Eyesibini yokumkani 18
18
1KWAZA kwati ngomnyaka wesitatu ka‐Hosheha unyana ka‐Ela ukumkani wo‐Sirayeli, waba ngukumkani u‐Hezekiya unyana ka‐Ahazi ukumkani wo‐Juda. 2Ebeyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani, wapata ubukumkani e‐Yerusaleme iminyaka yamashumi mabini anesitoba. Igama lonina belingu‐Abi, intombi ka‐Zekariya. 3Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Davide uyise. 4Indawo ezipakamileyo wazisusa, nentsika zamatye waziqekeza, ne‐Ashera wazigaula, nenyoka yexina, owabeyenzile u‐Mosesi, wayikanda; ngokuba kwada kwayiyo imihla leyo usapo luka‐Sirayeli beluqumisile kuyo; wayibiza ngokuti yi‐Nehushetane#18:4 Oko kukuti: Into yexina.. 5Watembela kuye uyehova, utixo wo‐Sirayeli; kwaye kungeko emva kwake onjengaye pakati kwabo bonke okumkani bo‐Juda, napakati kwabo abebeko pambili kuye. 6Ngokuba ebenamatela kuyehova; akapambuka ekumlandeleni; wayigcina imiyalelo yake, leyo uyehova wamyalelayo u‐Mosesi. 7Waye uyehova ebenaye; apo wapumela kona watamsanqeleka: kanjalo wavukela ngakuye ukumkani we‐Asiriya, waza akamkonza. 8Wabeta ama‐Filistiya kwada kwase‐Gaza, nemida yayo, kwa kuyo inqaba yabalindi kude kwakuso isixeko esinqatyisiweyo.
9Kwaza kwati ngomnyaka wesine wokumkani u‐Hezekiya, obungumnyaka wesixe̔nxe ka‐Hosheha unyana ka‐Ela ukumkani wo‐Sirayeli, wenyuka u‐Shalemanesere ukumkani we‐Asiriya ngakuyo i‐Samariya, wayivingcela. 10Baza bayitimba ekupeleni kweminyaka mitatu; ngomnyaka wesitandatu ka‐Hezekiya, obungumnyaka wesitoba ka‐Hosheha ukumkani wo‐Sirayeli, yatinjwa i‐Samariya. 11Wandula ukumkani we‐Asiriya wafudusela o‐Sirayeli e‐Asiriya, wababeka e‐Halahi, nase‐Habore, ngasemlanjeni we‐Gozane, nasezixekweni zama‐Medi: 12ngenxa yokuba bebengapulapulanga ilizwi likayehova, utixo wabo, koko bagqitayo ucebano lwake, konke abeyalele ngako u‐Mosesi isicaka sikayehova; abeva, abenza nokwenza.
13Kekaloku ngoweshumi linesine umnyaka wokumkani u‐Hezekiya, wenyuka u‐Senakeribe ukumkani we‐Asiriya ngakuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda, wazibamba. 14Waza u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda watumela kuye ukumkani we‐Asiriya e‐Lakishe, ukuti: Ndonile; buya kum; oko uya kukubeka pezu kwam ndokutwala. Wandula ukumkani we‐Asiriya wambekela u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda amakulu matatu etalente zesilivere, namashumi matatu etalente zegolide. 15Waza u‐Hezekiya wanika yonke isilivere ebifunyanwa endlwini kayehova, napakati kwendyebo zendlu yokumkani. 16Ngexesha elo u‐Hezekiya wazinqumla ingcango zetempile kayehova, nentsika abezalekile u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda, igolide yazo, wayinika kuye ukumkani we‐Asiriya.
17Kodwa ukumkani we‐Asiriya wasusa u‐Taretane, no‐Rabesarise, no‐Rabeshake, e‐Lakishe, ukuya nempi enkulu kukumkani u‐Hezekiya e‐Yerusaleme. Benyuka ke beza e‐Yerusaleme. Bati bakuba benyukile, beza bema ngakuwo umjelo wecibi lasentla, elingasemendweni wentsimi yomsuki. 18Naxeshekweni babebizile ukumkani, kwapumela kubo u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi.
