Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 3:1-6

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Hebere 3:1-6 XHO1902A

NGAKO oko, bazalwana abangcwele, abalwamkeleyo ubizo lwasezulwini! gqalani lowo ungumpostile nomperisite omkulu wemvumelo yetu, u‐Kristu Yesu; obe enyanisekile kulowo wammisayo, njengokuba naye u‐Mosesi ebenjalo kuyo yonke indlu yake. Ngokuba yena lo ebalelwe ukuba ufanele ubungcwalisa obukulu ngakumbi ngapezu kwo‐Mosesi, kwa njengoko anodumo olukulu kolwendlu lowo wayenzayo yona. Ngokuba zonke izindlu zisenziwa ngotile; kodwa owazenzayo izinto zonke NGUTIXO. Kanjalo u‐Mosesi okunene ebenyanisekile kuyo yonke indlu yake, njengesicaka, kube kukunqi̔nwa kwezinto eziya kutetwa; kodwa u‐Kristu, njengonyana pezu kwendlu yake; esiyiyo indlu yake tina, xeshekweni kambe ukalipo noqa̔yiselo lwetemba letu silubamba luqinisekile kude kube sekupeleni.