Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZENZO 10:24-48

IZENZO 10:24-48 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu. Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye. Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu. Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi. Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingàbizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo. Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na? UKorneli wathi, Kuse kuntsuku né ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo; thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe. Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo. Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye. Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke), nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane: okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esîza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye. Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikáyo ngokumxhoma emthini. Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale, kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo. Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo. Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye. Uthe akubon' ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawèla uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi. Amangaliswa amakholwa olwaluko onke abeze noPetros; ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga; kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Wandula waphendula uPetros wathi, Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangàbhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje? Wamisa ukuthi mababhaptizwe egameni leNkosi. Baza bamcela ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

IZENZO 10:24-48 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ngengomso wagaleleka eKhesariya, apho wafika elindelwe nguKorneli nezizalwana nezihlobo zakhe ezisenyongweni. Xa angenayo uPetros, uKorneli wazikhahlela phambi kwakhe, kodwa uPetros wamphakamisa wathi: “Hayi, ndingumntu nje nam; musa ukwenjenjalo.” UPetros wayethetha noKorneli ekungeneni kwakhe endlwini, apho wafika kubuthelene abantu abaninzi. Uthe kubo uPetros: “Nina ngokwenu nazi kakuhle ukuba umJuda akavumelekile ngokwenkolo yakowabo ukuba andwendwele nokuba abe nento yokwenza neentlanga. Selendibonisile ke kodwa uThixo ukuba mandingathathi bani njengongahlambulukanga. Yiyo loo nto uthe wakundibiza andala. Khawundixelele ke, undibizele ntoni?” Uthe ukuphendula uKorneli: “Ngoku kusemva kweentsuku ezine oko ndandithandaza endlwini yam, malunga neli lixa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwathi gqi umfo onxibe ezibengezelayo, wema phambi kwam, wathi kum: ‘Korneli, uThixo uyamkele imithandazo yakho, wayikhumbula nemisebenzi yakho yesisa. Ngoko ke thuma umntu eJopa, aye kubiza umntu ogama linguSimon Petros. Ulundwendwe lukaSimon umsuki weemfele, ondlu ingaselwandle.’ Ndithumele kwangoko kuwe, nawe ke ulungisile ukuza. Thina sonke sihlangene apha ngenjongo yokudibana noThixo, silindele ukuphulaphula yonke into iNkosi ekuyalele ukuba usixelele yona.” UPetros wathetha wenjenje: “Ngenene ndiyaqonda ngoku ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu. Nabani na, nokuba ngowaluphi na uhlanga, ukuba uyamhlonela uThixo, esenza okulungileyo, wamkelekile kuye. Niyalwazi udaba awaluthumela kumaSirayeli, evakalisa iindaba ezimnandi zoxolo ngoYesu Krestu, oyiNkosi yabantu bonke. Niyasazi isiganeko esenzekayo kulo lonke elakwaJuda, ukuqalela eGalili, emva kokushumayela kukaYohane ngobhaptizo. Nivile ngoYesu waseNazarete owathanjiswa nguThixo ngoMoya oyiNgcwele waba namandla. Wayehamba kulo lonke, esenza okulungileyo, ebaphilisa bonke ababephantsi kwamandla omtyholi, kuba uThixo wayenaye. Thina singamangqina ako konke awakwenzayo eJerusalem nakwelamaJuda. Bambulala ngokumbethelela emnqamlezweni, waza uThixo wamvusa ekufeni ngosuku lwesithathu. Akazange wabonakala kubantu bonke, koko wabonakala kuthi mangqina awawakhetha kwangaphambili uThixo, thina sasisitya sisela kunye naye emveni kokuba uThixo emvusile ekufeni. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.” Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule. AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga, kuba baziva zithetha ngalwimi zimbi, zidumisa uThixo. UPetros wathetha wathi: “Aba bantu bamkele uMoya oyiNgcwele njengoko samamkelayo nathi. Ngenene ke akukho namnye umntu ongalayo ukuba aba bantu babhaptizwe ngamanzi.” UPetros ke ngoko wathi mababhaptizwe egameni likaYesu Krestu. Ke yena bamcela ukuba akhe ahlale nabo iintsukwana.

IZENZO 10:24-48 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo ezisondeleyo. Uthe ke akungena uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye. uPetros ke wamvusa, esithi: “Phakama! nam ngokwam ndingumntu. Wangena ethetha naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi; Uthe ke kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; ke yena uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo. Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na? uKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo; Yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo. Thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; yena ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe. Ndithumele ngoko kwaoko kuwe; wenze kakuhle ngokufika kwakho. Ke ngoko sikho sonke apha phambi koThixo, ukuze sive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo. Wawuvula ke uPetros umlomo wakhe, wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu; kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye. Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu, (nguye iNkosi yabo bonke); Elo lizwi lavakala kulo lonke elakwaJuda, elaqalwa kwelaseGalili, emva kobhaptizo awayelushumayela ngoYohane: okokuba uThixo wamthambisa njani uYesu waseNazarete ngoMoya oyiNgcwele nangamandla, owatyhutyha ilizwe, esenza okulungileyo, ephilisa bonke ababecinezelwe nguMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye. Thina singamangqina azo zonke izinto awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abambulalayo, bamxhoma emthini; Lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wambeka ekuhleni; kungekhona kubo bonke abantu, kodwa kumangqina awayenyulwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi ke thina, sadlayo sasela naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo. Wasiyalela ke, ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo. Ngaye bonke abaprofeti bangqina ngaye ukuba ngegama lakhe bonke abakholwayo kuye bofumana uxolelo lwezono. Kwathi, esathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi. Bamangaliswa ke abolwaluko, ababeze noPetros, ngokuba isipho soMoya oyiNgcwele sathululwa naphezu kweentlanga; kuba aziva zithetha ngalwimi zimbi, zimenza mkhulu uThixo. Waphendula ke uPetros wathi, Kukho unako yini na ukuthintela amanzi, ukuba bangabhaptizwa aba bamamkeleyo uMoya oyiNgcwele, kwanjengathi nje? Waza ke wabayalela ukuba babhaptizwe egameni leNkosi. Bamcela ngoko ukuba akhe ahlale iintsuku ezithile.

IZENZO 10:24-48 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

Nangomhla olandelayo bangena e‐Kesareya. Waye u‐Koroneli ebalinda, ezibizele ndawonye kuye izalamane zake nezihlobo ezitandekileyo. Kwaza kwati kwakungena u‐Petrosi, u‐Koroneli wamkaulela, wawa pantsi ngasezinyaweni zake, wabedesha. Kodwa u‐Petrosi wampakamisa, esiti: Suka ume; ndikwa ngumntu nam. Wati encokola naye wangena, wafumana abaninzi bebutene ndawonye. Waza wati kubo: Niyazi kakulu nina okokuba kuyinto engafanelekileyo kumntu ongum‐Juda ukukolana nokudlelana nowesinye isizwe: kanti UTIXO undibonisile ukuba ndingabizi namnye umntu ngokungengcwele nangokunco̔lileyo. Ndeza ngoko ndakumenywa, ndingapikanga ke: ndiyabuza ngako, ukuba yindawo nina nandimemela yona? Waza u‐Koroneli wati: Sekuntsuku zine ndibe ndizila ukutya kwada kwayileyure; nangeyure yesitoba benditandaza endlwini yam; yaza, bona ke, indoda yema ebusweni bam inesivato esikazimlayo, yati: Koroneli! umtandazo wako uviwe, namalizo ako akunjulwe ebusweni BUKATIXO: tuma ngoko e‐Jopa, umeme u‐Simone obizwa ngelinye igama elingu‐Petrosi; lo uyahlala endlwini ka‐Simone umsuki wezikumba ngaselwandle, oya kuti akufika atete kuwe. Ndasendisiti ke kwa oko ndatuma kuwe; nawe ulungisile ukuba ufikile. Kaloku ngoko silapa tina sonke ebusweni BUKATIXO, ukuva zonke izinto uziyalelweyo NGUTIXO. Waza u‐Petrosi wavula umlomo, wati: Ngokwenyaniso ndiyaqiqa okokuba UTIXO akanguye oketa abantu; koko oti kuzo zonke intlanga amoyike, enze ubulungisa, ukolekile kuye. Elozwi walitumayo elusatsheni luka‐Sirayeli, eshumayela uxolo ngo‐Yesu Kristu, (lo u YINKOSI yabo bonke,) niyalazi: elendawo eyenzekayo kuyo yonke i‐Judeya, iqalwe e‐Galili, emveni kwalo ubapitizesho olwashunyayelwayo ngu‐Johane: elingaye u‐Yesu wase‐Nazarete, okokuba UTIXO wamtambisa NGOMOYA OYINGCWELE nangamandla; owacanda ilizwe esenza okulungileyo, epilisa bonke ababebandezelwa ngu‐Satane; ngokuba UTIXO ebenaye. Nati ke singamanqi̔na ento zonke wazenzayo nasezweni lama‐Juda nase‐Yerusaleme; ate wona ambulala emxo̔mile emtini. Yena lo UTIXO wamvusa ngowesitatu umhla, wambonakalisa ekuhleni: bekungekubo bonke abantu, bekukuwo amanqi̔na abebalulwe pambili NGUTIXO, kuti tina, esatyayo sasela ndawonye naye emveni kwokuvuka kwake ekufeni. Owasiyalezela ukuba sishumayele ebantwini, nokuba sinqi̔nise okokuba unguye obemisiwe NGUTIXO abe ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo. Yena lo bonke abaprofite bayamnqi̔nela, ukuba bonke abakolwayo kuye baya kwamkela ukuxolelwa kwezono ngalo igama lake. Esateta u‐Petrosi amazwi la, UMOYA OYINGCWELE wawela bonke ababesiva ilizwi. Baza bamangaliswa abo bakulo ulwaluko abakoliweyo, bonke abebezile no‐Petrosi, ukuba isipiwo SOMOYA OYINGCWELE sigalelwe napezu kwabaheyideni. Ngokuba bebebeva beteta ngezinye inteto, bezukisa UTIXO. Wandula wapendula u‐Petrosi, wati: Kuko ongala amanzi na, ukuze aba bangabapitizeshwa, abamamkeleyo UMOYA OYINGCWELE njengokuba simamkele nati? Waza wayalela ukuba babapitizeshwe egameni LENKOSI. Bandula bamtandaza ukuba makalibale kona imihla etile.