U‐Hezekile 23
23
1LALEKELA ilizwi likayehova leza kum, lisiti: 2Nyana woluntu! bekuko abafazi ababini, intombi zonina emnye. 3Baye besenza umbulo e‐Jipete; ebutsheni babo bawenza umbulo: kwa lapo ancinezelwa amabele abo, nalapo kwacofwa imibele yobuntombi babo. 4Namagama abo, ngu‐Ahola omkulu, no‐Aholiba udade wake; baba ngabam, bazala onyana nentombi: namagama abo, i‐Samariya ngu‐Ahola, ne‐Yerusaleme ngu‐Aholiba.
5Waza u‐Ahola wenza umbulo, nxa apantsi kwam; wakanukela abatandi bake, ama‐Asiriya abamelwane bake; 6bevatisiwe ngezuluṙa, inkosi nenkosana, bengamadodana anqwenelekayo bonke, abakweli bekwela emahasheni. 7Wayeku̔pa imibulo yake pezu kwabo, bonke bengonyana abadlulisileyo base‐Asiriya; nangabo bonke wabakanukelayo, ngazo zonke izitixwana zabo wazinco̔lisa. 8Nemibulo yake ivela kuma‐Jipete akayishiya; ngokuba ebutsheni bake ebelele naye, acofa imibele yobuntombi bake, agalela umbulo wawo pezu kwake. 9Ngako oko ndamnikela esandleni sabatandi bake, esandleni sonyana base‐Asiriya, abo wabakanukelayo. 10Aba batyila ubuzé bake; batabata onyana bake nentombi zake, naye yena bambulala ngeṙele; waza waba ligama pakati kwabafazi, nxa babeyenzile imigwebo pezu kwake.
11Wati udade wake u‐Aholiba, akubona oku, wonakalisa ukukanuka kwake ngapezu kwake, nemibulo yake ngapezu kwemibulo yodade wake. 12Wakanukela onyana base‐Asiriya, inkosi nenkosana, abamelwane bake, bevatisiwe ngento entle kunene, abakweli bekwela emahasheni, bengamadodana anqwenelekayo bonke. 13Ndaza ndabona ukuba unco̔lisiwe; bebenendlela inye bobabini. 14Ewe wayandisa imibulo yake; wati akubona amadoda eba̔liwe pezu kwodonga, imifanekiso yama‐Kaledine iba̔liwe ngeqabo elibomvu, 15ebinqiwe ngemibinqo ezinqeni zawo, enenkontsho ezilengalengayo pezu kwentloko zawo, eyimiduna ukubonakala kwawo onke, njengabo onyana base‐Babilone, abase‐Kaledine ilizwe lokuzalwa kwawo, 16wandula wawakanukela ngokubona kwamehlo ake, watuma izigidimi kuwo e‐Kaledine. 17Baye onyana base‐Babilone besiza kuye esililini sotando, bamnco̔lisa ngombulo wabo; wanco̔liswa ngabo, wada umpefumlo wake waqipukelana nabo. 18Wayityila imibulo yake, wabutyila nobuzé bake; wandula umpefumlo wam waqipukelana naye, njengokuba umpefumlo wam ubuqipukelene nodade wake. 19Koko wayandisa imibulo yake, ngokukumbula imihla yobutsha bake, okuya abesenza umbulo elizweni lama‐Jipete. 20Ngokuba ebekanukela izitandwa zawo, ezinyama injengenyama yamaqwaṙashe, nezigqita linjengegqita lamahashe. 21Kwa njalo wabuya wakumbula ngobutshinitshini bobutsha bako, nxa abase‐Jipete bacofa imibele yako, ngenxa yamabele obutsha bako.
