U‐Hezekile 27
27
1LABUYA leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 2Kanjalo wena, nyana woluntu! tabatela i‐Tire isililo; 3uze uti kuyo i‐Tire:
Wena uhlalayo ngasezingenweni zolwandle, mtengelikazi wezizwe kuzo iziqiti ezininzi! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Tire! uti wena, ndifezekile ngobuhle. 4Imida yako isembilini welwandle; abaki bako bafezekisile ubuhle bako. 5Ngemiti yeberoshe yase‐Senire bazakile zonke iplanke zako; isedare zase‐Lebanone bazitabatile ukuba kukwenzelwe imaste. 6Ngeyeke zase‐Bashane bayenzile imipini yako: izitulo zako bazenzile ngopondo lwendlovu kunye nemiti yetashure ivela eziqitini zama‐Kiti. 7Iqiya eshiceneyo inesetyenzwa elitungiweyo ngamabala ngamabala, ivela e‐Jipete, ibisisitwabuluko sako, ukuba ibe yiseli yako; izuluṙa nesibomvu, zivela eziqitini zase‐Elishai, zibe zisisigubungelo sako. 8Abemi base‐Tsidone ne‐Aravadi bebengabaqu̔bi bako ngemipini; amalumko ako, Tire! abeko kuwe, wona ebengabapati benqanawa bako. 9Abadala base‐Gebali, namalumko ayo, bebeko kuwe, abalungisi bentanda zako; zonke inqanawa zolwandle, nomatrose bazo, beziko kuwe, ukutenga intengo yako. 10Ama‐Peresiya, nama‐Ludi, nama‐Pute, ebesempini yako, amadoda ako okulwa; axo̔ma ikaka nomnqwazi kuwe; wona enza inkazimlo yako. 11Amadoda ase‐Aravadi nempi yako ebepezu kwendonga zako ngento engqongayo; nama‐Gamadi ebesezinqatyeni zako; amakaka awo awaxo̔ma ezindongeni zako ngento engqongayo; afezekisa ubuhle bako. 12I‐Tareshishe ibingumtengisi wako ngenxa yobuninzi bendyebo zonke; ngesilivere, ngesincete, ngetine, nangelode, benza ukwanana nawe. 13I‐Javane, ne‐Tubali, ne‐Mesheki, zibe zingabatengi bako; ngemipefumlo yabantu nempahla zexina batengelana nawe. 14Abendlu ka‐Togama benza ukwanana nawe ngamahashe enqwelo, nangamahashe okukwelwa, nangamaqwaṙaṙa. 15Amadoda ase‐Dedane ebengabatengi bako; iziqiti ezininzi zibe ziyintengelo yesandla sako; impondo zopondo lwendlovu nezeheboni bazibuyisa zibe libaso lako. 16I‐Siriya ibiyindawo yokutengisa kwako ngenxa yobuninzi bamasetyenzwa ako; ngesamagide, ngesibomvu, nangencawe etungiweyo ngamabala ngamabala, nangeqiya eshiceneyo, ngekorali, nangerubi, benza ukwanana nawe. 17I‐Juda, nelizwe lakwa‐Sirayeli, zona zibe zingabatengi bako; ngenqolowa yase‐Minite ne‐Panage, nangobusi, nangeoli, nangetsori, batengelana nawe. 18I‐Damakusi ibiyindawo yokutengisa kwako, ngobuninzi bamasetyenzwa ako, ngenxa yobuninzi bendyebo zonke; ngeveyine yase‐Helibone, noboya obumhlope. 19I‐Vedane ne‐Javane yakwa‐Yuzale zenza ukwanana nawe: isincete esikazimlayo, nekasiya, nekalame, zibe zisendaweni yako yokutenga. 20I‐Dedane ibingumtengi wako ngezivato zokwandlalwa ezinqwelweni. 21I‐Arabi, nazo zonke inkosana zakwa‐Kedare, zona zibe zingabatengisi besandla sako; ngemvana, nenkunzi zegusha, nebokwe, — ngezi zibe zingabatengisi bako. 22Abatengi base‐Sheba ne‐Rahama, bona bebengabatengi bako; ngezimnandi zonke ezidumileyo, nanga, matye onke anqabileyo, negolide, benza ukwanana nawe. 23I‐Karane, ne‐Kane, ne‐Hedeni, abatengi base‐Sheba, ne‐Asiriya, ne‐Kilimade, bebengabatengi bako. 24Aba bebengabatengi bako ngezinto ezintle, ngezinameko zezuluṙa nencawe etungiweyo ngamabala ngamabala, nangetyeya zezivato ezinqabileyo, zibotshiwe ngentambo, zenziwe ngemiti yesedare, pakati kwentengo yako. 25Inqanawa zase‐Tareshishe zibe zingabaṙatyazi bako ekutengeni kwako; waza wazaliswa, wabekeka kakulu embilini welwandle.
26Abaqu̔bi bako ngemipini bakuzisile emanzini amakulu; umoya wasempumalanga ukwapulile, embilini welwandle. 27Indyebo yako, nokwanana kwako, intengo yako, omatrose bako, nabapati benqanawa bako; abalungisi bentanda zako, nabatengi bentengo yako, nawo onke amadoda ako okulwa, lawo akuwe, nakuwo wonke umhlambi wako opakati kwako, baya kuwa embilini welwandle, ngomhla wokuwa kwako. 28Ngentlokoma yesikalo sabapati benqanawa bako, inqele ziya kungcangcazela. 29Baya kuhla ezinqanaweni zabo, bonke abapete imipini, omatrose, bonke abapati benqanawa baselwandle; baya kuma emhlabeni, 30bavakalise ilizwi labo pezu kwako, bakale ngento eṙaṙa, bapose utuli pezu kwentloko zabo, baqikaqikeke elututwini, 31bazenze bunqai ngenxa yako, babinqe ngentlakantlaka, bakulilele ngobuṙaṙa bompefumlo, ngokulila okuṙaṙa; 32babeya kukutabatela ekukaleni kwabo isililo, balile pezu kwako, besiti: Sisipina isixeko esinjenge‐Tire, njengesicitakeleyo pakati kwolwandle? 33Ekupumeni kwezinto zako zokwanana ezilwandleni, wahlutisa izizwe ezininzi; ngobuninzi bendyebo zako nentengo yako watyebisa okumkani bomhlaba. 34Ngexesha lokwapulwa kwako zilwandle ezinzulwini zamanzi, intengo yako nawo wonke umhlambi wako pakati kwako uya kuwa. 35Bonke abemi beziqiti bokutela nqa, nokumkani babo baya kuhlatyuzela kakulu, boba nevuso ubuso babo. 36Abatengisi pakati kwezizwe baya kwenza amakwelo pezu kwako; woba sisituso, ude ungabiko kude kube ngunapakade.
Currently Selected:
U‐Hezekile 27: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.