Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12
12
1Ukuqa̔yisa kambe akundilungele: ngokuba ndiya kuza kuzo izibonakalo nezityilo zenkosi. 2Ndiyamazi umntu ku‐Kristu, kuse kuyiminyaka elishumi linesine (nokuba ebesemzimbeni na, andikwazi; nokuba ebengapandle kwomzimba na, andikwazi; utixo uyazi;) onjalo esuselwe kwa kulo elesitatu izulu. 3Ewe ndiyamazi umntu onjalo, (nokuba ebesemzimbeni, nokuba ebengapandle kwomzimba kusinina, andikwazi; utixo uyazi;) 4ukuba wasuselwa eparadisi, waza weva amazwi angatetekiyo, lawo angavunyelwayo umntu ukuba awatete.
5Ngaye onjalo ndiya kuqa̔yisa; kodwa ngam isiqu sam andiyi kuqa̔yisa, kupela ezilwelweni zam. 6Ngokuba xeshekweni ndifuna ukuqa̔yisa, andiyi kuba sisidenge; ngokuba ndiya kuteta inyaniso: kodwa ndiyayeka, kuze kungabiko mntu ondibalelayo ngokupezulu kwoko abonayo ukuba ndikuko, umhlaumbi akuvayo kum.
7Kanjalo ukuze ndingazipakamisi ngokugqitileyo ngabo ubungangamsha bezityilo ezo, kwanikwa kum ameva enyameni yam, ingelosi ka‐Satane ukuba indintliteke, ukuze ndingazipakamisi ngokugqitileyo. 8Ngayo lento ndayikunga inkosi katatu, ukuba imke kum. 9Yayisiti kum: Ufefe lwam lwanele wena; ngokuba amandla am efezekiswa ebutatakeni. Ngokuvuya kakulu ngoko ndiya kuti ngokukumbi ndiqa̔yise ezilwelweni zam, ukuze amandla ka‐Kristu ahlale pezu kwam 10Ngako oko ndikoliwe kakuhle ezilwelweni, ezitukweni, ezitukutezini, ezintshutshisweni, ezixingweni, ngenxa ka‐Kristu: ngokuba okuya ndibutataka, kwa oko ndinamandla.
11Ndiba sisidenge ndiqa̔yisa nje; nina nandinyanzela: ngokuba mna ndinge ndinconyiwe nini: ngokuba bendingancipekile nganye into kubo abobapostile abagqitisileyo ngobukulu, nokuba ndiyinto enganto. 12Okunene imiqondiso yongumpostile yabisenziwa pakati kwenu ngawo wonke umonde, ngemiqondiso nemimangaliso nezenzo zamandla. 13Ngokuba kuyinto nina enibe niswelekile ngayo ngapezu kwezinye iṙemente, kupela ukuba mna ngokwam ndibe ndingengumtwalo kuni? Ndixoleleni esisono.
14Nali ixesha lesitatu sendihlalela ukuza kuni; ndaye ndingayi kuba ngumtwalo kuni: ngokuba ndingafuni izinto zenu, koko ndifuna nina: ngokuba abantwana bengafaneli ukubekelela oyise, koko oyise befanele ukubekelela abantwana. 15Mna kanti ndiya kuvuya kakulu ukugqibela nokugqityelwa ngenxa yemipefumlo yenu; nakuba nditi, ndakutanda nina kakulu ngakumbi, nditandwe kancinane ngakumbi.
16Kodwa makube njalo, andaba nzima pezu kwenu mna: noko ndinamaqokolo nje, ndanibamba ngenkohliso. 17Ndanilumkisa ngaye omnye wabo endibatumileyo kuni yinina? 18Ndambongoza u‐Titusi aye kuni, ndaza ndatuma kunye naye umzalwana wetu. Waka wanilumkisa u‐Titusi na? asahamba kokwa mnye umoya na? asahamba kwekwa minye imikondo na?
19Niba na kanjako siyazitetelela kuni? Siyateta ebusweni bukatixo ku‐Kristu: kodwa zonke izinto, bazalwana! siyazenzela ukumiswa kwenu. 20Ngokuba ndisoyika, hleze kungati ndakufika, ndifumane nina ningeyinto enditandayo ukuba nibe yiyo, nditi nam ndifunyanwe nini ndiyinto eningatandiyo ukuba ndibe yiyo; hleze kungati kubeko amapike, inzondelano, imisindo, inkani, intlebo, amagqugulo, imvutelano, izipitipiti: 21hleze ati utixo wam, ndakubuya ndifike, anditobise pakati kwenu, ndize ndililele abaninzi abase bonile, bengagqobokanga kanti ngenxa yobunco̔la nombulo nobutshinitshini ababenzayo.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.