22Ngako oko, Aholiba! itsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuvusa abatandi bako ngakuwe, abo umpefumlo wako uqipukelene nabo, ndandiya kubazisa pezu kwako ngokungqonga: 23onyana base‐Babilone, nawo onke ama‐Kaledine, o‐Pekodi, no‐Shoha, no‐Koha, bonke onyana base‐Asiriya benabo; bengamadodana anqwenelekayo bonke, inkosi nenkosana, imiduna nabadumileyo, bekwele emahasheni bonke. 24Babeya kuza ngakuwe ngenqwelwana, nangenqwelo, nangengqengqeleko, nangomhlambi wezizwe; ikaka, nekakana, nomnqwazi, bozimisa ngakuwe ngento engqongayo; ndiya kubeka ubugwebo ebusweni babo, babeya kukugweba ngemigwebo yabo. 25Ndiya kubeka ikwele lam ngakuwe, babeya kukupata ngobuṙalaṙume; impumlo zako nendlebe zako bozisusa; nabokupela bako baya kuwa ngeṙele; onyana bako nentombi zako bobatabata, nabokupela bako baya kudliwa ngomlilo. 26Kanjalo baya kukuhluba izivato zako, batabate izihombo zako ezintle. 27Ndandiya kupelisa ubutshinitshini bako kuwe, nombulo wako uvela elizweni lama‐Jipete; ude ungapakamisi amehlo ako ngakuwo, ne‐Jipete ungabuyi uyikumbule. 28Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Bona ke, ndiya kukunikela esandleni sabo ubatiyayo, esandleni sabo umpefumlo wako nqipukelene nabo: 29abaya kukupata ngotiyo, batabate yonke inzuzo yako, bakushiye uzé uhlubulukile; babuya kutyilwa ubuzé bemibulo yako, nobutshinitshini bako, nemibulo yako. 30Ndiya kuzenza ezizinto kuwe, ngokuba uṙexezele emva kwabaheyideni, ngenxa yokuba unco̔lisiwe ngezitixwana zabo. 31Endleleni yodade wako uhambile; ngako ndiya kunikela indebe yake esandleni sako. 32Itsho inkosi e nguyehova ukuti: Uya kusela kwindebe yodade wako, eyenzulu nebanzi; woba yinto yokuhlekwa neyokugculelwa; iyabamba into eninzi. 33Uya kuzaliswa kukunxila nosizi; yindebe yentshabalalo nengcitakalo, indebe yodade wako i‐Samariya. 34Uya kusela kuyo uyifunxe, namacepe ayo uya kuwanqaba, namabele ako wowanyotula: ngokuba nditetile mna, itsho inkosi e nguyehova. 35Ngako oko itsho inkosi e nguyehova ukuti: Ngokokuba ulibele mna, nokuba undilahlile emva kwomhlana wako, ngako nawe twala ubutshinitshini bako nemibulo yako.
36Wayesiti uyehova kum: Nyana woluntu! uya kugweba na u‐Ahola no‐Aholiba? Ewe, zixele kubo izinto zabo ezibuntshontsho. 37Ngokuba beṙexezile, kuko igazi ezandleni zabo, baṙexezile nezitixwana zabo, nabantwana babo, abo bandizalela bona, babadlulisele kuzo emlilweni babe kukudla. 38Kanjako oku bakwenzile kum: banco̔lisile indawo yam engcwele kwa ngalomini, nesabata zam bazidyobile. 39Ngokuba xeshekweni bebebabulalele izitixwana zabo abantwana babo bandula bangena endaweni yam engcwele kwa ngalomini ukuyidyoba; ewe, bona ke, benje njalo pakati kwendlu yam. 40Nakanjako, batumela amadoda avela kwa kude, ekwatunywa kuwo isigidimi; ewe, bona ke, eza; owabusiti ngenxa yawo, wazihlamba, waqaba amehlo ako, wazihomba ngezihombo, 41wahlala pezu kwomandlalo obungcwalisa, unetafile elungisiweyo pambi kwawo, owabubekile isiqu̔miso sam neoli yam pezu kwayo. 42Kwaye kuko naye intlokoma yesihlwele esingenakukatala; nakunye namadoda evela ebuninzini babantu kwaziswa ama‐Seba avela entlango; abefaka izacolo ezandleni zabo, nezitsaba ezihle pezu kwentloko zabo. 43Ndaza ndati ngalowo owalupeleyo yimiṙexezo: Oti ke na kaloku enze imibulo yake? naye na? 44Koko bekungenwa kuye, njengokuba kungenwa emfazini engumpinyiswa: enje njalo ukungena ku‐Ahola naku‐Aholiba, abafazi ababutshinitshini. 45Kodwa amadoda alungileyo wona aya kubagweba ngokugwetywa kwabaṙexezikazi, nangokugwetywa kwabo abapalaza igazi; ngokuba bengabaṙexezikazi bona, negazi lisezandleni zabo. 46Ngokuba isitsho inkosi e nguyehova ukuti: Ndiya kunyusa ngakubo umhlambi, ndibanikele ukuzanyazanyiswa nokupangwa. 47Wauya kuti umhlambi ubagibisele ngamatye, ubasike ngamaṙele abo; onyana babo nentombi zabo bobabulala, nezindlu zabo baya kuzitshisa ngomlilo. 48Ndandiya kupelisa ubutshinitshini elizweni, ukuze bafundiswe bonke abafazi ukuba bangenzi njengobutshinitshini benu. 49Baya kububeka ubutshinitshini benu pezu kwenu, nezono zezitixwana zenu niya kuzitwala; naniya kukwazi okokuba mna ndi yinkosi e nguyehova.
Currently Selected:
U‐Hezekile 23: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.