Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Izenzo zabapostile 10:24-48

Izenzo zabapostile 10:24-48 XHO1902A

Nangomhla olandelayo bangena e‐Kesareya. Waye u‐Koroneli ebalinda, ezibizele ndawonye kuye izalamane zake nezihlobo ezitandekileyo. Kwaza kwati kwakungena u‐Petrosi, u‐Koroneli wamkaulela, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, wabedesha. Kodwa u‐Petrosi wampakamisa, esiti: Suka ume; ndikwa ngumntu nam. Wati encokola naye wangena, wafumana abaninzi bebutene ndawonye. Waza wati kubo: Niyazi kakulu nina okokuba kuyinto engafanelekileyo kumntu ongum‐Juda ukukolana nokudlelana nowesinye isizwe: kanti UTIXO undibonisile ukuba ndingabizi namnye umntu ngokungengcwele nangokunco̔lileyo. Ndeza ngoko ndakumenywa, ndingapikanga ke: ndiyabuza ngako, ukuba yindawo nina nandimemela yona? Waza u‐Koroneli wati: Sekuntsuku zine ndibe ndizila ukutya kwada kwayileyure; nangeyure yesitoba benditandaza endlwini yam; yaza, bona ke, indoda yema ebusweni bam inesivato esikazimlayo, yati: Koroneli! umtandazo wako uviwe, namalizo ako akunjulwe ebusweni BUKATIXO: tuma ngoko e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi; lo uyahlala endlwini ka‐Simone umsuki wezikumba ngaselwandle, oya kuti akufika atete kuwe. Ndasendisiti ke kwa oko ndatuma kuwe; nawe ulungisile ukuba ufikile. Kaloku ngoko silapa tina sonke ebusweni BUKATIXO, ukuva zonke izinto uziyalelweyo NGUTIXO. Waza u‐Petrosi wavula umlomo, wati: Ngokwenyaniso ndiyaqiqa okokuba UTIXO akanguye oketa abantu; koko oti kuzo zonke intlanga amoyike, enze ubulungisa, ukolekile kuye. Elozwi walitumayo elusatsheni luka‐Sirayeli, eshumayela uxolo ngo‐Yesu Kristu, (lo u YINKOSI yabo bonke,) niyalazi: elendawo eyenzekayo kuyo yonke i‐Judeya, iqalwe e‐Galili, emveni kwalo ubapitizesho olwashunyayelwayo ngu‐Johane: elingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, okokuba UTIXO wamtambisa NGOMOYA OYINGCWELE nangamandla; owacanda ilizwe esenza okulungileyo, epilisa bonke ababebandezelwa ngu‐Satane; ngokuba UTIXO ebenaye. Nati ke singamanqi̔na ento zonke wazenzayo nasezweni lama‐Juda nase‐Yerusaleme; ate wona ambulala emxo̔mile emtini. Yena lo UTIXO wamvusa ngowesitatu umhla, wambonakalisa ekuhleni: bekungekubo bonke abantu, bekukuwo amanqi̔na abebalulwe pambili NGUTIXO, kuti tina, esatyayo sasela ndawonye naye emveni kwokuvuka kwake ekufeni. Owasiyalezela ukuba sishumayele ebantwini, nokuba sinqi̔nise okokuba unguye obemisiwe NGUTIXO abe ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. Yena lo bonke abaprofite bayamnqi̔nela, ukuba bonke abakolwayo kuye baya kwamkela ukuxolelwa kwezono ngalo igama lake. Esateta u‐Petrosi amazwi la, UMOYA OYINGCWELE wawela bonke ababesiva ilizwi. Baza bamangaliswa abo bakulo ulwaluko abakoliweyo, bonke abebezile no‐Petrosi, ukuba isipiwo SOMOYA OYINGCWELE sigalelwe napezu kwabaheyideni. Ngokuba bebebeva beteta ngezinye inteto, bezukisa UTIXO. Wandula wapendula u‐Petrosi, wati: Kuko ongala amanzi na, ukuze aba bangabapitizeshwa, abamamkeleyo UMOYA OYINGCWELE njengokuba simamkele nati? Waza wayalela ukuba babapitizeshwe egameni LENKOSI. Bandula bamtandaza ukuba makalibale kona imihla etile.