U‐Hezekile 24
24
1LEZA kanjako ilizwi likayehova kum, ngomnyaka wesitoba, ngenyanga yeshumi, ngoweshumi umhla wenyanga, lisiti: 2Nyana woluntu! ziba̔lele igama lemini, lekwa yiyo imini le: ukumkani we‐Babilone waṙaula i‐Yerusaleme ngekwa yiyo imini le. 3Uze uyitetele indlu enenkani umzekeliso, uti kubo:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Beka imbiza, yibeke, ugalele amanzi kuyo kanjalo. 4Zibutele iziqendu zayo kuyo, zonke iziqendu ezilungileyo, itanga negxalaba; yizalise ngamatambo adlulisileyo. 5Tabata okudlulisileyo kwomhlambi; kanjalo makubeko imfumba yamatambo ngapantsi kwayo; kolisa ukuyibilisa; namatambo ayo pakati kwayo mabawapeke. 6Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kuso isixeko esinegazi, kuyo imbiza umhlwa wayo ukuyo, nomhlwa wayo ungapumanga kuyo! ngeziqendu zayo ezinye ngezinye yiku̔pe; makungawi pezu kwayo isiqashiso. 7Ngokuba igazi laso lipakati kwaso; pezu kweliwa elitshileyo silibekile; asiligalelanga pezu kwomhlaba, ukuba siliselele ngotuli. 8Ukuze kuvuswe ubuṙalaṙume, ukuze kwenziwe impindezelo, ndilibekile igazi laso pezu kweliwa elitshileyo, ukuba lingaselelwa. 9Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Kwoba nzima kuso isixeko segazi! Kanjako ndiya kulenza likulu igoqo. 10Fumbisa inkuni, pemba umlilo, vutisa inyama, yimanye ngezimnandi, namatambo makatshiswe. 11Yandula ukuyimisa pezu kwamalahle ayo izé, ukuba ifudumale ixina yayo, itshe nokutsha, nokuba kunyibilikiswe pakati kwayo ukunco̔la kwayo, kugqitywe umhlwa wayo. 12Izidinisile ngenkatazo, kodwa umhlwa wayo omninzi awupumanga kuyo; maube semlilweni umhlwa wayo! 13Ekunco̔leni kwako kuko okuhlazekileyo: ngokokuba ndikuhlambulule, kanti akuhlambululekile, akuyi kubuya uhlanjululwe ekunco̔leni kwako, ndingekapumzanga ubuṙalaṙume bam pezu kwako. 14Mna Yehova nditetile oku, kwoza kubako, ndandiya kukwenza; andiyi kuyeka, andiyi kuba nanceba, andiyi kuba nalusizi; njengendlela zako, nanjengezenzo zako, baya kukugweba, itsho inkosi e nguyehova.
15Labuya leza kum ilizwi likayehova, lisiti: 16Nyana woluntu! bona ke, ndiya kususa kuwe inkanuko yamehlo ako ngesibeto; kodwa akuyi kusenza isijwili, akuyi kulila nokulila, kanjako inyembezi zako aziyi kupuma. 17Befunyeka ekutini cwaka, isililelo sabafileyo akuyi kusenza, unkontsho lwako lubope pezu kwako, nezihlangu zako zifake ezinyaweni zako; kanjalo ungagubungeli imbovu yako, nesonka sabantu ungasidli.
18Kekaloku ndateta ebantwini ngokusa; wafa umfazi wam ngokuhlwa; ndaza ndenza ngokusa njengokuba bendiyalelwe. 19Bandula abantu bati kum: Akuyi kusixelela na ziyinto nina kuti ezizinto, ukuba wena wenje njalo? 20Ndaza ndati kubo: Ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 21Yiti kwindlu ka‐Sirayeli:
Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kunco̔lisa indawo yam engcwele, ir̔atshi lamandla enu, inkanuko yamehlo enu, nenyamekelo yompefumlo wenu; boti onyana benu nentombi zenu enibashiyileyo bawe ngeṙele. 22Naniya kwenza njengokuba ndenzile mna; imbovu zenu aniyi kuzigubungela, nesonka sabantu aniyi kusidla. 23Inkontsho zenu zoba pezu kwentloko zenu, nezihlangu zenu ezinyaweni zenu; aniyi kusenza isijwili, aniyi kulila nokulila; koko niya kungcungcuteka ezikohlakalweni zenu, nigule omnye ngakuye omnye. 24Waeya kuti u‐Hezekile abe ngumqondiso kuni: njengako konke akwenzileyo, niya kwenza nina; nxa kuzayo oku, niya kwandula nazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
25Nawe, nyana woluntu! akuyi kuba njalo na, emhleni ndisusayo kubo inqaba yabo, uvuyo lwobungcwalisa babo, inkanuko yamehlo abo, nesilangazelelo semipefumlo yabo, onyana babo nentombi zabo? 26Ngalomhla, lowo usindileyo woza kuwe, ukuba kuviswe indlebe. 27Ngalomhla, umlomo wako uya kuvulelwa lowo usindileyo, wauya kuteta, ungabi sesisidenge: wauya kuba ngumqondiso kubo; babeya kukwazi okokuba mna ndi nguyehova.
Currently Selected:
U‐Hezekile 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.