U‐Hezekile 44
44
1YANDULA yandibuyisa ngendlela yesango langapandle leyingcwele indawo, elibeka ngasempumalanga; laye lona livaliwe. 2Waza uyehova wati kum: Isango eli loba livaliwe, aliyi kuvulwa, kanjalo akuyi kungena mntu ngalo; ngokuba uyehova, utixo wo‐Sirayeli, engenile ngalo; ngako loba livaliwe. 3Lelenkosi; inkosi inguye oya kuhlala kulo, ize isidle isonka ebusweni bukayehova; ngendlela yentendelezo yesango iya kungena, nangendlela yayo iya kupuma.
4Yaza yandizisa ngendlela yesango lasenode ngapambi kwendlu; ndaza ndakangela; kekaloku bona ke, ubungcwalisa bukayehova bebuzalisile indlu; ndaza ndawa ebusweni bam. 5Waye uyehova esiti kum: Nyana woluntu! bekela intliziyo yako, ubone ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, konke endiya kukuteta kuwe ngayo yonke imimiselo yendlu kayehova, nangayo yonke imiteto yayo; uze ubeke intliziyo yako ngasendaweni yokungena yendlu, kunye nazo zonke indawo zokupuma zeyingcwele indawo. 6Wauya kuti kwabanenkani, kwindlu ka‐Sirayeli: Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Makunanele ngenxa yazo zonke izinto ezibuntshontsho zenu, ndlu ka‐Sirayeli! 7ekubeni nibangenisile abasemzini, abangalukileyo ngentliziyo, abangalukileyo nangenyama, babe kuyo eyingcwele indawo yam, ukuza kuyinco̔lisa indlu yam; nakunikela isonka sam, inqata negazi, baza bona balwapula ucebano lwam, ngapezu kwazo zonke izinto ezibuntshontsho zenu. 8Kanjalo anisigcinanga isigcinelo sezinto zam ezingcwele; koko nimisele abagcini besigcinelo sam ngokwenu.
9Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Osukuba engowasemzini, ongalukileyo ngentliziyo, ongalukileyo nangenyama, akayi kungena kweyingcwele indawo yam, kubo bonke abasemzini abapakati kwosapo luka‐Sirayeli. 10Naba‐Levi abakwelela kude kum, bakuti o‐Sirayeli balahleka, abalahlekayo kum emva kwezitixwana zabo, bona baya kutwala ityala labo. 11Boba ngabakonzi noko kweyingcwele indawo yam, bengabalindi emasangweni endlu, nabakonzi kuyo indlu: baya kuxe̔lela abantu idini lokutshiswa nombingo, beme ebusweni babo ukukonza kubo. 12Ngenxa yokuba bebekonza kubo pambi kwezitixwana zabo, baba sisiku̔bekiselo setyala kwindlu ka‐Sirayeli; ngako oko ndipakamisile isandla sam ngakubo, itsho inkosi e nguyehova, babeya kutwala ityala labo. 13Baye bengayi kusondela kum, ukuza kundikonza ngobuperisite, nokusondela kuzo zonke izinto ezingcwele zam, kweyingcwele yezingcwele indawo; koko beya kutwala ihlazo labo, nezinto ezibuntshontsho zabo abazenzileyo. 14Kodwa ndiya kubenza abagcini besigcinelo sendlu, ngayo yonke inkonzo yayo, nangako konke okuya kwenziwa kuyo.
15Kanti abaperisite, aba‐Levi, onyana baka‐Tsadoki, abagcinayo isigcinelo seyingcwele indawo yam, lwakuti usapo luka‐Sirayeli lwalahleka kum, bona baya kusondela kum ukuza kundikonza; babeya kuma ebusweni bam, ukuba banikele inqata negazi kum, itsho inkosi e nguyehova. 16Aba baya kungena kweyingcwele indawo yam, kanjalo aba baya kusondela etafileni yam ukuza kukonza kum, babeya kugcina isigcinelo sam. 17Kwakuya kuti, bakungena emasangweni alo ibala lapakati, izivato zeqiya baya kuzambata; akuyi kuza pezu kwabo nento yoboya, nxa bakonzayo emasangweni elapakati ibala, nangapakati. 18Inkontsho zeqiya zoba pezu kwentloko zabo, nebrukwe zeqiya zoba pezu kwezinqe zabo; abayi kubinqa ngento ebilisayo. 19Naxeshekweni bapumela ebaleni langapandle, ebaleni langapandle ebantwini, baya kususa izivato zabo ababekonza ngazo, bazibeke ezinkambilini ezingcwele, bazambate izivato zimbi; abayi kubangcwalisa abantu zinezivato zabo. 20Nentloko zabo abayi kuziguya kanye, nezihlwita zayo abayi kuzilengalengisa; baya kugugula kodwa intloko zabo. 21Neveyine akuyi kuyisela namnye umperisite, bakungena ebaleni lapakati. 22Kanjalo umhlolokazi, nalowo olahliweyo, abayi kubazeka babe ngabafazi babo: kodwa intombi zipela kuyo inzalo yendlu ka‐Sirayeli, umhlaumbi umhlolokazi oya kuba ngumhlolokazi womperisite, bangabazeka. 23Nabantu bam baya kubabonisa pakati kwokungcwele nokungengcwele, babazise pakati kwokunco̔lileyo nokucocekileyo. 24Nasekupikweni bona baya kuma ukugweba; ngezigwebo zam baya kukugweba; nemiteto yam, nemimiso yam, kuzo zonke intlanganiso zam, baya kuyigcina; nesabata zam baya kuzenza ngcwele. 25Abayi kuza ngakuye namnye umntu ofileyo ukuzinco̔lisa; kodwa uyise, nonina, nonyana, nentombi, nomninawe, nodade ongenayo indoda, bangazinco̔lisela bona. 26Nasemva kwokuhlanjululwa kwake, uya kubalelwa imihla ibe sixe̔nxe. 27Nasemhleni aya kungena kweyingcwele indawo, ebaleni lapakati, ukuya kukonza kweyingcwele indawo, uya kunikela idini lesono lake, itsho inkosi e nguyehova. 28Oku kwoba lilifa kubo: mna ndililifa labo; naye ningayi kubanika nanye imfuyo kwa‐Sirayeli; mna ndiyimfuyo yabo. 29Baya kudla umnikelo wokudla, nedini lesono, nedini letyala; nako konke okwahlukanisiweyo kwa‐Sirayeli kwoba kokwabo. 30Kanjalo isiqalo sazo zonke ilibo zako konke, nayo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yako konke, kuyo yonke iminikelo yokufunqufunqulwa yenu, yoba yeyabaperisite; nesiqalo sentlama yenu niya kusinika kuye umperisite, kuze kuhliswe itamsanqa pezu kwendlu yako. 31Konke okusisidumbu, umhlaumbi okuqwengiweyo, nokuba kuyintaka, nokuba kusisilo, abaperisite abayi kukutya.
Currently Selected:
U‐Hezekile 44: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.