U‐Yisaya 1

1
ISAHLUKO I.
1ISIBONAKALO sika‐Yisaya, unyana ka‐Amotse, owasibonayo, ngo‐Juda ne‐Yerusaleme, emihleni ka‐Huziya, u‐Yotame, u‐Ahazi, no‐Hezekiya, okumkani bo‐Juda.
2Yivani, mazulu! unike indlebe, mhlaba! ngokuba uyehova eteta: Abantwana ndibakulisile ndabondla, kanti ke bona, baqipukelene nam. 3Inkabi iyazi umniniyo, neqwaṙashe isibaya senkosi yalo: kodwa u‐Sirayeli akazi; abantu bam abagqali. 4Kwoba nzima kuso isizwe esonayo, abantu abasindwa lityala, inzalo yabenzi bokungalungileyo, usapo olwonakalisayo! Bamshiyile uyehova, bamdelile oyingcwele ka‐Sirayeli, bahlehlile ngomva.
5Kunganina ukuba niya kubuya nibetwe? kunganina ukuba niya kwandisa impambuko? intloko yonke iyafa, nentliziyo yonke icubukile. 6Kwa kuwo umzantsi wonyawo kude kube kuyo intloko, akuko kupila kuwo; ngamanxeba, nemivimbo, nezilonda ezitsha; azincinezelwanga, azibotshwanga, azitanjiswanga ngeoli. 7Ilizwe lenu liyingcitakalo; izixeko zenu zitshiswe ngomlilo: umhlaba wenu abasemzini bayawudla ngasebusweni benu; uyingcitakalo, njengocitiweyo ngabasemzini. 8Intombi yase‐Ziyone isele njengepempe esitiyeni, njengexobongo entsimini yekomkomere, njengesixeko esilalelwayo. 9Ukuba uyehova wemikosi ubengasishiyelanga isisalela esincinanana, ngesibe sinjenge‐Sodome, ngesibe sifana ne‐Gomora.
10Yivani ilizwi likayehova, bagwebi base‐Sodome! nikelani umteto wotixo wetu indlebe, bantu base‐Gomora! 11Kuyinto nina kum ukuba mininzi kwemibingo yenu? utsho uyehova. Ndidikiwe ngamadini enkunzi zegusha, nenqata lenkomo ezityetyisiweyo; kanjalo igazi lenkunzana, nelemvana, nelebokwe andilitandi. 12Nxa nizayo ukuza kubonakala pambi kwam, kubiziwe ngubanina oku esandleni senu, ukunyatela amakusi am? 13Ningapindi ukuzisa umnikelo ongendawo; isiqu̔miso siyintshontsho kum; inyanga etwasileyo, nesabata, nokubizwa kwentlanganisano, andiyi kuzivuma ezonto; yinkohlakalo nentlanganiso enkulu. 14Inyanga zenu ezitwasileyo nemitendeleko yenu emiselweyo umpefumlo wam uyazitiya; ziyindiniso kum; ndidiniwe kukuzinyamezela. 15Kanjalo nakuzitwabulula izandla zenu, ndiya kufihla amehlo am kuni; naxeshekweni nikwandisa ukutandaza, andiyi kuva: izandla zenu zizele ligazi.
16Hlambani; zenzeni mhlope; kwelelisani inkohlakalo yezenzo zenu pambi kwamehlo am; yekani ukwenza okukohlakeleyo; 17fundani ukwenza okulungileyo; funani ubugwebo; lungisani obandezelweyo; tetelelani inkedama; pikelani umhlolokazi. 18Yizani ke, masipikisane, utsho uyehova: nangona izono zenu zinjengesibomvu, zoba zimhlope njengengqweqwe; nangona zibomvu njengesibomvumnyama, zoba njengoboya begusha. 19Ukuba niyavuma, nipulapule ke, ubumnandi belizwe niya kubudla; 20kanti ukuba niyala, ningeva nokuva, niya kudliwa sisiṙele: ngokuba umlomo kayehova utshilo.
21Hai ukuba liṙexezakazi kwaso isixeko esinyanisekileyo! sibe sizele bubugwebo; ubulungisa bebuhleli kuso, kodwa kaloku ngababulali. 22Isilivere yako yenziwe igwebu; iveyine yako ingxengelwe ngamanzi; 23inkosana zako zinenkani, zingamakolwane amasela; zonke ngezinye ziyatanda amabaso, ziputume imivuzo; inkedama aziyiteteleli, netyala lomhlolokazi alizi kuzo.
24Ngako oko iti inkosi, uyehova wemikosi, usomandla ka‐Sirayeli: Ho! ndiya kuzikululekisa kwabayimpi kum; ewe, ndiya kuzipindezelela ezintshabeni zam. 25Kodwa ndiya kubuyisela isandla sam ngakuwe, ndicokise igwebu lako njengokuba kucokiswa ngesepe, ndisuse yonke inkutu yako. 26Ndandiya kubuyisa abagwebi bako njengasekuqaleni, nabacebisi bako njengapambili: emva kwoko uya kubizwa ngokuba yinqili yobulungisa, isixeko esinyanisekileyo. 27I‐Ziyone yokululwa ngobugwebo, nabaguquki bayo ngobulungisa. 28Kodwa imbujiswa yabagqiti naboni yoba kunye; nabo bamshiyayo uyehova baya kugqityelwa. 29Ngokuba niya kuba nentloni ngenxa yemikoba enibe niyinqwenele; naniya kudana ngenxa yemiyezo enaniyiqashile. 30Ngokuba niya kuba njengomkoba omagqabi abunayo, nanjengomyezo ekungeko manzi kuwo. 31Onamandla woba njengenxubuwa, nomsebenzi wake njengentlantsi; baya kutsha bobabini kunye, kungeko oya kucima.

Currently Selected:

U‐Yisaya 1: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena