Eyesibini yokumkani 4

4
1KEKALOKU umfazi otile ebafazini bonyana babaprofite wakala ku‐Elisha, esiti: Isicaka sako, indoda yam, sifile; nawe uyazi ukuba isicaka sako besimoyika uyehova: usel’ efikile lowo ibinetyala kuye, ukuza kuzitabatela onyana bam bobabini babe ngamakoboka. 2Waye u‐Elisha esiti kuye: Ndiya kukwenzela nto nina? ndixelele ke, unanto nina endlwini? Wati yena: Isicakakazi sako asinanto endlwini, kupela liselwa leoli. 3Waza wati: Hamba, uboleke izitya ngapandle, kubo bonke abamelwane bako, izitya ezizé; ungakwenzi kuncinane ukuboleka kwako: 4wandule ungene, uvale ucango pezu kwako napezu kwonyana bako, ute̔ kuzo zonke ezozitya, neso site ciki usibeke ecaleni. 5Waza wemka kuye, waya wavala ucango pezu kwake napezu kwonyana bake; bona babesondeza kuye, naye wabesita̔. 6Kwati kwakuba izitya bezite ciki, wayesiti kunyana wake: Sisondeze kum kanjako isitya; kodwa wati kuye: Akuseko isitya. Yaza ioli yanqamka. 7Wandula weza, wayixelela indoda katixo; eyati: Hamba, utengise ngeoli leyo, uhlaule lowo unetyala kuye; uze upile wena nonyana bako ngeseleyo.
8Kwaye kute ngemini etile, wadlula u‐Elisha waya e‐Shuneme, apo wabekona umfazi omkulu, owamnyanzela ukuba atye isonka. Kwaza kwati, nxa asukuba ebedlula, wapambukela kona, ukuba atye isonka. 9Wada wati kwindoda yake: Bona ke, sendinakana ukuba uyindoda engcwele katixo lo, odlula ngakuti futi; 10masenze ke inkambili yapezulu encinane ngaseludongeni, simbekele kona umandlalo, netafile, nesitulo, nekandelare; kwaye kuya kuti, akuza kuti, wopambukela kona. 11Kwabekute ngemini etile, weza kona, wapambukela kuyo inkambili yapezulu leyo, walala apo ke. 12Waza wati ku‐Gehazi isicaka sake: Mbize lom‐Shunemekazi. Xeshekweni abembizile, wema yena ebusweni bake. 13Kekaloku wabete kuye: Yiti ke kuye: Bona ke, usikatalele ngayo yonke lenkatalo nje, yinto nina eya kwenzelwa wena? kuko na into uya kutetelelwa ngayo kukumkani, umhlaumbi kwinkosi yomkosi? Wayete yena: Ndihleli pakati kwabantu bam. 14Wandula wati: Sekuya kumenzelwa nto nina ke? Wati u‐Gehazi: Okunene akananyana, nendoda yake isel’ indala. 15Waza wati: Mbize. Xeshekweni abembizile, wema yena emnyango. 16Wayesiti: Ngelixesha elimisiweyo, wakuba utwasile umnyaka, uya kusingata unyana. Waza wati: Hai, nkosi yam, ndoda katixo! ungaxokisi isicakakazi sako. 17Wada wamita umfazi lowo, wazala unyana ngeloxesha elimisiweyo, wakuba utwasile umnyaka, elo u‐Elisha wabetetile ngalo kuye.
18Nxa asel’ ekulile umntwana, kwabekute ngemini etile, wapuma waya kuyise, kubavuni. 19Wayesiti kuyise: Intloko yam, intloko yam! Wati uyise kumfana: Mtwalele kunina. 20Wamtwala ke, wamzisa kunina. Waza wahlala pezu kwamadolo ake kwada kwasemini enkulu, wand’ ukububa. 21Wenyuka unina, wamlalisa pezu kwomandlalo wendoda katixo, wamvalela, wapuma ke. 22Waza wabiza indoda yake, wati: Nditumele ke omnye kwabafana, nelinye kwamaqwaṙashekazi, ndibaleke ndiye endodeni katixo, ndibuyelele. 23Yayisiti: Kunganina ukuba woya kuyo namhla? asi yiyo inyanga etwasileyo, asi yiyo nesabata. Wati: Kwoba kulungile. 24Waza wabopa iqwaṙashekazi, wati kumfana wake: Qu̔ba, uhambe; ungandibambezeleli ukuhambisa kwako, kupela nxa nditshoyo kuwe. 25Wasuka wahamba, weza kuyo indoda katixo entabeni ye‐Karamele.
