Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 7

7
1Ngako sinawo lamadinga nje, batandwa! masizihlambulule kuko konke ukudyoba kwenyama nokwomoya, sibufeza ubungcwele nje ekwoyikeni utixo.
2SAMKELENI; asonanga mntu, asonakalisanga mntu, asilumkisanga mntu. 3Anditeti oku ukunga ndinganigweba: ngokuba nditshilo pambili ukuti nisezintliziyweni zetu ukuba sife ndawonye nani nokuba sipile ndawonye nani. 4Kukulu ukukalipa kwam ekuteteni ngakuni, kukulu ukuqa̔yisa kwam ngenxa yenu; ndizalisiwe lulwonwabiso, ndiyapupuma luvuyo kuko konke ukubandezelwa kwetu.
5Ngokuba okunene sakufika e‐Masedoniya, inyama yetu i̔bingenakupumla, koko sibe sibandezelwa ngamacala onke; ngapandle bekuko izilwo, pakati bekuko izoyiko. 6Noko ke lowo owonwabisayo abo batobekileyo, kwa utixo, wasonwabisa tina ngokufika kuka‐Titusi; 7bekungengokufika kwake kodwa, koko bekungako nokwonwabisa wonwatyiswa ngako kuni, esityela ukulangazelela kwenu, ukulila kwenu, ukundizondelela kwenu; ndada ndavuya ngakumbi. 8Kuba ndisiti, nakuba ndanenza lusizi ngencwadi yam, ndingazohlwayi, nakuba ndibe ndizohlwaya: ngokuba ndibona ukuba incwadi leyo yanenza lusizi, nakuba bekungexeshana kodwa. 9Kaloku ndiyavuya, kungekukuba nenziwa lusizi, koko ukuba nenziwa lusizi lwada lwaba luguquko: ngokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, ukuze ningalahlekelwa nto ngati. 10Ngokuba usizi olungo kukatixo luzuzisa uguquko lude lube lusindiswa, eningayi kuzohlwaya ngalo; kodwa usizi lwaselizweni luyazuzisa ukufa. 11Ngokuba, bona ke, kwa yona lento, yokuba nenziwa lusizi ngo kukatixo, yenza ukuku̔tala okukulu kangakanana kuni! ewe, ukuzitetelela, ewe, ukuqumbela, ewe, ukwoyika, ewe, ukulangazelela, ewe, ukuzondelela, ewe, ukupindezela! Ezintweni zonke nazibonakalisa ukuba nimhlope kulendawo. 12Kukona, nakuba ndaba̔layo kuni, bekungengenxa yalowo ube wonile, bekungengenxa yalowo ube woniwe kanjalo, bekungenxa yokuba kubonakaliswe kuni ukuniku̔talela kwetu ebusweni bukatixo.
13Ngenxa yoku sasisonwatyiswa ekwonwatyisweni kwenu; kanjako sakolisa ukuvuya kakulu ngakumbi pezu kwovuyo luka‐Titusi, kuba umoya wake upunyuziwe nini nonke. 14Ngokuba mna ukuba ndike ndaqa̔yisa kuye ngenxa yenu, bendingadaniswa: koko njengokuba sibe siteta zonke izinto kuni ngenyaniso, kwa njalo nokuqa̔yisa kwetu pambi kwo‐Titusi bekufunyanwa ukuba yinyaniso. 15Kanjalo umbilini wake ungakuni ngento enkulu ngakumbi, nxa akumbulayo ukuva kwenu nonke, okokuba nati ngokwoyika nangokututumela namamkela. 16Ndiyavuya ngoko ukuba ezintweni zonke ndinokwomelela ngani.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena