KUMAHEBHERE 3:1-6
KUMAHEBHERE 3:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndithi ngoko, bazalwana bangcwele, mabelána ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu; ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela. Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu. Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo. Okunene noMoses ebethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa. Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba singaba sithe sakúbamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
KUMAHEBHERE 3:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngoko ke, mawethu abiziweyo ayimilowo yendlu kaThixo, khanimjongisise uYesu lo simvumayo thina makholwa ukuba *ungumthunywa kaThixo kwanombingeleli wethu omkhulu. Yena wathembeka kuThixo owammiselayo, kwanjengokuba noMosis wayethembekile endlwini kaThixo. Kakade umakhi wendlu uzuza udumo kunendlu leyo ayakhileyo. Ngokunjalo ke noYesu uzuze udumo olungaphezulu kolukaMosis. Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto. Ke yena uMosis wayethembekile endlwini kaThixo iphela, esisicaka esasimela ukwalatha izinto ezaziza kutyhilwa nguThixo. Kodwa ke yena uKrestu uthembeke njengonyana endlwini yakhe. Indlu leyo ke síthí, ngakumbi ukuba sibambelele singenadyudyu kwithemba lethu esinebhongo ngalo.
KUMAHEBHERE 3:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko ke, bazalwana bangcwele, mabelana ngobizo lwasemazulwini, mondeleni uMpostile, uMbingeleli oMkhulu wovumo lwethu, uKristu Yesu; ethembekile kulowo wamenzayo, kwanjengoMoses endlwini yakhe iphela. Kuba lo ubalelwe ekuthini ufanelwe luzuko olungaphezu kolukaMoses; ngangokuba lowo wayakhayo indlu, enembeko engaphezu kwayo indlu. Kuba yonke into eyindlu inoyakhayo; ke lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo. Ke yena uMosis wayethembekile endlwini yakhe iphela ngokomkhonzi, ukuze bube bubungqina obo bezinto eziya kuthethwa. Ke yena uKristu uthembeke ngokonyana phezu kwendlu yakhe; esiyindlu yakhe ke thina, ukuba sithe sakubamba ngokuthe nkqi ukungafihlisi kwethu, neqhayiya lethemba lethu, sada sesa ekupheleni.
KUMAHEBHERE 3:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGAKO oko, bazalwana abangcwele, abalwamkeleyo ubizo lwasezulwini! gqalani lowo ungumpostile nomperisite omkulu wemvumelo yetu, u‐Kristu Yesu; obe enyanisekile kulowo wammisayo, njengokuba naye u‐Mosesi ebenjalo kuyo yonke indlu yake. Ngokuba yena lo ebalelwe ukuba ufanele ubungcwalisa obukulu ngakumbi ngapezu kwo‐Mosesi, kwa njengoko anodumo olukulu kolwendlu lowo wayenzayo yona. Ngokuba zonke izindlu zisenziwa ngotile; kodwa owazenzayo izinto zonke NGUTIXO. Kanjalo u‐Mosesi okunene ebenyanisekile kuyo yonke indlu yake, njengesicaka, kube kukunqi̔nwa kwezinto eziya kutetwa; kodwa u‐Kristu, njengonyana pezu kwendlu yake; esiyiyo indlu yake tina, xeshekweni kambe ukalipo noqa̔yiselo lwetemba letu silubamba luqinisekile kude kube sekupeleni.