U‐Hezekile 43

43
1YANDULA yandizisa kulo isango, isango elibeka ngasempumalanga. 2Kekaloku nabuya ubungcwalisa botixo wo‐Sirayeli busiza ngendlela yasempumalanga; nentlokoma yabo ibinjengentlokoma yamanzi amaninzi; wati umhlaba wakanya ngobungcwalisa bake. 3Bebunjengokubonakala kwesibonakalo endasibonayo — njengesibonakalo endasibonayo ekuzeni kwam ukutshabalalisa isixeko; nezibonakalo bezinjengesibonakalo endasibonayo ngasemlanjeni we‐Kebare; ndaza ndawa ebusweni bam. 4Bati ubungcwalisa bukayehova bangena endlwini, ngendlela yesango elibonana nempumalanga. 5Wandula umoya wandifunqula, wandizisa ebaleni lapakati; kekaloku bona ke, ubungcwalisa bukayehova bayizalisa indlu.
6Ndaza ndamva eteta kum esendlwini; yaye indoda imi ngakum. 7Wayesiti kum: Nyana woluntu! le yindawo yeterone yam, nendawo yomzantsi wenyawo zam, apo ndiya kuhlala kona pakati kwosapo luka‐Sirayeli kude kube ngunapakade; kanjalo igama lam elingcwele indlu ka‐Sirayeli ayiyi kubuya ilinco̔lise, kwa bona nokumkani babo, ngombulo wabo, nangezidumbu zokumkani babo, pezu kwendawo ezipakamileyo zabo: 8ngokumisa umnyango wabo ndawonye nomnyango wam, nomgubasi wabo ngecala lomgubasi wam; ngokuba ludonga kodwa obelupakati kwam nabo: ewe, banco̔lisa igama lam elingcwele ngezinto zabo ezibuntshontsho abazenzileyo; ngako ndabagqibela ngengqumbo yam. 9Kaloku mabakwelelise umbulo wabo, nezidumbu zokumkani babo, kude kum, ndandiya kuhlala pakati kwabo kude kube ngunapakade. 10Wena, nyana woluntu! bonisa indlu ka‐Sirayeli indlu le, baze babe nentloni ngenxa yenkohlakalo zabo; kanjalo mabalinganise umfanekiselo. 11Ukuba ke banentloni ngenxa yako konke abakwenzileyo, bazise isimilo sendlu, nomfanekiselo wayo, nendawo zokupuma zayo, nezokungena zayo, nazo zonke izimilo zayo, nayo yonke imimiselo yayo, kwa zonke izimilo zayo, nayo yonke imiteto yayo; uze uba̔le pambi kwamehlo abo, ukuba babambe zonke izimilo zayo, nayo yonke imimiselo yayo, bayenze.
12Nguwo lo umteto wendlu: Pezu kwengcopo yentaba wonke umda wayo ongqongayo uyingcwele yezingcwele. Bona ke, nguwo lo umteto wendlu.
13Kanjalo yiyo le imilinganiswa yesibingelo ngekubite; ikubite yikubite nobubanzi besandla: Isifuba saso siyikubite inye, nekubite inye ububanzi baso; nodini lwaso ngasempetweni waso ongqongayo, sisoluko sesandla: ngumhlana wesibingelo lo. 14Nakuso isifuba emhlabeni kude kube sisipumelo sasezantsi, zikubite zimbini, nobubanzi yikubite inye; nakuso isipumelo esincinane kude kube kuso isipumelo esikulu, zikubite zine, nobubanzi yikubite inye. 15Ne‐Hareli, zikubite zine; nakuyo i‐Ariyeli kwa kude kube pezulu, zimpondo zine. 16Ne‐Ariyeli, ilishumi linesibini lekubite ubude bayo, ngeshumi elinesibini ububanzi bayo, inamacala mane emacaleni ayo omane. 17Nesipumelo, bulishumi linesine ubude baso, ngeshumi linesine ububanzi baso, emacaleni aso omane; nodini olusingqongayo, sisiqingata sekubite; nesifuba saso, yikubite ngento engqongayo; nezinyukelo zaso zibeka ngasempumalanga.
18Yaza yati kum: Nyana woluntu! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Yiyo le imimiselo yesibingelo, emhleni wokwenziwa kwaso, ukunikela pezu kwaso amadini okutshiswa, nokutshiza pezu kwaso igazi. 19Wauya kunika abaperisite aba‐Levi, abangabakuyo inzalo ka‐Tsadoki, abasondelayo kum, itsho inkosi e nguyehova, ukuza kundikonza, inkunzana elitole lenkomo ibe lidini lesono. 20Wauya kucapula egazini layo, ulibeke pezu kwempondo zaso zone, napezu kwamagumbi omane esipumelo, napezu kwodini ngento engqongayo; kwa njalo uya kuhlanza sona, usixolisele. 21Uya kwandula utabate inkunzana yedini lesono, eya kutshiswa kwemiselweyo indawo yendlu, ngapandle kweyingcwele. 22Nangomhla wesibini uya kunikela itakane lebokwe elimsulwa libe lidini lesono; babeya kuhlanza isibingelo, njengokuba bebesihlanza ngenkunzana. 23Wakuba ugqibile ukusihlanza uya kunikela inkunzana elitole lenkomo, emsulwa, nenkunzi yegusha emhlambini, emsulwa. 24Wauya kuzinikela ebusweni bukayehova; baye abaperisite beya kuposa ityuwa pezu kwazo, bazinikele kuyehova zibe lidini lokutshiswa. 25Yimihla esixe̔nxe uya kulungisa ibokwe yedini lesono imihla ngemihla; nenkunzana elitole lenkomo, nenkunzi yegusha emhlambini, ezimsulwa, baya kuzilungisa. 26Yimihla esixe̔nxe baya kuxolisela isibingelo, basihlambulule, bazalise izandla zabo. 27Yakuba ipelile lemihla, kuya kwandula kuti, ngomhla wesibozo, nangexesha eliya kuza, abaperisite baya kuwenza pezu kwesibingelo eso amadini okutshiswa enu, neminikelo yoxolo yenu; ndandiya kunibuka, itsho inkosi e nguyehova.

Currently Selected:

U‐Hezekile 43: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena