U‐Ezera 6

6
1Wandula u‐Dariyusi wanika umteto, kwafunwa ke endlwini yencwadi, apo kwabekelwa kona indyebo e‐Babilone. 2Kwaza kwafunyanwa e‐Akemeta, enqatyeni eselizwaneni le‐Medi, umqulu, okwaba̔lwa kuwo isikumbuzelo sokuti:
3Ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani, wanika umteto u‐Koreshe ukumkani ngayo indlu katixo e‐Yerusaleme, wokuti: Makwakiwe londlu, indawo apo kwabingwayo imibingo, namasekwa ayo makamiswe: maibe zikubite ezimashumi matandatu ubude bayo, nekubite ezimashumi matandatu ububanzi bayo; 4makube zinṙozo ezintatu zamatye amakulu, noṙozo lunye lwemiti emitsha: nenani iya kumelwa lilo malinikwe livela endlwini yokumkani: 5kanjalo nempahla zendlu katixo, ezegolide nezesilivere, ezo u‐Nebukanetsare wazikupa etempileni ebise‐Yerusaleme, wazizisa e‐Babilone, mazibuyiswe, ziye etempileni ese‐Yerusaleme, ezindaweni zazo ngazinye, zibekelwe endlwini katixo.
6Kaloku, Tatenai, inkosi yapesheya kwomlambo, Shetari‐bozenai, nabalingane benu, ama‐Afareseki, abapesheya kwomlambo, yibani kude nalapo! 7niyeke umsebenzi walendlu katixo: inkosi yama‐Juda nabadala bama‐Juda mabayake lendlu katixo endaweni yayo. 8Kanjako ndiwenzile umteto ngoko eniya kukwenza kubo abadala balama‐Juda, kuze kwakiwe lendlu katixo; ukuba makuhle kunikwe kulamadoda inani iya kumelwa lilo, kwimpahla yokumkani, eyomnikelo wapesheya kwomlambo, ukuze angatintelwa: 9noko okufunekayo, kwa inkunzana zenkomo, nenkunzi zegusha, nemvana, zibe zezamadini okutshiswa kutixo wezulu, inqolowa, ityuwa, iveyine, neoli, ngengxelo yabaperisite abase‐Yerusaleme, makunikwe kuwo imini ngemini kungenakulityalwa: 10ukuze anikele amavumba amnandi kuye utixo wezulu, atandazele ubomi bokumkani, nobonyana bake. 11Kanjalo ndiwenzile umteto, wokuba umntu osukuba eya kuliguqula elilizwi, maunyotulwe umti endlwini yake, umiswe ke, ati yena axo̔nywe pezu kwawo; nendlu yake mayenzwe imfumba yenkunkuma ngenxa yoku. 12Wanga utixo lowo ulenzileyo igama lake lihlale kona, angawisa pantsi bonke okumkani nabantu abaya kwolulela izandla zabo ukuyiguqula nokuyicita lendlu katixo ese‐Yerusaleme. Mna, Dariyusi, ndikupile umteto; makwenziwe ngawo ngokunxama ke.
13Oko u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, kwa njengoko u‐Dariyusi abetumile ngako, benje njalo ngokunxama.
14Baza baka abadala bama‐Juda, bahambiseka, ngokuprofitesha kuka‐Hagai umprofite no‐Zekariya unyana ka‐Hido. Baka ke, bafeza, ngomteto katixo wo‐Sirayeli, nangomteto ka‐Koreshe, noka‐Dariyusi, noka‐Aretashasheta ukumkani we‐Peresiya. 15Yada yagqitywa indlu le ngowesitatu umhla wenyanga yo‐Adari; obungowesitatu umnyaka wona wobukumkani bake u‐Dariyusi ukumkani.
16Lwaza usapo luka‐Sirayeli, abaperisite, naba‐Levi, nabanye abalusapo lwasekutinjweni, lwenza ukutwasiswa kwalendlu katixo ngovuyo, 17lwanikela ekutwasisweni kwalendlu katixo inkomo ezilikulu linye, inkunzi zegusha ezimakulu mabini, imvana ezimakulu mane; nenkunzi zebokwe, zibe lidini lesono ngenxa yo‐Sirayeli bonke, ezilishumi linambini, ngenani lezizwe zo‐Sirayeli. 18Lwaza lwamisa abaperisite ngezahlukaniso zabo, naba‐Levi ngezahlulo zabo, pezu kwenkonzo katixo, ese‐Yerusaleme; njengokuba̔liweyo encwadini ka‐Mosesi.
19Kanjalo usapo lwasekutinjweni lwabamba ipasika, ngoweshumi linesine umhla wenyanga yokuqala. 20Ngokuba abaperisite naba‐Levi bebezicokisile kwa kunye, bonke bebecocekile, baxe̔la ipasika ngenxa yalo lwonke usapo lwasekutinjweni, nangenxa yabazalwana balo abaperisite nangenxa yabo bona. 21Lwaza lwatya usapo luka‐Sirayeli olube lubuyile ekutinjweni, nabo bonke abebezahlulele kulo ekunco̔leni kwabaheyideni belozwe, ukuba bamfune uyehova, utixo wo‐Sirayeli, 22lwabamba umtendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixe̔nxe ngovuyo: ngokuba uyehova ebeluvuyisile, wayisonga intliziyo yokumkani we‐Asiriya ngakulo, kuze kwomelezwe izandla zalo emsebenzini wendlu katixo, utixo wo‐Sirayeli.

Currently Selected:

U‐Ezera 6: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena