U‐Ezera 8
8
1Ngaba aba abazintloko zendlu zoyise zabo, nokuba̔lelwa kwabo ngokuzalwa, abanyukayo nam e‐Babilone, ebukumkanini buka‐Aretashasheta ukumkani. 2Kubo onyana baka‐Finehasi; u‐Gereshome: kubo onyana baka‐Yitamare; u‐Danyeli: kubo onyana baka‐Davide; u‐Hatushe: 3kubo onyana baka‐Shekaniya, kubo onyana baka‐Paroshe; u‐Zekariya: nakunye naye amadoda aba̔lelweyo ngokuzalwa alikulu linamashumi mahlanu. 4Kubo onyana baka‐Pahati‐mowabi: u‐Eliwenai unyana ka‐Zerahiya: nakunye naye amadoda angamakulu mabini. 5Kubo onyana baka‐Shekaniya; unyana ka‐Yahaziyeli: nakunye naye amadoda angamakulu matatu. 6Nakubo onyana baka‐Hadine; u‐Hebedi unyana ka‐Jonatane: nakunye naye amadoda angamashumi mahlanu. 7Nakubo onyana baka‐Helami; u‐Yesaya unyana ka‐Hataliya: nakunye naye amadoda angamashumi asixe̔nxe. 8Nakubo onyana baka‐Shefatiya; u‐Zebadiya unyana ka‐Mikaheli: nakunye naye amadoda angamashumi asibozo. 9Kubo onyana baka‐Jowabi; u‐Hobadiya unyana ka‐Yehili: nakunye naye amadoda angamakulu mabini aneshumi linesibozo. 10Nakubo onyana baka‐Shelomiti; unyana ka‐Yositiya: nakunye naye amadoda alikulu linamashumi matandatu. 11Nakubo onyana baka‐Bebai; u‐Zekariya unyana ka‐Bebai: nakunye naye amadoda angamashumi mabini anesibozo. 12Nakubo onyana baka‐Hazegadi; u‐Johanane unyana ka‐Hakatane: nakunye naye amadoda alikulu lineshumi. 13Nakubo abokupela onyana baka‐Adonikame, abamagama angala: u‐Elifelete, u‐Yeyeli, no‐Shemaya: nakunye nabo amadoda angamashumi matandatu. 14Nakubo onyana baka‐Bigivai; u‐Hutai no‐Zabude: nakunye nabo amadoda angamashumi asixe̔nxe.
15Ndaza ndabahlanganisela emlanjeni oya e‐Ahava; sazimisa intente kona imihla yamitatu: ndaza ndabona abantu, nabaperisite, kodwa andafumana kona namnye konyana baka‐Levi. 16Ndandula ndatumela u‐Eliyezeri, no‐Ariyeli, no‐Shemaya, no‐Elinatane, no‐Yaribe, no‐Elinatane, no‐Natane, no‐Zekariya, no‐Meshulame, abazintloko; no‐Yoyaribe, no‐Elinatane, abazingqondi. 17Ndabayalezela ku‐Hido, oyintloko endaweni eyi‐Kasifiya; ndabeka amazwi emilonyweni yabo, ukuba batete ku‐Hido, nakubo abazalwana bake aba‐Netini, endaweni eyi‐Kasifiya, ukuba bazise kuti abakonzi ngenxa yendlu katixo wetu. 18Bada bazisa kuti, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wetu sibe sipezu kwetu, indoda eqondayo, eyakubo onyana baka‐Mahali, unyana ka‐Levi, unyana ka‐Sirayeli; no‐Sherebiya, nonyana bake, nabazalwana bake, ishumi elinesibozo; 19no‐Hashabiya, nakunye naye u‐Yesaya, owakubo onyana baka‐Merari, nabazalwana bake, nonyana babo, amashumi mabini; 20nabakubo aba‐Netini, abo u‐Davide nenkosi babanika ukukonza aba‐Levi, aba‐Netini abangamakulu mabini anamashumi mabini: bona bonke babalulwa ngamagama.
21Ndaza ndashumayela inzilo apo, emlanjeni we‐Ahava, ukuba sizibandezele ebusweni botixo wetu, sifune kuye indlela elungele tina, nentsapo zetu, nayo yonke impahla yetu. 22Ngokuba bendidanele ukucela kukumkani umkosi nabakweli bamahashe, ukuya kusinceda ngakuzo intshaba endleleni; ngokokuba sibe sitshilo kuye ukumkani, sisiti: Isandla sotixo wetu sipezu kwabo bonke abamfunayo kube kokulungileyo; kodwa amandla ake nomsindo wake upezu kwabo bonke abamshiyayo. 23Kwa njalo sazila ukutya, sabuza kutixo wetu ngenxa yoku; wayekungeleka kuti.
24Ndaza ndahlula ezinkosini zabaperisite ishumi elinababini, kwa u‐Sherebiya, no‐Hashabiya, neshumi labazalwana babo kunye nabo, 25ndalinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umnikelo wendlu katixo wetu, lowo ukumkani, namapakati ake, nenkosi zake, nabo bonke o‐Sirayeli abebeko, bawunikelayo: 26ndalinganisela ke esandleni sabo italente zesilivere ezimakulu matandatu anamashumi mahlanu, nempahla zesilivere ezilikulu letalente, nekulu letalente zegolide: 27nebekile zegolide ezimashumi mabini, ziliwaka ledarike; nempahla zobedu olukazimlayo oluhle ezimbini, zinqwenelekile njengegolide. 28Ndandisiti kubo: Nina niyingcwele kuyehova; impahla ziyingcwele nazo; kanjalo isilivere negolide zingumnikelo wesisa kuyehova, utixo woyihlo benu: 29lindani, nizigcine, nide nizilinganise pambi kwenkosi zabaperisite, naba‐Levi, nenkosi zendlu zoyise zo‐Sirayeli, e‐Yerusaleme, ezinkambilini zendlu kayehova. 30Bandula abaperisite naba‐Levi batabata ukulinganiswa kwesilivere, negolide, nempahla, ukuba kuziswe e‐Yerusaleme, endlwini katixo wetu.
31Saza sanduluka emlanjeni we‐Ahava ngoweshumi linesibini umhla wenyanga yokuqala, ukuya e‐Yerusaleme: sati isandla sotixo wetu sapezu kwetu, wasisindisa esandleni sentshaba, nakwesabo basilalelayo endleleni. 32Sada safika e‐Yerusaleme, sahlala kona imihla yamitatu. 33Nangowesine umhla, kwalinganiswa isilivere, negolide, nempahla, endlwini katixo wetu, ngapantsi kwesandla sika‐Meremote unyana ka‐Huriya umperisite, ekunye naye u‐Elezari unyana ka‐Finehasi; kwaye kuko nabo u‐Yozabadi unyana ka‐Yoshuwa, no‐Nohadiya unyana ka‐Binuwi, aba‐Levi; 34ngenani nangokuba nzima kwezizinto zonke: kwaba̔lwa konke ukulinganiswa kwazo ngeloxesha.
35Lwati usapo lwasekutinjweni, olo olube luvele ekutinjweni, lwanikela kuye utixo wo‐Sirayeli amadini okutshiswa, inkatyana ezilishumi linambini ngenxa yo‐Sirayeli bonke, nenkunzi zegusha ezimashumi alitoba anantandatu, nemvana ezimashumi asixe̔nxe anesixe̔nxe, nenkunzi zebokwe zedini lesono ezilishumi linambini: ezi zonke zalidini lokutshiswa kuyehova. 36Lwaza lwanika imiteto yokumkani kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, nakuzo inkosi zelicala lomlambo: zati zona zanceda abantu, nendlu katixo.
Currently Selected:
U‐Ezera 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.