Umshumayeli 7

7
1IGAMA elilungileyo lilungile pezu kwamafuta amnandi, nomhla wokufa kwomntu pezu kwomhla wokuzalwa kwake.
2Kulungile ukuya endlwini yesililo, ngapezu kwokuya endlwini yesidlo; ngokokuba oko kukukupela kwabantu bonke; woti ke opilileyo akubekele intliziyo yake. 3Usizi lulungile pezu kwokuhleka; ngokuba ngokudana kwobuso ilungiswa intliziyo. 4Intliziyo yabalumkileyo isendlwini yesililo, kodwa intliziyo yezidenge isendlwini yemihlali.
5Kulungile ukuba kuviwe ukutetisa kwelumko, ngapezu kwokuba umntu eve ingoma yezidenge. 6Ngokuba njengokuṙaṙazela kwameva ngapantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge. Oku kokungendawo nako. 7Ngokuba imbandezelo imatisa olumkileyo, nebaso liyonakalisa intliziyo. 8Ukupela kwendawo kulungile pezu kwokuqala kwayo; ukuqumba kade kugqitisele ukuqanqalaza. 9Unganxami ngomoya wako ukuqumba; ngokuba uqumbo luhleli esifubeni sezidenge.
10Ungatsho ukuti: Bekuyinina ukuba imihla yamatanci ibilungile pezu kwalé? ngokuba kungengabulumko ukuba ubuze ngoku. 11Ubulumko bulungile kwa njengelifa; buyinzuzo ke kwabo balibonayo ilanga. 12Ngokuba ubulumko sisikuselo, nemali sisikuselo nayo; kodwa indluliselo yokwazi, kukuba ubulumko bupilisa abanabo. 13Gqala umsebenzi katixo: ngokuba ngubanina ongalungisayo oko akugobisileyo? 14Uti emhleni wobutamsanqa ube nobuyolo, nasemhleni welishwa ugqale, — ukuba kwa lo njengawo nalowo uwenzile utixo, ngetuba lokuba umntu angafumani nto eya kuba ngasemva kwake.
15Oku konke ndikubonile emihleni yam yokungendawo: kuko ilunga elibubayo ekulungeni kwalo; kanjalo kuko okohlakeleyo ohlala kade enkohlakalweni yake. 16Ungabi ulungile ngokuninzi kakulu; kanjalo ungazenzi olumkileyo ngokugqitisa; yinina ukuba uzitshabalalise? 17Ungabi ukohlakele ngokuninzi kakulu; kanjalo ungabi lihilihili; yinina ukuba ufe lingekafiki ixesha lako? 18Kulungile ukuba ubambelele koku, nokuba ungayekisi isandla sako nakoko; ngokuba lowo umoyikayo utixo eya kupuma kwezonto zonke. 19Ubulumko buyamomeleza olumkileyo, ngapezu kweshumi labanamandla abakoyo esixekweni. 20Ngokuba kungeko mntu olungileyo pezu kwomhlaba, okwenza okulungileyo, angoni.
21Kanjako, unganikeli intliziyo yako kuwo onke amazwi atetwayo; hleze usive isicaka sako sikutuka: 22ngokuba isazi eyako intliziyo ukuba kwa futi nawe utukile abanye.
23Konke oku ndikulingile ngobulumko; ndati: Mandibe nobulumko; kodwa bebukude kum. 24Oko okukude, nokunzulu kakulu, ngubanina ongakufumanayo? 25Ndajika mna nentliziyo yam ukwazi, nokupanda, nokufuna ubulumko nobutelekelelo; nokwazi inkohlakalo, nobuhilihili, nobudenge obubugeza. 26Ndaza ndamfumana eṙaṙa ngapezu kwokufa, lowamfazi ontliziyo izintambo nemigibe, ozandla zizinxibo: olungileyo ebusweni bukatixo wosinda kuye; kodwa umoni wobanjiswa nguye. 27Bona ke, oku ndikufumene, utsho umshumayeli, enye into ndiyibeka kwenye ukuba ndiyifumane ingqibo; 28oko umpefumlo wam usakufuna, kanti andikufumani: indoda inye pakati kwabaliwaka ndiyifumene, kodwa umfazi pakati kwabo bonke aba andimfumananga. 29Kupela, bona ke, oku ndikufumene, ukuba utixo wenza umntu elungile, kodwa bona bafunile amaqinga amaninzi.

Currently Selected:

Umshumayeli 7: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena