U‐Ezera 5

5
1BAZA abaprofite, u‐Hagai umprofite, no‐Zekariya unyana ka‐Hido, baprofitesha kuma‐Juda abekwa‐Juda nase‐Yerusaleme, egameni lotixo wo‐Sirayeli, kwa kuwo wona. 2Oko kwesuka u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, baqala ukuyaka indlu katixo ese‐Yerusaleme: kwabako nabo abaprofite bakatixo bebanceda.
3Ngeloxesha kweza kubo u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, batsho kubo ukuti: Ninikwe umteto ngubanina ukwaka indlu le nokufeza oludonga? 4Sandula sabaxelela ngokunjalo, angobanina amagama awo amadoda asakayo esisakiwo. 5Kodwa iliso lotixo wabo libe lipezu kwabadala bama‐Juda, ukuba ababayekisa, kwada kwaya umcimbi lowo ku‐Dariyusi: bati oko bapendula ngencwadi ngalendawo.
6Isiba̔lo sencwadi, leyo u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane bake, ama‐Afareseki, abanganeno kwomlambo, bayituma ku‐Dariyusi ukumkani: 7batama incwadi kuye, ekwaba̔lwa kuyo ngokuti:
Ku‐Dariyusi ukumkani, malubeko uxolo lwonke. 8Makwazeke kukumkani, ukuba saya elizwaneni le‐Judeya, endlwini yake utixo omkulu, eyakiwa ngamatye amakulu, esel’ ifakiwe nemiti ezindongeni; kanjalo lomsebenzi uyenzwa ngokunxama, uhambiseka ezandleni zabo. 9Sandula sabuza abadala abo, satsho kubo ukuti: Ninikwe umteto ngubanina ukwaka indlu le, nokufeza ezindonga? 10Sababuza namagama abo, ukuba sikwazise wena; ukuba siwaba̔le amagama amadoda azintloko zabo. 11Benje nje ukusipendula kwabo, besiti: Sizizicaka zake utixo wezulu nomhlaba, siyayaka leyondlu ibe yakiwe kuse kuyiminyaka mininzi, owati ukumkani omkulu wo‐Sirayeli wayaka wayifeza. 12Kuloko emvenikweni obawo betu bebemqumbisile utixo wezulu, wabanikela esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, um‐Kaledine, owacita leyondlu, nabantu wabafudusela e‐Babilone. 13Kodwa ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Babilone, wanika umteto ukumkani u‐Koreshe, ukuba makwakiwe lendlu katixo. 14Kanjalo impahla zendlu katixo, ezegolide nezesilivere, ezo u‐Nebukanetsare wazikupa etempileni ebise‐Yerusaleme, wazizisa etempileni ese‐Babilone, kwa zona u‐Koreshe ukumkani wazikupa etempileni ese‐Babilone, zaza zanikelwa kogama lingu‐Sheshebatsare, lowo abemmisile inkosi; 15wayesiti kuye: Tabata ezimpahla, uye uzise etempileni ese‐Yerusaleme; nendlu katixo mayakiwe endaweni yayo. 16Wandula wafika u‐Sheshebatsare lowo, wabeka amasekwa ayo indlu katixo ese‐Yerusaleme: ibisakiwa kuselokweloxesha kwada kwakaloku, kanti ayikagqitywanga. 17Ngako oko, ukuba kunga kulungile kukumkani, makufunwe endlwini yendyebo yokumkani, ese‐Babilone apo, ukuba kunjalo na okokuba kwanikwa umteto ngu‐Koreshe ukumkani, wokuba makwakiwe lendlu katixo e‐Yerusaleme; nentando yokumkani makayitume kuti ngalendawo.

Currently Selected:

U‐Ezera 5: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena