Eyesibini yezikronike 30
30
1WANDULA watuma u‐Hezekiya kubo bonke o‐Sirayeli no‐Juda, waba̔la incwadi ko‐Frayime no‐Manase kanjalo, ukuba beze endlwini kayehova e‐Yerusaleme, ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo Sirayeli. 2Ngokuba ukumkani ebecebisene nenkosi zake nayo yonke intlanganiso e‐Yerusaleme, ukuba kubanjwe ipasika ngenyanga yesibini. 3Ngokuba bebekohlwa kuyibamba ngexesha elo, ngenxa yokuba abaperisite bebengazingcwalisanga ngenani elaneleyo, nokuba abantu bebengazihlanganiselanga e‐Yerusaleme. 4Yabifanelekile lendawo emehlweni okumkani, nasemehlweni ayo yonke intlanganiso. 5Baza bamisa umteto wokuba kudluliswe ilizwi kuyo yonke i‐Sirayeli, kwa se‐Beresheba kwada kwase‐Dane, lokokuba makuziwe ukubamba ipasika kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, e‐Yerusaleme: ngokuba bekukade bebengawubambanga njengokuba̔liweyo.
6Zaza izigidimi zemka nencwadi zivela kukumkani nenkosi zake, ukuya kuyo yonke i‐Sirayeli ne‐Juda, nokuti, ngomyalelo wokumkani: Lusapo luka‐Sirayeli! buyelani kuyehova, utixo ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli, waeya kubuyela kwabasindileyo esandleni sokumkani be‐Asiriya, abaseleyo pakati kwenu. 7Nize ningabi njengoyihlo benu, nanjengabo abazalwana benu, abenza ngobumenemene ngakuye uyehova, utixo woyise babo; owabanikela ekucitakaleni, njengokuba nibona nina. 8Kaloku ningenzi lukuni intamo zenu, njengoyihlo benu; nikani isandla kuyehova, ningene kweyingcwele indawo yake, leyo uyingcwalisile kude kube ngunapakade, nimkonze uyehova, utixo wenu, buze bubuye kuni ubushushu bengqumbo yake. 9Ngokuba, xeshekweni nibuyela kuyehova, abazalwana benu nabantwana benu baya kufumana ububele ebusweni babo babatimbileyo, bade babuye beze kwelilizwe: ngokuba uyehova, utixo wenu, enofefe, enobubele, ongayi kunqanda ubuso kuni, nakubuyela kuye.
10Zaza zadlula izigidimi, kwisixeko ngesixeko, ezweni lakwa‐Frayime nelakwa‐Manase, kwada kwasezweni lakwa‐Zebulone; koko bazihlekayo, bazigculela. 11Babeko noko abatile bakwa‐Ashere, nabakwa‐Manase, nabakwa‐Zebulone, abazigobayo, beza e‐Yerusaleme. 12Kanjalo kwa‐Juda bekuko isandla sikatixo ukubanika intliziyo nye, yokuba bawenze umyalelo wokumkani nenkosi, ngalo ilizwi likayehova.
13Kwaza kwahlanganisana e‐Yerusaleme abantu abaninzi, ukuze babambe umtendeleko wezonka ezingenagwele, ngenyanga yesibini, intlanganiso enkulu kunene. 14Baye besuka basusa izibingelo ezise‐Yerusaleme; nazo zonke izibingelo zesiqumiso bazisusa, baziposa emlanjaneni we‐Kidrone. 15Bandula baxe̔la ipasika ngoweshumi linesine umhla wenyanga yesibini: baye abaperisite naba‐Levi bebedanile, bazingewalisa, bangenisa amadini okutshiswa endlwini kayehova. 16Baza bema endaweni yokuma yabo, njengesiko labo, njengomteto ka‐Mosesi indoda katixo: bati abaperisite basasaza igazi, belamkela esandleni saba‐Levi.
17Ngokuba bebebaninzi entlanganisweni abangazingcwalisanga: ngako aba‐Levi babepezu kwokuxe̔lwa kwazo ipasika, ngenxa yabo bonke abebengacocekile, ukwenza ngcwele kuyehova. 18Ngokuba isininzi sabantu, kwa abaninzi bevela kwa‐Frayime, nakwa‐Manase, nakwa‐Yisakare, nakwa‐Zebulone, bebengazicokisile, koko batyayo ipasika ngokungenjengokuba̔liweyo. Kodwa u‐Hezekiya wabatandazela, esiti: Wanga uyehova, lowo ulungileyo, angaxolela 19bonke ababekisayo intliziyo zabo ukufuna utixo onguyehova, utixo woyise babo, nakuba kungenjengokucokisa kweyingcwele indawo. 20Waye uyehova epulapula ku‐Hezekiya, wapilisa abantu.
21Kwa njalo usapo luka‐Sirayeli, obeluko e‐Yerusaleme, lwabamba umtendeleko wezonka ezingenagwele imihla yasixe̔nxe ngomgcobo omkulu: bati aba‐Levi nabaperisite badumisa uyehova imihla ngemihla, ngeziculiso zendumiso kuyehova. 22Waza u‐Hezekiya wateta entliziyweni yabo bonke aba‐Levi, ababenokuqonda ingqondo elungileyo yo kukayehova: baye besitya okwomtendeleko imihla yasixe̔nxe, bebinga imibingo yoxolo, besenza imibulelo kuyehova, utixo woyise babo.
23Yandula yonke intlanganiso yacebisana ukubamba esinye isixe̔nxe semihla: babamba ke isixe̔nxe semihla ngomgcobo. 24Ngokuba u‐Hezekiya ukumkani wo‐Juda war̔olela intlanganiso inkunzana eziliwaka, negusha ezingamawaka asixe̔nxe; nenkosi zar̔olela intlanganiso inkunzana eziliwaka, negusha ezingamawaka alishumi: kanjako abaperisite bebezingcwalisile ngento eninzi. 25Yaza yavuya yonke intlanganiso yo‐Juda, nabaperisite, naba‐Levi, nayo yonke intlanganiso eyabivela kwa‐Sirayeli, nabasemzini abebevele elizweni lakwa‐Sirayeli, abebehlala kwa‐Juda. 26Kwaye kuko uvuyo olukulu e‐Yerusaleme: ngokuba kuselokwemihla ka‐Solomone, unyana ka‐Davide, ukumkani wo‐Sirayeli, bekungekokunjalo e‐Yerusaleme. 27Bandula besuka abaperisite abangaba‐Levi, batamsanqelisa abantu: kwaye kuviwa ilizwi labo, wati umtandazo wabo wangena ekayeni lake eliyingcwele, ezulwini.
Currently Selected:
Eyesibini yezikronike 30: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.