1
U‐Yisaya 1:18
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Yizani ke, masipikisane, utsho UYEHOVA: nangona izono zenu zinjengesibomvu, zoba zimhlope njengengqweqwe; nangona zibomvu njengesibomvumnyama, zoba njengoboya begusha.
Thelekisa
Phonononga U‐Yisaya 1:18
2
U‐Yisaya 1:19
Ukuba niyavuma, nipulapule ke, ubumnandi belizwe niya kubudla
Phonononga U‐Yisaya 1:19
3
U‐Yisaya 1:17
fundani ukwenza okulungileyo; funani ubugwebo; lungisani obandezelweyo; tetelelani inkedama; pikelani umhlolokazi.
Phonononga U‐Yisaya 1:17
4
U‐Yisaya 1:20
kanti ukuba niyala, ningeva nokuva, niya kudliwa sisiṙele: ngokuba umlomo KAYEHOVA utshilo.
Phonononga U‐Yisaya 1:20
5
U‐Yisaya 1:16
Hlambani; zenzeni mhlope; kwelelisani inkohlakalo yezenzo zenu pambi kwamehlo am; yekani ukwenza okukohlakeleyo
Phonononga U‐Yisaya 1:16
6
U‐Yisaya 1:15
Kanjalo nakuzitwabulula izandla zenu, ndiya kufihla amehlo am kuni; naxeshekweni nikwandisa ukutandaza, andiyi kuva: izandla zenu zizele ligazi.
Phonononga U‐Yisaya 1:15
7
U‐Yisaya 1:13
Ningapindi ukuzisa umnikelo ongendawo; isiqu̔miso siyintshontsho kum; inyanga etwasileyo, nesabata, nokubizwa kwentlanganisano, andiyi kuzivuma ezonto; yinkohlakalo nentlanganiso enkulu.
Phonononga U‐Yisaya 1:13
8
U‐Yisaya 1:3
Inkabi iyazi umniniyo, neqwaṙashe isibaya senkosi yalo: kodwa u‐Sirayeli akazi; abantu bam abagqali.
Phonononga U‐Yisaya 1:3
9
U‐Yisaya 1:14
Inyanga zenu ezitwasileyo nemitendeleko yenu emiselweyo umpefumlo wam uyazitiya; ziyindiniso kum; ndidiniwe kukuzinyamezela.
Phonononga U‐Yisaya 1:14
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo