U‐Hezekile 28
28
1LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 2Nyana woluntu! yiti kwinkosi ye‐Tire:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba intliziyo yako ipakamile, nokuba uti, ndi ngutixo, ndihleli esihlalweni sikatixo, embilini welwandle; kanti ungumntu ke, ungenguye utixo, nangona uyibeka intliziyo yako njengentliziyo katixo; 3bona ke, ulumkile pezu kwo‐Danyeli; akuko mfihleko engakufihlelwayo. 4Ngobulumko bako nangengqondo yako uzizuzele ubutyebi; ewe, uzuzile igolide nesilivere ezimbekelweni zako. 5Ngobukulu bobulumko bako ekutengeni kwako ubandisile ubutyebi bako; kanjalo intliziyo yako ipakamile ngenxa yobutyebi bako. 6Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngenxa yokuba ubekile intliziyo yako njengentliziyo katixo; 7ngako oko, bona ke, ndiya kuzisa pezu kwako abasemzini, abazidlwengu zezizwe; abaya kur̔ola amaṙele abo ngakubo ubuhle bobulumko bako, banco̔lise inkazimlo yako. 8Baya kukuhlisela emnxunyeni, wauya kufa ngokufa kwabahlatyiweyo embilini welwandle. 9Womana ukuti na, ndi ngutixo, ebusweni bokubulalayo, ungumntu nje, ungenguye utixo, esandleni sokuhlabayo? 10Ukufa kwabangalukileyo uya kukufa ngesandla sabasemzini; ngokuba nditetile mna, itsho inkosi e nguyehova.
11Lalekela ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 12Nyana woluntu! tabata isililo pezu kwokumkani we‐Tire, uti kuye:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Wena uncamatiselayo umlinganiso, ozele bubulumko, ofezekile ngobuhle! 13ubuko e‐Hedeni, emyezweni katixo; onke amatye anqabileyo ebesisigubungelo sako, irubi, itopaze, neyahalome, ikrusolite, isadonutse, nejasipidi, isafire, isamagide, nekabunekele, negolide: umsebenzi wentambula zako nowemilozi yako ubukuwe; emhleni wokudalwa kwako zalungiswa. 14Ubuyikerubime etanjisiweyo egubungelayo; ndakumisa njalo; ubuko entabeni eyingcwele katixo; pakati kwamatye omlilo ubuhambahamba. 15Ubufezekile wena ezindleleni zako, kwa semhleni wokudalwa kwako, kwada kwafunyanwa inkohlakalo kuwe. 16Ngobuninzi bentengo yako bazalisile umpakati wako ngobudlwengu, wawonile; ngako ndiya kukulahla njengento enco̔lileyo entabeni katixo; ndandiya kukububisa, wena kerubime egubungelayo! kwa pakati kwamatye omlilo. 17Intliziyo yako ubupakamile ngobuhle bako; wonakalisile ubulumko bako ngenxa yenkazimlo yako: ndokukahlela emhlabeni, ndokubeka ebusweni bokumkani, ukuba bakubonele. 18Ngobuninzi benkohlakalo zako, ngobumenemene bokutenga kwako, uzinco̔lisile indawo zako ezingcwele; ngako ndiya kupumisa umlilo kwa pakati kwako oya kukudla; ndandiya kukwenza ube lututu pezu kwomhlaba, emehlweni abo bonke abakubonayo. 19Bonke abakwaziyo pakati kwezizwe bokutela nqa; woba sisituso, ude ungabiko kude kube ngunapakade.
20LEZA kanjako ilizwi likayehova kum, lisiti: 21Nyana woluntu! beka ubuso bako ngakuyo i‐Tsidone, uprofiteshe ngakuyo, 22uti:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndingakuwe, Tsidone! ndandiya kubekwa pakati kwako; baye beya kwazi okokuba mna ndi nguyehova, nxa ndiyenza kuyo imigwebo, nanxa ndingcwaliswa kuyo. 23Ngokuba ndiya kutuma kuyo isifo esibubisayo, negazi ezitarateni zayo; kanjalo inxweleṙa ziya kuwa pakati kwayo, ngeṙele elingakuyo ngamacala onke; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
24Kwaye kungayi kubuya kubeko kwindlu ka‐Sirayeli ameva aṙauzelisayo, namakakakaka anika ubuhlungu, kubo bonke ababangqongayo, abo ababacekisayo; babeya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova. 25Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Nxa ndibutileyo indlu ka‐Sirayeli ezizweni abatiwe sa pakati kwazo, nanxa ndiya kungcwaliswa kubo emehlweni abaheyideni, baya kwandula bahlale emhlabeni wabo, endawunikayo kwisicaka sam, ku‐Yakobi. 26Babeya kuhlala kuwo ngokunqaba, bake izindlu, batyale imiyezo; ewe, baya kuhlala ngokunqaba, nxa ndiyenzile imigwebo pezu kwabo bonke ababacekisayo, ababangqongayo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova, utixo wabo.
Currently Selected:
U‐Hezekile 28: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.