19Waza u‐Rabeshake wati kubo: Ize niti ke ku‐Hezekiya: Utsho ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya, ukuti: Litemba elinina eli utemba ngalo? 20Uti, (kanti lilizwi lomlomo wodwa), kuko icebo namandla ukulwa. Kaloku utemba kubanina, ukuba uvukele ngakum? 21Kaloku bona ke, uyatemba kulomsimelelo wengcongolo etyumzekileyo, kwi‐Jipete; eti ukuba umntu uyayama ngayo, yandule ingene esandleni sake, isihlabe: unjalo u‐Faro ukumkani we‐Jipete kubo bonke abatembayo kuye. 22Kodwa ukuba niti kum: Siyatemba kuyehova, utixo wetu; asi nguye na, ondawo zake ezipakamileyo nezibingelo zake u‐Hezekiya uzisusile, wati ko‐Juda nakwi‐Yerusaleme: Pambi kwaso isibingelo esi niya kutoba e‐Yerusaleme? 23Ngako kaloku, uke ungene ekulweni nenkosi yam ukumkani we‐Asiriya, ndandiya kukunika amahashe angamawaka mabini, ukuba ungati ngecala lako unike abakweli pezu kwawo. 24Woti nina pofu ukunqanda ubuso benkosana inye ezicakeni zenkosi yam ezincinane? Noko uyatemba kwi‐Jipete ngenxa yenqwelo nangenxa yabakweli bamahashe. 25Kaloku, kungapandle kwoyehova na endinyukile ngakuyo lendawo, ndize ndiyitshabalalise? Uyehova ute kum: Nyuka ngakulo elilizwe, ulitshabalalise.
26Wandula wati u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, no‐Shibena, no‐Jowahi, kuye u‐Rabeshake: Kautete kwizicaka zako ngesi‐Siriya, ngokuba sisiva tina; zungateti nati ngesi‐Juda, ezindlebeni zabantu abapezu kwodonga. 27Koko u‐Rabeshake wati kubo: Kusenkosini yako na, nakuwe, inditumileyo inkosi yam ukuza kuteta lamazwi? asi kulamadoda na ahleliyo pezu kwodonga, ukuba atye elawo ilindle, nokuba asele owawo umtundo, kunye nani?
28Waza wema u‐Rabeshake, wadanduluka ngelizwi elikulu ngesi‐Juda, wateta, wati: Yivani amazwi ake ukumkani omkulu, ukumkani we‐Asiriya! 29Utsho ukumkani ukuti: Maningakohliswa ngu‐Hezekiya; ngokuba eya kukohlwa kukunisindisa esandleni sake. 30Kanjako makangati u‐Hezekiya anitembise kuyehova, ngokuti: Uyehova wosisindisa ngenyaniso; nangokuti: Esisixeko asisayi kunikelwa esandleni sokumkani we‐Asiriya. 31Ningapulapuli ku‐Hezekiya; ngokuba esitsho ukumkani we‐Asiriya ukuti: Yenzani uxolo nam, nipumele kum, nitye abanye ngabanye kumti weveyine wabo, nabanye ngabanye kumkiwane wabo, nisele abanye ngabanye amanzi equla labo; 32ndide ndize ndinise elizweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lenqolowa neveyine, ilizwe lesonka nemiyezo yemiti yeveyine, ilizwe leoli yamanquma nobusi; ukuba nidle ubomi, ningafi nokufa: nize ningapulapuli ku‐Hezekiya, nxa anihendayo, esiti: Uyehova wosisindisa. 33Otixo bentlanga bake balisindisa na abanye ngabanye ilizwe labo esandleni sokumkani we‐Asiriya? 34bapina otixo base‐Hamati nabase‐Arapadi? bapina otixo base‐Sefarevayime, ne‐Hena, ne‐Hiva? kanene bayisindisile i‐Samariya esandleni sam na? 35Ngobanina pakati kwabo bonke otixo bamazwe lawo, abalisindisileyo ilizwe labo esandleni sam, ukuba uyehova ayisindise i‐Yerusaleme esandleni sam?
36Koko abantu bati cwaka, bengampendulanga nangazwi: ngokuba umyalelo wokumkani ubungowokuti: Aniyi kumpendula.
37Kwandula kweza u‐Eliyakime unyana ka‐Hilikiya, obepezu kwendlu, no‐Shibena umba̔li, no‐Jowahi unyana ka‐Safa umkumbuzi, ku‐Hezekiya, benezivato eziṙazukileyo, bamshumayeza amazwi ka‐Rabeshake.
Currently Selected:
Eyesibini yokumkani 18: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.