Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 13

13
1LIXESHA lesitatu eli endiza kuni. Ngomlomo wamanqi̔na amabini umhlaumbi amatatu onke amazwi aya kumiswa. 2Senditshilo ke, nditsho pambili nalapa, njengokungati bendiko ngokwesibini, kanti ndingeko nje ndiyaba̔la kaloku, kubo abo base bonile, nakubo abanye bonke, ukuti, xeshekweni ndibuya ndifike, andiyi kubayeka: 3ekubeni niwufuna umlingo wokuba ngu‐Kristu oteta ngam, ongebutataka ngakuni, koko enamandla pakati kwenu. 4Ngokuba nangona ebekuruseshwa ngobutataka, uyadla ubomi noko ngamandla katixo. Ngokuba nati sibutataka kuye, koko siya kudla ubomi kunye naye ngamandla katixo ngakuni.
5Zibenceni, ukuba niselukolweni kusinina; zilingeni. Anizazeli ngokwenu na, ukuba u‐Yesu Kristu ukuni? ukuba kambe aningabo abaliwayo. 6Kodwa ndiyatemba ukuba niya kwazi ukuba tina asingabo abaliwayo. 7Kekaloku ndiyatandaza kutixo ukuba ningenzi nanye into ekohlakeleyo; kungekukuba tina sibonakale singababukwayo, koko kukuba nina nikwenze oko kufanelekileyo, nakuba besiya kuti tina sibe njengabaliwayo. 8Ngokuba singeyenze into ukumela inyaniso, koko ukunceda inyaniso. 9Ngokuba sivuya, sakuba tina sibutataka, nani ninamandla: kanjalo oku nako siyakunqwena, kwa inzaliseko yenu. 10Ngenxa yoku ndiyaba̔la ezizinto ndingeko nje, ukuze nditi, nxa ndikoyo, ndingenzi ngobukali, njengokwegunya endanikwa lona yinkosi, libe lelokumisa, lingabi lelokuci̔ta.
11Okuseleyo, bazalwana! vuyani, yibani nizalisekile, yibani nisonwatyiswa, yibani nokuvumelana, yibani noxolo; waeya kuti utixo wotando noxolo abeko nani. 12Bulisanani ngokwanga okungcwele. 13Bonke abangcwele bayanibulisa.
14Ufefe lwenkosi u‐Yesu Kristu, notando lukatixo, nodlelano lwomoya oyingcwele, malube nani nonke. Amene.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena