze e‐Jipete, nama‐Jipete eze e‐Asiriya; kanjako ama‐Jipete aya kukonza kunye nama‐Asiriya. 24Ngomhla lowo o‐Sirayeli boba ngabesitatu kuma‐Jipete nakuma‐Asiriya; boba litamsanqeliso pakati kwelizwe: 25ngokuba uyehova wemikosi wobatamsanqela, esiti: Makutanyusanqelwe ama‐Jipete abantu bam, nama‐Asiriya umsebenzi wezandla zam, no‐Sirayeli ilifa lam.

Currently Selected:

U‐Yisaya 19: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena