U‐Yisaya 18

18
1Hoi! wena ’lizwe lokuṙatshaza kwamapiko, elipesheya kwemilambo yase‐Tiyopiya; 2elitumayo izigidimi ngolwandle, nangemikombe yengcongolo pezu kwobuso bamanzi! Hambani, zitunywa ezinamendu! niye kuso isizwe esicitekileyo esobukileyo, kubo abantu aboyikekileyo kwa sekuqaleni kwada kwakaloku; isizwe samandla amakulu nesokunyatela, esilizwe imilambo ilicandayo. 3Nonke nina bemi belizwe, nabahleli emhlabeni! nxa kupakanyiswa ibanile ezintabeni, kangelani; nanxa kuvutelwa ngexilongo, pulapulani.
4Ngokuba uyehova etshilo kum ukuti: Ndiya kuti tu, ndibonele ndisendaweni yam yokuhlala; kungaba njengokufudumala okusileyo ekukanyeni kwelanga, njengelifu lombete ekufudumaleni kwexesha lokuvuna; 5koko lingekabiko ixesha lokuvuna, nxa umqumbi selubonxile, nanxa idreyive emuncu ivutwa entyatyambeni, uya kunqumla intswazi ngezitshetshe zokusika, namagatya wowasusa, wowagaula. 6Ziya kushiyelwa ndawonye kwintakakazi zentaba, nakwizilo zomhlaba; intakakazi ziya kulenza ihlobo pezu kwazo, nazo zonke izilo zomhlaba zobenza ubusika pezu kwazo.
7Ngeloxesha kwoziswa umnikelo kuyehova wemikosi, uvela kubo abantu abacitekileyo abobukileyo, kwa kubo abantu aboyikekileyo ekuqaleni kwada kwakaloku; isizwe samandla amakulu nesokunyatela, esilizwe imilambo ilicandayo; woziswa endaweni yegama likayehova wemikosi, entabeni ye‐Ziyone.

Currently Selected:

U‐Yisaya 18: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena