I‐Duteronomi 34

34
1WANDULA u‐Mosesi wenyuka ematafeni ase‐Mowabi, waya entabeni ye‐Nebo, engcopo ye‐Pisega, ngapambi kwe‐Jeriko. Waza uyehova wambonisa lonke elozwe, i‐Gileyadi kwada kwase‐Dane, 2nalo lonke ilizwe lakwa‐Nefatali, nelizwe lakwa‐Frayime, nelakwa‐Manase, nalo lonke ilizwe lakwa‐Juda, kwada kwaselwandle lwasemva, 3nelasesuyide, netafa lomhlambo wase‐Jeriko, isixeko semiti yepalime, kwada kwase‐Tsohare. 4Waye uyehova esiti kuye: Eli lelozwe endandifungile ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi, ngokuti: Ndolinika kwinzalo yako. Ndikubonisile lona ngamehlo ako, kanti akuyi kuwela ukuya kona.
5Wada wafa kona u‐Mosesi, isicaka sikayehova, ezweni le‐Mowabi, ngelizwi likayehova. 6Waza wamncw̔aba esihlanjeni, ezweni le‐Mowabi, malungana ne‐Betepehori; kodwa akuko mntu owaziyo incw̔aba lake kwada kwanamhla nje. 7Waye u‐Mosesi eyiminyaka ilikulu linamashumi mabini ubudala bake, akububa: iliso lake belingeluzizi, nokwomelela kwake bekungemkile. 8Lwaza usapo luka‐Sirayeli lwamlilela u‐Mosesi ematafeni ase‐Mowabi imihla yamashumi matatu: yada yagqitywa imihla yesililo nesijwili pezu kwo‐Mosesi.
9Kekaloku u‐Yoshuwa, unyana ka‐Nune, ebezele ngumoya wobulumko; ngokuba u‐Mosesi ebelalisile izandla zake pezu kwake: lwaza usapo luka‐Sirayeli lwampulapula, lwenza njengokuba uyehova ebemyalele u‐Mosesi.
10Kwaye kungabanga savuka umprofite kwa‐Sirayeli njengo‐Mosesi, owati uyehova wamazi ubuso ngobuso; 11ngayo yonke imiqondiso nemimangaliso, owabemtuma uyehova ukuya kuyenza ezweni le‐Jipete, ku‐Faro, nakuzo zonke izicaka zake, nakulo lonke ilizwe lake; 12nangaso sonke esosandla someleleyo, nangaso sonke esosoyikiso sikulu, owasenzayo u‐Mosesi emehlweni o‐Sirayeli bonke.

Currently Selected:

I‐Duteronomi 34: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena