Eyesibini yezikronike 29
29
1WABA ngukumkani u‐Hezekiya, eyiminyaka imashumi mabini anamihlanu ubudala bake, wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anesitoba e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Abiya, intombi ka‐Zekariya. 2Wayesenza okufaneleyo emehlweni kayehova, njengako konke abekwenzile u‐Davide uyise.
3Wati yena, ngowokuqala umnyaka wokupata kwake ubukumkani, ngenyanga yokuqala, wavula ingcango zendlu kayehova, wazilungisa. 4Waza wangenisa abaperisite naba‐Levi, wabahlanganisela enkundleni engasempumalanga, 5wati kubo: Ndipulapuleni, nina ba‐Levi! zingewaliseni kaloku, yingcwaliseni nendlu kayehova, utixo woyihlo benu, nipumise into enco̔lileyo kweyingcwele indawo. 6Ngokuba obawo betu begqitile, benze okukohlakeleyo emehlweni kayehova, utixo wetu, bamshiyile, basongile ubuso babo entlalweni kayehova, banikele umhlana. 7Kanjako batshixile ingcango zentendelezo, nezibane bazicimile, nesiqumiso abasiqumisanga, namadini okutshiswa abawenzanga endaweni eyingewele kuye utixo wo‐Sirayeli. 8Kwaza kwabako umsindo kayehova pezu kwo‐Juda ne‐Yerusaleme, wabanikela babe yinto yokuzanyazanyiswa, neyokutelwa nqa, neyokwenzelwa amakwelo, njengokuba nibona ngamehlo enu. 9Ngokuba, bona ke, obawo betu bewile ngesiṙele; nonyana betu, nentombi zetu, nabafazi betu, basekutinjweni ngenxa yoku. 10Kaloku kusentliziyweni yam ukwenza ucebano no‐yehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuze bubuye kuti ubushushu bengqumbo yake. 11Bonyana bam! kaloku zeninganqeneki; ngokuba uyehova eninyulile ukuba nime ebusweni bake ukumkonza, nokuba nibe ngabakonzi nabaqumisi kuye.
12Bandula besuka aba‐Levi, u‐Mahate unyana ka‐Hamasai, no‐Joweli unyana ka‐Hazariya, kubo onyana bama‐Kohati; nakubo onyana baka‐Merari, u‐Kishi unyana ka‐Habedi, no‐Hazariya unyana ka‐Yehaleleli; nakuwo ama‐Gereshone, u‐Jowahi unyana ka‐Zima, no‐Hedeni unyana ka‐Jowahi; 13nakubo onyana baka‐Elitsafane, u‐Shimri, no‐Yeyeli; nakubo onyana baka‐Safa, u‐Zekariya, no‐Mataniya; 14nakubo onyana baka‐Hemani, u‐Yehili, no Shimehi; nakubo onyana baka‐Jedutune, u‐Shemaya, no‐Huziyeli. 15Baye behlanganisa abazalwana babo, bazingcwalisa, beza ngomyalelo wokumkani, ngamazwi kayehova, ukucokisa indlu kayehova. 16Baza abaperisite bangena pakati endlwini kayehova, ukuza kucokisa, bakupela ebaleni lendlu kayehova konke okunco̔lileyo ababekufumana etempileni kayehova; bati aba‐Levi bakutabata, kuze kukutshelwe endle ngasemlanjaneni we‐Kidrone. 17Baqala ngowokuqala umhla wenyanga yokuqala ukungcwalisa, nangowesibozo umhla wenyanga bafika entendelezweni kayehova; kwa njalo bayingcwalisa indlu kayehova ngemihla esibozo; nangoweshumi linesitandatu umhla wenyanga yokuqala bagqiba ke.
18Bandula bangena pakati ku‐Hezekiya ukumkani, bati: Sesicokisile yonke indlu kayehova, nesibingelo samadini okutshiswa, nazo zonke impahla zaso, netatile yezonka zokuṙozwa, nazo zonke impahla zayo. 19Kanjalo zonke impahla ezibe zilahliwe ngukumkani u‐Ahazi, ekupateni kwake ubukumkani, ngobumenemene bake, zona sizilungisile, sazingcwalisa; kekaloku nanziya pambi kwesibingelo sikayehova.
20Waza u‐Hezekiya ukumkani wavuka kusasa, wahlanganisa inkosi zesixeko, wenyuka waya endlwini kayehova. 21Baye bezisa inkunzana zenkomo ezisixe̔nxe, nenkunzi zegusha ezisixe̔nxe, nemvana ezisixe̔nxe, nenkunzi zebokwe ezisixe̔nxe, zibe lidini lesono ngenxa yobukumkani, nangenxa yendawo eyingcwele, nangenxa yo‐Juda. Waza wabaxelela onyana baka‐Arone, abaperisite, ukuba banikele ngazo pezu kwesibingelo sikayehova. 22Basuka bazixe̔la inkunzana zenkomo, bati abaperisite balamkela igazi, balisasaza pezu kwesibingelo; bazixe̔la nenkunzi zegusha, basasaza igazi pezu kwesibingelo; bazixe̔la nemvana, basasaza igazi pezu kwesibingelo. 23Bandula basondeza inkunzi zebokwe, ezedini lesono, pambi kwokumkani nentlanganiso; balalisa izandla zabo pezu kwazo. 24Baza abaperisite bazixe̔la, basihlambulula ngegazi lazo isibingelo, kuze kwenzelwe o‐Sirayeli bonke uxoliso: ngokuba ebexele ukumkani ukuba makwenzelwe o‐Sirayeli bonke elodini lokutshiswa nelodini lesono. 25Wandula wabamisa aba‐Levi endlwini kayehova, benesimbali, nenebele, nehadi, njengawo umyalelo ka‐Davide, noka‐Gadi umboni wokumkani, noka‐Natane umprofite: ngokuba ubu ngoyehova lomyalelo, ngabaprofite bake. 26Baza aba‐Levi bema beneziculiso zika‐Davide, nabaperisite benamaxilongo. 27Wandula waxela u‐Hezekiya ukuba kunikelwe ngedini lokutshiswa pezu kwesibingelo. Kwati ngexesha lokuqalwa kwedini lokutshiswa, kwandul’ ukuqalwa amaculo kayehova, namaxilongo, kwa kunye neziculiso zika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli. 28Yaza yonke intlanganiso yaziqubuda, bati abaculi bacula, nabanamaxilongo bahlokomisa: kwenziwa oku konke kwada kwagqitywa idini lokutshiswa. 29Kekaloku kwakugqitywa ukunikela, waguqa ukumkani, nabo bonke abebeko naye, baziqubuda. 30Wandula waxela u‐Hezekiya ukumkani, nenkosi, kubo aba‐Levi, ukuba mabadumise uyehova ngamazwi ka‐Davide, nangaka‐Safa umboni: baza badumisa ngovuyo, batoba ngapantsi, baziqubuda.
31Walekela wateta u‐Hezekiya wati: Kaloku nizizalisile nje izandla zenu kuyehova, sondelani, nizise imibingo neminikelo yokubulela endlwini kayehova. Yaza intlanganiso yazisa imibingo neminikelo yokubulela; nabo bonke abanentliziyo evumayo bazisa amadini okutshiswa. 32Inani lamadini okutshiswa, lawo abeziswa yintlanganiso, lalingamashumi asixe̔nxe enkabi, nekulu lenkunzi zegusha, namakulu mabini emvana: zonke ezi zibe zizezedini lokutshiswa kuyehova. 33Nezinto ezingcwele, inkabi zazingamakulu matandatu, negusha zazingamawaka matatu. 34Kodwa abaperisite bebelula, bada bakohlwa kukuhlinza onke amadini okutshiswa; ngako babencedwa ngabazalwana babo aba‐Levi, kude kwagqitywa lomsebenzi, nakude kwazingcwalisa abanye abaperisite; ngokuba aba‐Levi bebelungile ngentliziyo, ukuba bazingcwalise, ngapezu kwabaperisite. 35Kanjako amadini okutshiswa ebemaninzi, kwa namanqata eminikelo yoxolo, neminikelo yokusela yamadini okutshiswa. Kwa njalo kwalungiswa inkonzo yayo indlu kayehova. 36Waza wavuya u‐Hezekiya, nabo bonke abantu, ngokokuba utixo ebelungisile abantu; ngokuba ibisenzeka lento ngokuqupa.
Currently Selected:
Eyesibini yezikronike 29: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.