Eyesibini yezikronike 15:1-7

Eyesibini yezikronike 15:1-7 XHO1902A

KWAYE kusiza pezu kwo‐Hazariya unyana ka‐Hodedi UMOYA KATIXO: waza wapuma ukuya kuhlangabeza u‐Asa, wati kuye: Ndipulapuleni, Asa, nabo bonke o‐Juda no‐Benjamine! UYEHOVA woba nani, nxa niman’ ukuba naye; kanjalo ukuba niyamfuna, uya kufunyanwa nini; kanti ukuba niyamshiya, uya kushiya nina. Kekaloku kwasekuntsuku ezininzi o‐Sirayeli bebengenaye UTIXO wenyaniso, nomperisite wokufundisa, nomteto. Kodwa bakuguqukela KUYEHOVA, UTIXO wo‐Sirayeli, ekuxinezekeni kwabo, bamfuna ke, waselefunyanwa ngabo. Kanjako, ngamaxesha lawo, bekungeko uxolo kulowo upumayo, nakulowo ungenayo; koko izipitipiti ezikulu bezipezu kwabo bonke abemi bamazwe; bada batyunyuzwa, isizwe ngakuso isizwe, nesixeko ngakuso isixeko: ngokuba UTIXO wabapitizelisa ngentlobo zonke zobunzima. Ngako nina yomelelani; mazingapolelwa izandla zenu: ngokuba kuko umvuzo emsebenzini wenu.