Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 8
8
1KANJAKO siyanazisa, bazalwana! ufefe lukatixo olunikiweyo eziṙementeni zase‐Masedoniya; 2ukuba ekulingeni okukulu kwembandezelo ubuninzi bovuyo lwabo nobuhlwempu obubohlekileyo babo bakolisa ukwandela ubutyebi besisa sabo. 3Ngokuba ngokwamandla abo, (ndiyanqi̔nela oku,) ewe napezu kwamandla abo bapa ngokwabo ukutanda; 4besitandaza ngembongozo eninzi, ukuba samkele ubabalo lwabo, sidlelane nabo ekwabeleni abangcwele. 5Bekungenjengokuba sibe sitemba, koko bazinikelayo kuqala enkosini, nakuti, ngayo intando katixo: 6sada samyala u‐Titusi, ukuba makati, njengokuba ebesel’ eqalile, abe kwa njalo efeza pakati kwenu nofefe olu.
7Kodwa, njengokuba nikolisa ukwanda ezintweni zonke, elukolweni, naselizwini, nasekwazini, nakulo lwonke uku̔talo, naselutandweni lwenu kuti, lumkani ukuba nikolise ukwanda nakulo olufefe. 8Anditeti ngendawo yokuyolela, koko nditeta ngetuba lokuku̔tala kwabanye, ndibulinga nje ubunyaniso botando lwenu kanjalo. 9Ngokuba nilwazi ufefe lwenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba wati, nangona ebebutyebi, waba buhlwempu ngenxa yenu, ukuze nina ngobuhlwempu bake nibe butyebi. 10Nakuko oku ndiyanika ingcingo yam: ngokuba oku kunilungele, ekubeni naseniqala nyakenye, kwakungekukwenza kodwa, kwakukuvuma kanjalo. 11Ize kaloku nifeze nokwenza, ukuze kuti, njengokuba bekuko unxamelo lwokuvuma, kubeko kwa njalo nokufezwa kuko oko eninako. 12Ngokuba unxamelo ukuba seluko, kungoko asukuba enako umntu akolekileyo, akungoko angenako. 13Ngokuba ndisitsho kungekukuba kubeko ubulula kwabanye, nembandezelo kuni; 14kukuba kuti, ngokulingana, ngelixesha lakaloku nje ubuninzi benu benzelelele ukuswela kwabo, ukuze nobuninzi babo bube nokwenzelelela ukuswela kwenu; ukuba kube kukulingana; 15njengokuba kuba̔liwe ukuti: Obebute okuninzi akabanga nokupezulu, nobebute okuncinane akabanga nakuswela.
16Kodwa makubulelwe kutixo, olubekayo uku̔talo olukwa lulo ngenxa yenu entliziyweni ka Titusi: 17kuba ebesamkela isiyalo setu; kodwa eba nokuku̔tala ngakumbi nje, wapuma ngokwake ukutanda ukuya kuni. 18Site kanjalo kunye naye samtuma umzalwana, odunyiswa evangelini lukuzo zonke iṙemente; 19kungenjalo ke kodwa, koko kanjako ebebalulwa ziṙemente ukuba ngumpeleki wetu ekuhambeni nalo ubabalo olu, olwabiwa siti kuze kubonakaliswe ubungcwalisa benkosi ngokwayo, nonxamelo lwenu: 20sikulumkela oku nje, ukuba kungabiko mntu oṙoṙayo ngati kulento yobubuninzi obabiwa siti: 21sisazalelela izinto ezifaneleyo, kungesebusweni benkosi kodwa, kusebusweni babantu kanjalo. 22Saye simtumile kunye nabo umzalwana wetu, esimfumeneyo futi ezintweni ezininzi ukuba uku̔tele, kodwa ngoku uku̔tele kakulu ngakumbi, ngesitembelo esikulu anaso ngakuni. 23Nokuba kubuzelwa u‐Titusi, ulikolwane lam nomsebenzisi wam ngakuni: nokuba kubuzelwa abazalwana betu, bangabatunywa bazo iṙemente, nobungcwalisa buka‐Kristu. 24Ngako ke isiboniso sotando lwenu, nesoqa̔yiso lwetu ngenxa yenu, sibonakaliseni kubo, nasebusweni bazo iṙemente.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 8: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.