U‐Hezekile 45

45
1KANJAKO xeshekweni niya kulaba ilizwe ngeqashiso libe lilifa, niya kunikela umnikelo kuyehova, isabiwo esingcwele selizwe; ubude boba bubude bamawaka angamashumi mabini anamahlanu engcongolo, nobubanzi boba ngamawaka alishumi: soba ngcwele sona kuyo yonke imida yaso ngento engqongayo. 2Kuso esi amakulu mahlanu oba ngaweyingcwele indawo ubude bayo, namakulu mahlanu ububanzi bayo, inamacala mane ngokungqonga; kanjalo yoba nenqele yekubite ezingamashumi mahlanu ngento engqongayo. 3Nangawo lomlinganiso uya kulinganisa ubude bamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nobubanzi bamawaka alishumi; nakona kwobako eyingcwele indawo neyingcwele yezingcwele. 4Isabiwo esingcwele selizwe soba sesabaperisite, abakonzi beyingcwele indawo, abaya kusondela ukuza kumkonza uyehova; soba yindawo yezindlu zabo, nendawo engcwele ibe yeyingcwele indawo.
5Kanjalo aba‐Levi, abakonzi bendlu, boba nobude bamawaka angamashumi mabini anamahlanu, nobubanzi bamawaka alishumi, ibe yimfuyo yabo yokwaka inkambili ezimashumi mabini.
6Nemfuyo yesixeko niya kumisela yona ububanzi bamawaka mahlanu, nobude bamawaka angamashumi mabini anamahlanu, malungana nomnikelo wesabiwo esingcwele; yoba yeyendlu yonke ka‐Sirayeli.
7Nenkosi isabiwo sayo soba ngelicala nangeliya icala lomnikelo wesabiwo esingcwele, nelemfuyo yesixeko, ngapambi kwomnikelo wesabiwo esingcwele, nangapambi kwemfuyo yesixeko, ngecala lentshonalanga ngasentshonalanga, nangecala lempumalanga ngasempumalanga; nobude boba malungana nesinye sezabiwo, kwa semdeni wasentshonalanga kude kube semdeni wasempumalanga. 8Elilizwe loba yimfuyo yayo kwa‐Sirayeli; zaye inkosi zam zingayi kubuya zibandezele abantu bam; nelizwe eliseleyo baya kulinika kwindlu ka‐Sirayeli ngezizwe zabo.
9Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makunanele, zinkosi zakwa‐Sirayeli! kwelelisani ubudlwengu nokupanga, nenze okufanelekileyo nokulungileyo; susani ukuhluta kwenu ebantwini bam, itsho inkosi e nguyehova. 10Noba nesilinganiselo esilungeleleneyo, neyefa elungeleleneyo, nebate elungeleleneyo. 11Iyefa nebate zoba ngumlinganiswa mnye, ize ibate ibambe isiqingata seshumi sehomere, neyefa isiqingata seshumi sehomere; umlinganiswa wayo woba ngehomere. 12Neshekele yona yoba zigera ezimashumi mabini; ishekele ezimashumi mabini, ishekele ezimashumi mabini anantlanu, ishekele ezilishumi linantlanu, yoba yimina yenu.
13Nguwo lo umnikelo niya kunikela ngawo: isiqingata sesitandatu seyefa kuyo ihomere yenqolowa; naniya kunika isiqingata sesitandatu seyefa kuyo ihomere yeṙalasi. 14Nommiselo wayo ioli, ibate yeoli, niya kunikela isiqingata seshumi sebate kuyo ikore, — ihomere yebate ezilishumi; ngokuba ibate ezilishumi ziyiyo ihomere. 15Nemvana inye yasemhlambini, kuwo amakulu mabini, ivela emaṙiweni acenceshiweyo akwa‐Sirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini lokutshiswa, neyeminikelo yoxolo, kuze kubaxoliselwe, itsho inkosi e nguyehova. 16Bonke abantu belizwe baya kunikela inkosi kwa‐Sirayeli umnikelo lo.
17Kwakuya kuba pezu kwenkosi ukunika amadini okutshiswa, nomnikelo wokudla, nowokusela, emitendelekweni, nasekutwaseni kwenyanga, nakuzo isabata, kuyo yonke imitendeleko engcwele yendlu ka‐Sirayeli: yona iya kulungisa idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini lokutshiswa, neminikelo yoxolo, ukuxolisela indlu ka‐Sirayeli.
18Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngeyokuqala inyanga, ngowokuqala umhla wenyanga, uya kutabata inkunzana elitole lenkomo, emsulwa, uyihlanze indawo eyingcwele. 19Waye umperisite eya kucapula egazini ledini lesono, alibeke pezu kwemigubasi yendlu, napezu kwamagumbi omane esipumelo saso isibingelo napezu kwemigubasi yesango lelapakati ibala. 20Uya kwenje njalo nangowesixe̔nxe umhla wenyanga, ngenxa yalowo uposisayo, nangenxa yosidenge; kwa njalo ke niya kuxolisela indlu.
21Ngeyokuqala inyanga, ngoweshumi elinesine umhla wenyanga, noba nepasika, umtendeleko wentsuku ezisixe̔nxe; izonka ezingenagwele ziya kudliwa. 22Nangawo umhla lowo inkosi iya kuzilungisela yona, nabo bonke abantu belizwe, inkunzana yedini lesono. 23Kanjalo intsuku zosixe̔nxe zomtendeleko iya kulungisa idini lokutshiswa kuyehova, inkunzana zisixe̔nxe nenkunzi zegusha zisixe̔nxe ezimsulwa imihla ngemihla, intsuku zosixe̔nxe; nedini lesono, itakane lebokwe imihla ngemihla. 24Nomnikelo wokudla, iya kulungisela inkunzana iyefa, neyefa yoyilungisela inkunzi yegusha; neoli, yoba yihine kuyo iyefa. 25Ngeyesixe̔nxe inyanga, ngoweshumi elinesihlanu umhla wenyanga, iya kwenza njengokunjalo emtendelekweni wentsuku ezisixe̔nxe, njengedini lesono, njengedini lokutshiswa, nanjengomnikelo wokudla, nanjengeoli.

Currently Selected:

U‐Hezekile 45: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena