Eyesibini yezikronike 15

15
1KWAYE kusiza pezu kwo‐Hazariya unyana ka‐Hodedi umoya katixo: 2waza wapuma ukuya kuhlangabeza u‐Asa, wati kuye: Ndipulapuleni, Asa, nabo bonke o‐Juda no‐Benjamine! uyehova woba nani, nxa niman’ ukuba naye; kanjalo ukuba niyamfuna, uya kufunyanwa nini; kanti ukuba niyamshiya, uya kushiya nina. 3Kekaloku kwasekuntsuku ezininzi o‐Sirayeli bebengenaye utixo wenyaniso, nomperisite wokufundisa, nomteto. 4Kodwa bakuguqukela kuyehova, utixo wo‐Sirayeli, ekuxinezekeni kwabo, bamfuna ke, waselefunyanwa ngabo. 5Kanjako, ngamaxesha lawo, bekungeko uxolo kulowo upumayo, nakulowo ungenayo; koko izipitipiti ezikulu bezipezu kwabo bonke abemi bamazwe; 6bada batyunyuzwa, isizwe ngakuso isizwe, nesixeko ngakuso isixeko: ngokuba utixo wabapitizelisa ngentlobo zonke zobunzima. 7Ngako nina yomelelani; mazingapolelwa izandla zenu: ngokuba kuko umvuzo emsebenzini wenu.
8Wati akuva u‐Asa lamazwi, nesiprofitesho sika‐Hodedi umprofite, wazomeleza, wakwelelisa izinto ezibuntshontsho kulo lonke ilizwe lakwa‐Juda nelakwa‐Benjamine, nakuzo izixeko wabezitimbile entabeni yakwa‐Frayime, wahlaziya isibingelo sikayehova, esibe sipambi kwentendelezo kayehova. 9Waza wahlanganisa bonke o‐Juda no‐Benjamine, nabasemzini kunye nabo, bevela kwa‐Frayime, na kwa‐Manase, nakwa‐Simone: ngokuba bebepongomela kuye ko‐Sirayeli ngento eninzi, bakubona ukuba uyehova, utixo wake, unaye. 10Baya bazihlanganisela e‐Yerusaleme, ngenyanga yesitatu, ngoweshumi linesihlanu umnyaka wobukumkani buka‐Asa. 11Baza babingela uyehova ngomhla lowo, kuwo amaxoba babewazisile, inkabi ezingamakulu asixe̔nxe, negusha ezingamawaka asixe̔nxe. 12Baye bengena elucebanweni, ukuba bamfune uyehova, utixo woyise babo, ngayo yonke intliziyo yabo, nangawo wonke umpefumlo wabo; 13nokuba osukuba engayi kumfuna uyehova, utixo wo‐Sirayeli, afiswe, nokuba umncinane, nokuba umkulu, nokuba uyindoda, nokuba ungumfazi. 14Baye befunga kuyehova ngelizwi elikulu, nangokumemeza, nangamaxilongo, nangempondo. 15Bati o‐Juda bonke bavuya pezu kwesifungo eso: ngokuba ngayo yonke intliziyo yabo bebefungile, nangayo yonke intando yabo bebemfunile: wada wafunyanwa ngabo, waza uyehova wabanika ukupumla ngokungqonga.
16Kanjako no‐Mahaka, unina ka‐Asa ukumkani, wamshenxisa ukuba angabi ngukumkanikazi, ngokokuba ebelenzile idalo ku‐Ashera; waza u‐Asa wagaula idalo lake, walikanda, walitshisa ngasemlanjaneni we‐Kidrone. 17Kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa kwa‐Sirayeli: noko intliziyo ka‐Asa ibikolisekile yonke imihla yake. 18Wayezingenisa izinto ezingcwele zoyise, nezake izinto ezingcwele, endlwini katixo, isilivere, negolide, nempahla.
19Kwaza akwabiko imfazwe kwada kwangumnyaka wamashumi matatu anesihlanu wobukumkani buka‐Asa.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena