Izenzo zabapostile 24
24
1KEKALOKU emveni kwemihla emihlanu, kwehla umperisite omkulu u‐Hananiya kunye nabadala nomteteleli otile u‐Tetulusi, abati bona bamangala kwinkosi ngakuye u‐Paulusi. 2Wati akubizwa, waqala u‐Tetulusi ukumnika ityala, esiti: Ukuba sizuza uxolo olukulu ngawe, nokuba izenzo ezincedayo kakuhle zisenzelwa uhlanga olu ngokwazalelela kwako, 3ngamaxesha onke, nakuzo zonke indawo, siyakwamkela ngembuko, Felitse odumileyo kakulu! sinokubulela konke. 4Kodwa ukuze ndingenzi kade ukukutintela, ndiyakubongoza ukuba usive ngokufutshane ngabo ububele bako. 5Ngokuba sifumene indoda le ingumfo olinginingini, novuselela impitimpiti pakati kwawo onke ama‐Juda akulo lonke ilizwe, nomkokeli omkulu wolwahlukano lwaba‐Nazarete: 6ote kanjako walinga ukuyinco̔lisa itempile; esati tina sambamba, safuna ukumgweba ngokwowetu umteto. 7Kodwa u‐Lisiyasi inkosiwaka wasizuma, wamsusa ezandleni zetu ngamandla amakulu, 8eyalela abamnika ityala ukuba beze pambi kwako: ongati wena ngokwako uqonde kuye ngokumbuza zonke ezizinto esimnika ityala ngazo. 9Avuma ke nama‐Juda, esitsho ukuti ezizinto ziba njalo.
10Waza wati u‐Paulusi ukupendula, nxa inkosi ibikobile kuye ukuba atete: Ndisazi kakulu nje ukuba kuminyaka mininzi ungumgwebi kuhlanga olu, ndiyazipendulela ngokucwayita ngakumbi: 11ngokuba ungaba nokuqonda ukuba intsuku zam azipezu kwezilishumi linambini, kuseloko ndenyukayo ukuya kubedesha e‐Yerusaleme. 12Abandifumana ke nakuyo itempile ndipikisana nomntu, umhlaumbi ndisenza imvukelano yesihlwele, nakuzo izindlu zentlanganiso, nasesixekweni: 13kanjako abangevelise izizatu ngezozinto abandinika ityala ngazo ngoku. 14Kodwa oku ndiyakuxela kuwe, ukuba ngokwendlela abati bona lulwahlukano, kwa ngokunjalo ndiyamkonza utixo wobawo bam, ndikolwa zizinto zonke eziba̔liweyo emtetweni nakubaprofite; 15ndinetemba ngakuye utixo, abati naba ngokwabo balivumele, lokuba kuya kubako ukuvuka kwabafileyo, kwa nokwabalungileyo nokwabangalungileyo. 16Nangako oku ndiyaziqelisa, ukuba ndibe nokuzazela okungenetyala lanto ngakuye utixo nangakubo abantu ngamaxa onke. 17Kekaloku emveni kweminyaka emininzi, ndafika ukuba ndizise amalizo kuhlanga lwam, nokuba ndinikele iminikelo: 18abati pakati kwezizinto bandifumana ndicokisiwe etempileni, kungeko sihlwele, kungeko nesipitipiti, bebengengabo aba, bebengama‐Juda atile ase‐Asiya, 19afanele ukubako apa pambi kwako, nokundinika ityala, ukuba anendawo ngakum. 20Okanye aba ngokwabo mabatsho, ukuba bafumana ukwenza okungalungileyo kum, nxa bendimi pambi kwentlanganiso yamapakati, 21ngapandle kwokungalo elilizwi linye, endalibizayo ndimi pakati kwabo: Kungenxa yovuko lwabafileyo endimenywayo nini namhla nje.
22Waza u‐Felitse akuva oku, ezazi izinto ezingayo indlela leyo ngokukolisa ngakumbi, wabalibazisa, wati: Okuya u‐Lisiyasi inkosiwaka ahlele apa, ndiya kuncamisa ukubuza indawo ezipakati kwenu. 23Kanjako wayalela inkosikulu ukuba kugcinwe u‐Paulusi, abe nokukululeka kodwa, nokuba ingaleli namnye wabake ukumkonza nokuza kuye.
24Nasemveni kwemihla etile, akufika u‐Felitse kunye no‐Drusila umfazi wake, obengum‐Judakazi, wammemela kuye u‐Paulusi, wamva ngalo ukolo olungakuye u‐Kristu. 25Naxeshekweni ebeteta ngabo ubulungisa, nobunca̔tu, nokugwetywa okuza kubako, wanokwoyika u‐Felitse, wati ukupendula: Hamba okwakaloku nje; nxa ke ixesha elifanelekileyo ndilizuzileyo, ndokubiza uze kum. 26Ebetemba kanjako kunye noko, ukuba uya kupiwa imali ngu‐Paulusi, ukuze amkulule: ngako ebemmemela kuye kwa futi ngakumbi, wancokola naye. 27Kodwa kwakuzaliseka iminyaka yamibini, walandelwa u‐Felitse ebukosini ngu‐Porokiyo Festusi: waza u‐Felitse, efuna ukuzizuzela imibulelo yama‐Juda, wamshiya u‐Paulusi enxityiwe.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 24: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.