Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 6

6
1BAZALWANA! xeshekweni umntu aka abaqelwe sisiposo, yitini nina ninga bomoya nilungise onjalo emoyeni wolulamo; wena uzigqala nje, hleze nawe uzingwe. 2Twalani omnye ubunzima bomnye, niti ngokunjalo niwufeze umteto ka‐Kristu. 3Ngokuba umntu ukuba uba uyinto, nxa angento, ekohlisa eyake intliziyo. 4Kodwa bonke ngabanye mabalinge owabo umsebenzi, baye beya kuti oko babe nako bangaqa̔yisayo ngako kokwabo bodwa, kungekokwabanye abantu. 5Ngokuba bonke ngabanye beya kutwala owabo umtwalo.
6Kodwa makati lowo ufundiswayo ilizwi abelane nalowo ufundisayo kuzo zonke izinto ezilungileyo. 7Ize ningakohliswa ke: utixo akanakuhlekwa; ngokuba oko asukuba ekuhlwayela umntu, kona oku uya kukuvuna kanjalo. 8Kuba ohlwayelelayo eyake inyama eya kuti kwa kuyo inyama avune ulwonakalo: kodwa ohlwayelelayo umoya woti kwa kuye umoya avune ubomi obungunapakade. 9Kodwa masingadinwa sisenza okulungileyo; ngokuba siya kuti ngexesha elifanelekileyo sivune, ukuba kaloku asicubuki. 10Ngako ke, njengokuba sinalo ituba, masenze oko kulungileyo kubo bonke, kube kakulu kodwa kubo abangabendlu yokolo.
11BONANI amagama amakulu kangakanana endiba̔lileyo ngawo kuni ngesam isandla. 12Bonke abafunayo ukwenza ukubonakala okuhle enyameni, bona aba bayaninyanzela ukwaluka; kukodwa ukuze bangatshutshiselwa ikuruse ka‐Kristu. 13Ngokuba kwa bona abalukayo bengabambi umteto ngokwabo; koko befuna ukuba nina naluke, ukuze baqa̔yise enyameni yenu. 14Kodwa makube le kum ukuba ndiqa̔yise, kupela ndiqa̔yise ekuruseni yenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ekungaye ilizwe likuruseshiwe kum, nam ndikuruseshiwe kwilizwe. 15Ngokuba kuye u‐Kristu Yesu kungekukwaluka okunamandla nganto, kungekukungaluki nakanjako, kusisidalwa esitsha. 16Nabo bonke abahambayo ngalommiso, uxolo malube pezu kwabo, nobubele, napezu kwobu‐Sirayeli bukatixo.
17Kaloku makungabi sabiko mntu ondikatazayo: ngokuba mna ndizitwala izibanda zenkosi u‐Yesu emzimbeni wam.
18Ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nomoya wenu, bazalwana! Amene.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena