Umshumayeli 12
12
1Uze ukumbule umdali wako emihleni yobutsha bako, ingekafiki imihla yobubi, ingekasondeli iminyaka oya kuti ngayo: Ayindiyoleli: 2kungekenziwa mnyama ilanga, nokukanya, nenyanga, nenkwenkwezi; engekabuyi amafu emveni kwemvula; 3emhlenikweni abagcini bendlu baya kungcangcazela, ati amadoda amandla azigobe, nabasili banqumame ngokuba bebancinane, nabakangelayo ngefenstile benzwe mnyama, 4nengcango zivalwe esitarateni, sakuba isandi sokusila sitambile, aze avuke ngelizwi lentaka, ziti zonke intombi zokucula zitotywe; 5nxa kanjako baya kwoyika into ende, nezituso zisendleleni, siti isamonde sidelwe, nenkumbi ibe ngumtwalo, nenkanuko itshitshe; ngokuba umntu esiya ekayeni lake elingunapakade, nabalili bayahambahamba esitarateni: 6ingekaqauki intambo yesilivere, ingekatyumki indebe yegolide, ungekaqekezwa umpanda emtonjeni, ingekatyunyuzwa ingqengqeleko ngasequleni, 7lwandule utuli lubuyele emhlabeni njengokuba belunjalo, nomoya ubuyele kutixo owawunikayo.
8OKUNGENDAWO kwokungendawo, utsho umshumayeli, konke kokungendawo.
9Nangapandle kwokokuba umshumayeli ebengolumkileyo, wati kanjako wabafundisa abantu ukwazi; ewe, wabencabenca, wapengulula, walungisa imizekeliso emininzi. 10Wafuna umshumayeli ukufumana amazwi akolekileyo, waza waba̔la ngolungelelwano amazwi enyaniso. 11Amazwi abalumkileyo anjengezihlaba, nawabapati bentlanganiso anjengezikonkwane eziqinisiweyo, anikiweyo ngumalusi emnye. 12Nangapandle kwezizinto, nyana wam! zuyaleke: akuko kupela kwokuzenza incwadi ezininzi: kanjalo ufundo oluninzi luyindiniso kwinyama.
13Ukugqibela kwendawo, okwayo yonke, masikuve: Yoyika utixo, nemiyalelo yake uyigcine; ngokuba oku bonke abantu ngebekwenza. 14Ngokuba izenzo zonke eya kuzizisa utixo ekugwebeni, kunye nezinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile, nokuba zikohlakele.
Currently Selected:
Umshumayeli 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.