Kwaye kute, yakumbona indoda katixo ekude, yaza yati ku‐Gehazi isicaka sayo: Nankuya lom‐Shunemekazi. 26Kaloku gitshima ke, uye kumhlangabeza, uti kuye: Kulungile na kuwe? kulungile na kwindoda yako? kulungile na kumntwana? Wayesiti: Kulungile. 27Wati akufika kwindoda katixo entabeni, wabamba inyawo zayo. Wasuka wasondela u‐Gehazi, ukuba amtya̔le. Kodwa yati indoda katixo: Myeke; ngokuba umpefumlo wake uṙaṙa pakati kwake; kanti uyehova undifihlele lento, engandixelelanga. 28Waza wati: Ndike ndacela na unyana enkosini yam? bendingati na: Ungandikohlisi? 29Yandula yati ku‐Gehazi: Binqa isinqe sako, upate umsimelelo wam esandleni sako, uhambe; ukuba uyafumanana nomntu, ungambulisi; kanjako ukuba umntu uyabulisa wena, ungasabeli kuye; uye uwubeke umsimelelo wam pezu kwobuso bomntwana. 30Koko unina womntwana wati: Ehleli nje uyehova, uhleli nje nompefumlo wako, andiyi kukushiya! Yaselisuka, yamlandela. 31Waza u‐Gehazi wadlula pambi kwabo, waya wabeka umsimelelo pezu kwobuso bomntwana; kodwa bekungeko ilizwi, bekungeko nokupulapula. Ngako wabuya ukuya kuyihlangabeza, wayixelela, esiti: Akavukanga umntwana. 32Kekaloku akuba u‐Elisha engene endlwini, nankuya umntwana efile, elele pezu kwomandlalo wake. 33Wangena ke, wabavalela bona bobabini ucango, watandaza kuyehova. 34Waza wakwela, walala pezu kwomntwana, wabeka umlomo wake pezu kwowake umlomo, namehlo ake pezu kwawake amehlo, nezandla zake pezu kwezake izandla, wazitoba pantsi pezu kwake: yada inyama yomntwana yafudumala. 35Wandula wabuya, wahamba endlwini kwa kanye apa nakanye paya; waza wakwela kanjako, wazitoba pantsi pezu kwake; wada watimla umntwana kwada kwangamaxesha asixe̔nxe, waza umntwana wavula amehlo ake. 36Wasuka wambiza u‐Gehazi, wati: Mbize lom‐Shunemekazi. Wambiza ke. Nxa abezile kuye, wati: Tabata unyana wako. 37Waza wangena, wawa ngasezinyaweni zake, wazitoba ngasemhlabeni, watabata unyana wake, wapuma ke.
38Wabuya u‐Elisha weza e‐Gilegale: kwaye kuko indlala elizweni; baza onyana babaprofite bahlala pambi kwake: wayesiti kwisicaka sake: Beka imbiza enkulu, upekele onyana babaprofite umhluzi. 39Wandula omnye wapumela endle ayike imifuno, wafumana ivatala yasendle, waka kuyo ikomkomere zasendle ingubo yake izele, weza wazixabela embizeni yomhluzi; ngokuba bebengazazi. 40Bada bapakela amadoda ukuba adle. Kwaza kwati, nxa ebesidla kuwo umhluzi, akala, ati: Ukufa kusembizeni, ndoda katixo! Akohlwa ke ukutya. 41Koko yati: Zisani ke umgubo. Yaza yawuposela embizeni; yayisiti: Pakela abantu ukuba badle. Kwaza akwabiko into embi embizeni.
42Kwaye kuvela indoda e‐Bali‐shalisha, yazisa endodeni katixo izonka zelibo, izonka zeṙalasi ezimashumi mabini, nezikwebu ezibonxileyo emakaseni azo. Yaza yati: Nikela abantu ukuba badle. 43Kodwa umkonzi wayo wati: Into ni? ndibeke oku pambi kwekulu lamadoda na? Yabuya yati: Nikela abantu ukuba badle; ngokuba esitsho uyehova ukuti: Baya kudla, bosalisa kanjalo. 44Wandula wabeka pambi kwabo, baza badla, basalisa nokusalisa, njengelizwi likayehova.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena