I‐Duteronomi 32

32
1Bekani indlebe, mazulu! ndandiya kuteta; upulapule, mhlaba! amazwi omlomo wam. 2Imfundiso yam iya kucapaza njengemvula, inteto yam yotontsela njengombete, njengomvumbi pezu kwohlaza, nanjengezipango pezu kwenca. 3Ngokuba igama likayehova ndiya kulishumayela: nikani ubukulu kutixo wetu! 4Nguye ilityekazi, ufezekile umsebenzi wake; ngokuba zonke indlela zake zibubulungisa: ungutixo wenyaniso, engenabumenemene; ulungile, ufanele yena.
5Bazonakalisile ngakuye, asisesabantwana bake isipako sabo; basisizukulwana esigwenxa nesigoso.
6Nobuyekezela uyehova ngokunjalo na, nina bantu abanyabileyo abangenabulumko? asi nguye na uyihlo okutengileyo, lowo ukwenzileyo okuqinisileyo? 7Kumbula imihla yakudala, nakana iminyaka yesizukulwana ngesizukulwana: buza kuyihlo wako, wokwazisa ke; kubadala bako, bokuxelela ke. 8Nxa opezu konke wazamkelisa intlanga ilifa, nxa wabahlukanisa onyana baka‐Adame, wamisa imida yabantu ngokwenani losapo luka‐Sirayeli. 9Ngokuba isabelwa sikayehova singabantu bake; u‐Yakobi usisahlulelwa selifa lake. 10Wamfumana elizweni lentlango nasebugxwayibeni bokulila obulubala; wamzekelelisa, wamqondisa, wamlondoloza njengokozo lweliso lake. 11Njengokuba ukozi luvusa indlu yalo, ludidizela pezu kwamatole alo, lusolula amapiko alo, luwatabata, luwatwala pezu kwentsiba zalo; 12kwa njalo wamkapa uyehova yedwa, kungabangako naye utixo wasemzini. 13Wamkwelisa pezu kwenduli zomhlaba, ukuba atye imifuno yezindle; wamanyisa ubusi buvela eweni, neoli ivela elityeni elilukuni; 14amafuta epehlwa enkomo, namasi egusha, kunye nenqata lemvana, nenkunzi zegusha ezizelwe e‐Bashane, nebokwe, kunye nenqata lezintso zenqolowa; negazi ledreyive wabulisela libe yiveyine yako.
15Koko u‐Yeshurune watyeba, wakaba; (utyebile, uyingxukuma, ugujungelwe kukutyeba;) waza walahla utixo owamenzayo, wacekisa ilitye losindiswa lwake. 16Bamvusele ikwele ngotixo basemzini; ngezinto ezibuntshontsho bamqumbisile. 17Babingele idemoni, bengabingelanga utixo; otixo ababengabazi; abatsha, abavela kufupi, abo oyihlo benu babengabankwantyi. 18Ilitye elakuzalayo uliyekile; utixo owakudalayo umlibele.
19Waza uyehova akubona, wabadela ngenxa yengcapukiso yonyana bake nentombi zake. 20Wayesiti: Ndobafihlela ubuso bam; ndiya kubona ukupela kwabo ukuba kwoba yinto nina; ngokuba besisizukulwana sokujikajika, usapo ekungekulo inyaniseko. 21Bandivusele ikwele ngokungenguye utixo; bandiqumbisile ngezinto zabo ezingendawo: nam ndobavusela ikwele ngabangengabo abantu; ngohlanga olunyabileyo ndiya kubaqumbisa. 22Ngokuba umlilo upenjiwe ngengqumbo yam, oya kutshisa kude kube sehadesi yasezantsi kanye; wauya kuwudla umhlaba nokuhluma kwawo, uwavutise amasekwa entaba. 23Ndiya kufumbelela pezu kwabo amashwa; intolo zam ndiya kuzigqiba pezu kwabo. 24Baya kucontiswa yindlala, badliwe sisifo esitshayo, nasisitshabalaliso esiṙaṙa: namazinyo amaṙamncwa ndowatuma pezu kwabo, kunye nobuhlungu benyoka. 25Ngapandle isiṙele, nasezindaweni zapakati isoyikiso, siya kuhluta kwa umfana nentombi, owanyayo kunye nendoda yezimvi. 26Ndati: Bendiya kubapepula njengomoya, bendiya kupelisa inkunjulwa yabo pakati kwabantu, 27ukuba bendingoyiki ingcapukiso yotshaba; hleze abalane babo bandikanyele; hleze bati: Sisandla setu esipakamileyo, asi nguye uyehova okwenzileyo konke oku. 28Ngokuba beluhlanga olulahlekene nobucebo, nekungeko kubo ukuqonda. 29Akwaba babelumkile, bagqala oku, banakana ukupela kwabo!
30Ngeete nina omnye ukusukela iwaka, nababini ukusabisa ishumi lamawaka, ukuba ilitye labo belingatengisanga ngabo, nokuba uyehova ebengabayekelelanga? 31Ngokuba ilitye labo lingenjengelitye letu, kwa intshaba zetu zingabagwebi. 32Ngokuba umti weveyine wabo uvela emtini weveyine wase‐Sodome, nasezindleni zase‐Gomora; idreyive zabo zidreyive zobunyongoṙa, banezipa eziṙaṙa. 33Iveyine yabo ibubuhlungu benamba, nobuhlungu obubudlwengu bamaṙamba.
34Akubekelwanga kum na oku, kuncanyatiselwe pakati kwendyebo zam? 35Kukokwam ukupindezela nokubuyekeza; ngexesha elifanelekileyo unyawo lwabo luya kutyibilika: ngokuba umhla welishwa labo ukufupi, nezinto eziza kubahlela zinokukauleza.
36Ngokuba uyehova eya kutetelela abantu bake, abe nosizi pezu kwezicaka zake, xeshekweni abonayo ukuba kumkile amandla, nokuba akuko ovaliweyo nokululekileyo. 37Waeya kuti: Bapina otixo babo, ilitye babetembela kulo, 38ababelidla inqata lemibingo yabo, neveyine yeminikelo yokusela yabo bayisela? Mabasuke banincede, babe yintsito kuni. 39Bonani kaloku ukuba mna ndinguye; akuko utixo kunye nam: ndiyatisa, ndiyenza kudliwe ubomi kanjako; ndiyatyumza, ndiyapolisa kanjako; akuko namnye ongahlangulayo esandleni sam. 40Ngokuba ndipakamisela ngasezulwini isandla sam, nditi: Ndihleli mna ndingunapakade. 41Ukuba ndiyalola iṙele lam elibengezelayo, nokuba isandla sam siyabamba ugwebo, sendiya kubuyisa impindezelo pezu kwabalane bam, ndibuyekeze kubo abanditiyayo. 42Ndonxilisa intolo zam ngegazi, neṙele lam liya kudla inyama; ngegazi labahlatyiweyo nelamatinjwa, kwintloko yabakokeli bentshaba.
43Vuyani, zintlanga! kunye nabantu bake: ngokuba eya kupindezelela igazi lezicaka zake, abuyise impindezelo pezu kwabalane bake, axolele ilizwe lake nabantu bake.
44Wayesiza u‐Mosesi wawateta onke amazwi alengoma ezindlebeni zabantu, yena, no‐Hosheha unyana ka‐Nune. 45Wada wagqiba u‐Mosesi ukuteta onke lamazwi kubo bonke o‐Sirayeli. 46Wandula wati kubo: Bekisani intliziyo zenu ngakuwo onke amazwi endiwanqi̔nisayo kuni namhla; eniya kubayalela abantwana benu ukuba balumkele ukuwenza, onke amazwi alomteto. 47Ngokuba ingeyinto engendawo le kuni; koko ibubomi benu: nangalento niya kuyolula imihla emhlabeni, eniwela i‐Yoredane ukuya kona ukuba niwufuye.
48WAZA uyehova wateta ku‐Mosesi, kwa ngokwa nguwo umhla lowo, esiti: 49Nyukela kulentaba ye‐Habarime, intaba ye‐Nebo, eselizweni le‐Mowabi, engapambi kwe‐Jeriko; ukangele ilizwe le‐Kanane, endilinikayo elusatsheni luka‐Sirayeli libe yimfuyo; 50ubube entabeni apo unyukela kona, ubutelwe ebantwini bako; njengokuba u‐Arone, umkuluwe wako, wabuba entabeni ye‐Hore, wabutelwa ebantwini bake: 51ngenxa yokuba nibe nigqita ngakum pakati kwosapo luka‐Sirayeli, ngasemanzini e‐Meriba yase‐Kadeshe, entlango ye‐Tsine; ngenxa yokuba nibe ningandingcwalisi pakati kwosapo luka‐Sirayeli. 52Koko uya kubona elozwe ukude; kodwa akuyi kungena kona, elizweni endilinikayo kulo usapo luka‐Sirayeli.

Currently Selected:

I‐Duteronomi 32: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena