Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu. Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo. Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis. Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto. Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo. Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.
Funda KUMAHEBHERE 3
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KUMAHEBHERE 3:1-6
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo