1
Umshumayeli 12:13
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ukugqibela kwendawo, okwayo yonke, masikuve: Yoyika UTIXO, nemiyalelo yake uyigcine; ngokuba oku bonke abantu ngebekwenza.
Thelekisa
Phonononga Umshumayeli 12:13
2
Umshumayeli 12:14
Ngokuba izenzo zonke eya kuzizisa UTIXO ekugwebeni, kunye nezinto zonke ezifihlakeleyo, nokuba zilungile, nokuba zikohlakele.
Phonononga Umshumayeli 12:14
3
Umshumayeli 12:1-2
Uze ukumbule umdali wako emihleni yobutsha bako, ingekafiki imihla yobubi, ingekasondeli iminyaka oya kuti ngayo: Ayindiyoleli: kungekenziwa mnyama ilanga, nokukanya, nenyanga, nenkwenkwezi; engekabuyi amafu emveni kwemvula
Phonononga Umshumayeli 12:1-2
4
Umshumayeli 12:6-7
ingekaqauki intambo yesilivere, ingekatyumki indebe yegolide, ungekaqekezwa umpanda emtonjeni, ingekatyunyuzwa ingqengqeleko ngasequleni, lwandule utuli lubuyele emhlabeni njengokuba belunjalo, nomoya ubuyele KUTIXO owawunikayo.
Phonononga Umshumayeli 12:6-7
5
Umshumayeli 12:8
OKUNGENDAWO kwokungendawo, utsho umshumayeli, konke kokungendawo.
Phonononga Umshumayeli 12:8
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo